1 Petros
5 Ngoko ke, njengendoda enkulu,+ elingqina+ leembandezelo zikaKRISTU, nenesabelo kuzuko oluza kutyhilwa,+ ndiyawabongoza amadoda amakhulu aphakathi kwenu, ndisithi: 2 Waluseni+ umhlambi kaThixo+ eniwunyamekelayo, kungengakunyanzelwa, kodwa ngokuzithandela;+ kungekhona ngokuthanda inzuzo yokunganyaniseki,+ kodwa ngentumekelelo; 3 ningabi ziinkosi+ phezu kwabo balilifa likaThixo,+ kodwa yibani yimizekelo emhlambini.+ 4 Uya kuthi ke akubonakaliswa umalusi oyintloko,+ namkele isithsaba esingambatshiyo+ sozuko.+
5 Ngokunjalo, nina madodana, wathobeleni+ amadoda amakhulu. Bhinqani nonke ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye,+ ngenxa yokuba uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.+
6 Zithobeni, ke ngoko, phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elililo;+ 7 liphoseni kuye lonke ixhala lenu,+ kuba unikhathalele.+ 8 Hlalani nithe qwa, nilindile.+ Utshaba lwenu, uMtyholi, luhambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo.+ 9 Yimani ngokunxamnye nalo,+ niqinile elukholweni, nisazi ukuba behlelwa kwaziimbandezelo ezifanayo nabazalwana benu bonke ehlabathini.+ 10 Kodwa, emva kokuba nibandezeleke okwethutyana,+ uTHIXO wabo bonke ububele obungasifanelanga, owanibizela kuzuko lwakhe olungunaphakade+ ngokumanyene+ noKristu, uya kulugqiba ngokwakhe uqeqesho lwenu, uya kuniqinisa,+ uya kunomeleza.+ 11 Kuye makubekho amandla+ ngonaphakade. Amen.
12 NgoSilvano,+ endimgqala njengomzalwana othembekileyo, ndinibhalele ngamazwi ambalwa,+ ndinikhuthaza, ndinikela nobungqina bokuba ngokwenene obu bububele obungasifanelanga bukaThixo; yimani niqinile kubo.+ 13 Uyanibulisa lowo useBhabhiloni,+ nonyuliweyo njengani, wenjenjalo noMarko+ unyana wam. 14 Bulisanani ngolwango lothando.+
Ngamana ninganoxolo nonke nina nimanyene noKristu.+