2 Timoti
4 Ndiyakuyala ngokunzulu phambi koThixo noKristu Yesu, omiselwe ukugweba+ abaphilayo nabafileyo,+ ukuba ngenxa yokulindela ukubonakaliswa+ kwakhe nobukumkani bakhe,+ 2 lishumayele ilizwi+ ngokungxamisekileyo, ngexesha elilungileyo+ nangexesha lenkathazo,+ yohlwaya,+ khalimela, bongoza, ngako konke ukuzeka kade umsindo+ nobugcisa bokufundisa. 3 Kuba kuya kubakho ixesha laxa bengayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo,+ kodwa basuke ngokweminqweno yabo baziqwebele abafundisi bokubanyumbaza iindlebe;+ 4 baya kuyifulathela inyaniso, baphambukele kumabali obuxoki.+ 5 Ke wena, hlala uthe qwa,+ nyamezela ububi,+ yenza umsebenzi womvangeli,+ bufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bakho.+
6 Mna sele ndigalelwa njengomnikelo othululwayo,+ yaye ixesha elililo lokukhululeka kwam+ likufuphi. 7 Ndiwulwile umlo omhle,+ ugqatso ndilubaleke kwada kwesa ekugqibeleni,+ ukholo ndilugcinile.+ 8 Ngoko ke ndibekelwe isithsaba sobulungisa,+ eya kuthi iNkosi, umgwebi olilungisa,+ indinike sona njengomvuzo+ ngaloo mini,+ kanti ingendim kuphela, kodwa kwanabo bonke abo bakuthandayo ukubonakaliswa kwayo.
9 Yenza unako-nako wokuza kum kamsinya.+ 10 Kaloku uDemas+ undishiyile waya eTesalonika, ngenxa yokuthanda inkqubo yezinto yangoku;+ uKreskens uye eGalati,+ uTito uye eDalmatiya. 11 NguLuka yedwa okunye nam. Thabatha uMarko uze naye, kuba uyandinceda+ emsebenzini wobulungiseleli. 12 UTikiko+ ndimthume e-Efese. 13 Xa usiza, uze undiphathele ingubo yokwaleka endayishiya eTrowa+ kuKarpo, nemisongo, ngokukodwa eyesikhumba.
14 UAleksandire+ umkhandi wobhedu wandenza izinto ezininzi ezimbi—uYehova uya kumbuyekeza ngokwezenzo zakhe+— 15 ngoko nawe uze umlumkele, kuba wawachasa ngokuqatha amazwi ethu.
16 Ekuzithetheleleni kwam kokuqala akukho namnye owaba ngakum, kodwa bandishiya bonke+—kwanga abangephenduliswa ngako oko+— 17 kodwa iNkosi yema kufuphi nam,+ yandomeleza,+ ukuze ngam ukushumayela kufezwe ngokuzeleyo, kufikelele kuzo zonke iintlanga;+ yada yandihlangula nasemlonyeni wengonyama.+ 18 INkosi iya kundihlangula kuwo wonke umsebenzi ongendawo,+ indisindise ngenxa yobukumkani bayo basezulwini.+ Kuyo makubekho uzuko ngonaphakade kanaphakade. Amen.
19 Bulisa kuPriska+ nakuAkwila nakwindlu kaOnesiforo.+
20 UErasto+ wasala eKorinte,+ kodwa yena uTrofimo+ ndamshiya eMileto+ egula. 21 Yenza unako-nako ukuba ufike ngaphambi kobusika.
Uyabulisa kuwe uYubhulo noPudens noLino noKlawudiya nabo bonke abazalwana.
22 INkosi mayibe nomoya owubonisayo.+ Ububele bayo obungasifanelanga mabube nani.