1 Timoti
1 UPawulos, umpostile+ kaKristu Yesu phantsi komyalelo kaThixo+ uMsindisi wethu+ nokaKristu Yesu, ithemba lethu,+ 2 ubhalela uTimoti,+ umntwana wokwenene+ elukholweni:
Ngamana kungakho ububele obungasifanelanga, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uBawo noKristu Yesu iNkosi yethu.+
3 Njengoko ndakukhuthazayo ekumkeni kwam ndisiya eMakedoni+ ukuba uhlale e-Efese, ndisakukhuthaza nangoku, ukuze uyalele+ abathile abalapho ukuba bayeke ukufundisa imfundiso eyahlukileyo,+ 4 nokunikela ingqalelo kumabali obuxoki+ nakwimilibo yokuzalwa, engaphele ndawo,+ zinto ezo ezivelisa imibuzo efuna uphando kunokwabiwa kwayo nantoni na nguThixo ngokunxibelelene nokholo. 5 Ngokwenene injongo yalo myalelo luthando+ oluphuma kwintliziyo ehlambulukileyo+ noluphuma kwisazela esilungileyo+ noluphuma kukholo olungenaluhanahaniso.+ 6 Ngokuphambuka kwezi zinto abathile baye baphambukiselwa+ kwintetho engento,+ 7 befuna ukuba ngabafundisi+ bomthetho,+ kodwa bengaziqondi izinto abazitshoyo nabazimela ngokuqinileyo.
8 Ke kaloku siyazi ukuba uMthetho usulungekile+ ukuba nje ubani uwuphatha ngokomthetho+ 9 esazi nje esi sibakala, sokuba umthetho uwiselwa, kungekhona umntu olilungisa, kodwa abantu abachas’ umthetho+ nabangalawulekiyo,+ abangenabuthixo naboni, abaswele ububele bothando,+ abahlambelayo, abo babulala ooyise noonina, izibulala-mntu, 10 abahenyuzi,+ amadoda alalanayo, abaqweqwedisi, amaxoki, abafungi bobuxoki,+ nayo nayiphi na enye into echasene+ nemfundiso ephilileyo+ 11 ngokweendaba ezilungileyo ezizukileyo zoThixo onoyolo,+ endaphathiswa zona.+
12 Ndinombulelo kuKristu Yesu iNkosi yethu, owandinika amandla, ngenxa yokuba wandigqala ndithembekile+ ngokundabela ubulungiseleli,+ 13 nangona ngaphambili ndandingumnyelisi nomtshutshisi+ nomntu osileyo.+ Noko ke, ndenzelwa inceba,+ ngenxa yokuba ndandisenza ngokungazi,+ ndiswele ukholo. 14 Kodwa iNkosi yethu yandenzela ububele obungasifanelanga obugqithiseleyo,+ yandinika ukholo nothando olukuKristu Yesu.+ 15 Lithembekile yaye lifanelwe kukwamkelwa ngokupheleleyo ilizwi elithi+ uKristu Yesu weza ehlabathini ukuze asindise aboni.+ Ndingobalaseleyo kubo.+ 16 Noko ke, isizathu sokuba ndenzelwe inceba+ sasikukuba njengoko imeko yam yayibalasele uKristu Yesu abonakalise ngam konke ukuzeka kade umsindo kwakhe, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye+ ukuze bazuze ubomi obungunaphakade.+
17 Ke kaloku kuye uKumkani kanaphakade,+ ongenakonakala,+ nongabonakaliyo,+ uThixo okuphela kwakhe,+ makubekho imbeko nozuko ngonaphakade kanaphakade.+ Amen.
18 Lo myalelo+ ndiwunikela kuwe, mntwana wam, Timoti, ngokuvumelana noko kwakuxelwe kwangaphambili+ ngawe, ukuze ngako uqhubeke usilwa umlo omhle;+ 19 unokholo nesazela esilungileyo,+ abaye basityeshela+ baza baphukelwa yinqanawa mayelana nokholo.+ 20 UHimenayo+ noAleksandire+ ngabanye babo, yaye ndibanikele kuSathana+ ukuze baqeqeshwe ukuba banganyelisi.+