Duteronomi
6 “Nguwo lo umyalelo, imimiselo nezigwebo aziyaleleyo uYehova uThixo wenu ukuba nizifundiswe,+ nize nizenze ezweni elo niwelela kulo ukuba nilidle ilifa; 2 ukuze umoyike+ uYehova uThixo wakho, uyigcine yonke imimiselo nemiyalelo yakhe endikuyalela yona, wena nonyana wakho nomzukulwana wakho,+ yonke imihla yobomi bakho, ukuze yolulwe imihla yakho.+ 3 Umele ke uphulaphule, Sirayeli, ukunyamekele ukuyenza,+ ukuze kulunge kuwe,+ nize nande kakhulu, kanye njengoko uYehova uThixo wookhokho bakho wakuthembisayo,+ ngokuphathelele ilizwe eliqukuqela ubisi nobusi.
4 “Phulaphula, Sirayeli: UYehova uThixo wethu nguYehova mnye.+ 5 Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke+ nangomphefumlo wakho wonke+ nangamandla akho onke.+ 6 La mazwi ndikuyalela wona namhlanje amele abe sentliziyweni yakho;+ 7 uze uwabethelele kunyana wakho+ yaye uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho,+ nasekuvukeni kwakho. 8 Uze uwabophe abe ngumqondiso esandleni sakho,+ yaye abe sisibopho esisebunzi phakathi kwamehlo akho;+ 9 uwabhale emigubasini yendlu yakho nasemasangweni akho.+
10 “Kothi xa athe wakungenisa uYehova uThixo wakho kulo ilizwe awalifungela ookhokho bakho, uAbraham, uIsake noYakobi ukuba akunike,+ izixeko ezikhulu nezinenkangeleko entle ongazakhanga,+ 11 nezindlu ezizele zizinto zonke ezintle ongazizalisanga, namaqula embiweyo ongawembanga, izidiliya neminquma ongayityalanga, wadla wanela,+ 12 uze ulumkele ukuba ungamlibali+ uYehova, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yamakhoboka. 13 Uze umoyike uYehova uThixo wakho,+ umkhonze,+ ufunge ngegama lakhe.+ 14 Nize ningalandeli abanye oothixo, nabaphi na oothixo bezizwana eziningqongileyo,+ 15 (kuba uYehova uThixo wakho ophakathi kwakho unguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo,)+ hleze umsindo kaYehova uThixo wakho uvuthe kuwe+ aze akubhubhise ungabikho phezu komhlaba.+
16 “Nize ningamvavanyi+ uYehova uThixo wenu, njengoko namvavanyayo eMasa.+ 17 Nize niyigcine imiyalelo kaYehova uThixo wenu+ nezingqino zakhe+ nemimiselo yakhe+ akuyalele yona.+ 18 Yaye uze wenze okufanelekileyo nokulungileyo emehlweni kaYehova, ukuze kulunge kuwe,+ ungene ulidle ilifa ilizwe elihle awalifungela ookhokho bakho uYehova,+ 19 uzishenxise zonke iintshaba zakho phambi kwakho, kanye njengoko wathembisayo uYehova.+
20 “Xa athe unyana wakho wakubuza ngenye imini,+ esithi, ‘Zithetha ukuthini na ezi zingqino nemimiselo nezigwebo aniyalele ngazo uYehova uThixo wethu?’ 21 uze uthi kunyana wakho, ‘Sasingamakhoboka kaFaro eYiputa, kodwa uYehova wasikhupha eYiputa ngesandla esomeleleyo.+ 22 Ngoko ke uYehova wenza imiqondiso nemimangaliso,+ emikhulu neyintlekele, eYiputa, kuFaro nasendlwini yakhe yonke phambi kwamehlo ethu.+ 23 Wasikhupha khona ukuze asizise apha aze asinike ilizwe awalifungela ookhokho bethu.+ 24 Ngoko ke uYehova wasiyalela ukuba siyenze le miyalelo yonke,+ ukuba simoyike uYehova uThixo wethu ukuze kulunge kuthi ngamaxesha onke,+ size sihlale siphila njengokuba kunjalo namhla.+ 25 Koba bubulungisa kuthi,+ xa sithe sakunyamekela ukuwenza wonke lo myalelo phambi koYehova uThixo wethu, kanye njengoko esiyalele.’+