1 Petros
4 Ngoko ke ekubeni uKristu wabandezeleka enyameni,+ nani zimiseleni ngokufanayo;+ ngenxa yokuba umntu obandezelekileyo enyameni uziyekile izono,+ 2 ukuze ixesha lakhe eliseleyo esenyameni aliphilele,+ kungekhona kwiminqweno yabantu, kodwa ekuthandeni kukaThixo.+ 3 Kuba lanele ixesha+ elidluleyo lokuba nisebenze ukuthanda kweentlanga+ xa naniqhubeka nezenzo zehambo evakalala,+ ezinkanukweni, ekuzinkcinkceni ngewayini,+ kwiziyunguma, ezindywaleni, nakunqulo-zithixo olungekho mthethweni.+ 4 Ngenxa yokuba ningaqhubeki nibaleka kunye nabo kweli khondo ukuya kumgxobhozo ofanayo woburheletyo,+ babhidekile yaye bahamba benitshabhisa.+ 5 Kodwa aba bantu baya kuphendula kulowo+ ulungele ukugweba abo baphilayo nabo bafileyo.+ 6 Enyanisweni, ngenxa yale njongo iindaba ezilungileyo zavakaliswa nakwabafileyo,+ ukuze bagwetywe enyameni ngokwembono yabantu+ kodwa baphile emoyeni+ ngokwembono kaThixo.
7 Kodwa isiphelo sezinto zonke sisondele.+ Ngoko ke, yibani ngabaphilileyo engqondweni,+ nikuphaphele ukuthandaza.+ 8 Ngaphezu kwezinto zonke, yibani nothando olunzulu omnye ngomnye,+ kuba uthando lugubungela inkitha yezono.+ 9 Bukanani ngaphandle kokumbombozela.+ 10 Njengoko ngamnye wenu wasamkelayo isiphiwo, lungiselelanani ngaso njengamagosa amahle obubele obungasifanelanga bukaThixo obubonakaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo.+ 11 Nabani na othethayo, makavakalise izibhengezo ezingcwele+ zikaThixo; nabani na olungiselelayo,+ makalungiselele exhomekeke emandleni awanikwa nguThixo;+ khon’ ukuze kuzo zonke izinto uThixo azukiswe+ ngoYesu Kristu. Uzuko+ namandla ngawakhe ngonaphakade kanaphakade. Amen.
12 Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo otshisayo ngaphakathi kwenu wokunilinga,+ ngokungathi nehlelwa yinto engaqhelekanga. 13 Kunoko, yibani nemihlali+ njengoko ninesabelo kwiimbandezelo zikaKRISTU,+ kuba oko kuya kunenza nibe nemihlali yaye nivuye ngokugqithiseleyo ekutyhilekeni+ kozuko lwakhe. 14 Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu,+ ninoyolo,+ ngenxa yokuba umoya wozuko, oko kukuthi, umoya kaThixo, uphumle phezu kwenu.+
15 Noko ke, makungabikho namnye kuni obandezeleka+ ngenxa yokuba engumbulali okanye isela okanye umenzi-bubi okanye ugqada-mbekweni+ kwimicimbi yabanye abantu. 16 Kodwa ukuba ubandezeleka+ njengomKristu, makangaziva eneentloni,+ kodwa makaqhubeke ezukisa uThixo ngalo elo gama. 17 Ngokuba lixesha lokuba umgwebo uqale ngendlu kaThixo.+ Ukuba ke uqala ngathi kuqala,+ siya kuba yintoni na isiphelo sabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo zikaThixo?+ 18 “Yaye ukuba umntu olilungisa usindiswa nzima,+ wobonakala phi na ke yena umntu ongahloneli Thixo nomoni?”+ 19 Ngoko, ke, abo babandezeleka ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo mabahlale beyaleza imiphefumlo yabo kuMdali othembekileyo ngoxa besenza okulungileyo.+