Mateyu
15 Ngoko kweza kuYesu abaFarisi nababhali bevela eYerusalem,+ besithi: 2 “Kutheni abafundi bakho besigqitha isithethe sabantu bamaxesha angaphambili? Ngokomzekelo, abazihlambi izandla zabo xa beza kudla isidlo.”+
3 Ekuphenduleni wathi kubo: “Kutheni nani niwugqitha umyalelo kaThixo ngenxa yesithethe senu?+ 4 Ngokomzekelo, uThixo wathi, ‘Beka uyihlo nonyoko’;+ yaye wathi ‘Lowo utshabhisa uyise okanye unina makafe.’+ 5 Kodwa nina nithi, ‘Nabani na othi kuyise okanye kunina: “Nakuphi na endinako ebekunokuba yingenelo kuwe, ndikunikele kuThixo njengesipho,” 6 makangambeki uyise konke konke.’+ Ngoko nilitshitshisile ilizwi likaThixo ngenxa yesithethe senu.+ 7 Bahanahanisindini,+ watyapha ukuprofeta ngani uIsaya,+ xa wathi, 8 ‘Esi sizwana sindibeka ngemilebe yaso, kanti intliziyo yaso ikude lee kum.+ 9 Sindinqulela ilize, kuba sifundisa iimfundiso eziyimiyalelo yabantu.’”+ 10 Ngako oko wasibizela kufutshane isihlwele waza wathi kuso: “Phulaphulani nize nikuqonde oku:+ 11 Asikokungena emlonyeni wakhe okumenza inqambi umntu; kodwa okuphuma emlonyeni wakhe kuko okumenza inqambi umntu.”+
12 Beza ke abafundi kuye baza bathi: “Uyazi na ukuba abaFarisi bakhubekile bakuva oko ukuthethileyo?”+ 13 Ekuphenduleni wathi: “Sonke isityalo esingatyalwanga nguBawo osemazulwini siya kuncothulwa.+ 14 Bayekeni benjalo. Bangabakhokeli abaziimfama. Ukuba ke, imfama ikhokela enye imfama, zombini ziya kweyela emhadini.”+ 15 Esabela uPetros wathi kuye: “Sicacisele lo mzekeliso.”+ 16 Ngako oku wathi: “Kanti nani nikwanje na ukungaqondi?+ 17 Aniqondi na ukuba yonk’ into engena emlonyeni idlulela emathunjini ize ikhutshelwe kumjelo ogutyulayo? 18 Noko ke, izinto eziphuma emlonyeni ziphuma entliziyweni, kwaye ezo zinto zimenza inqambi umntu.+ 19 Ngokomzekelo, entliziyweni kuphuma iingcinga ezingendawo,+ ukubulala, ukukrexeza, uhenyuzo, ubusela, ubungqina bobuxoki, izinyeliso.+ 20 Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa ukutya ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu.”+
21 Emkile apho, uYesu waya kwimimandla yaseTire naseSidon.+ 22 Yaye, khangela! kwaphuma umfazi waseFenike+ evela kuloo mimandla waza wadanduluka kakhulu, esithi: “Yiba nenceba kum,+ Nkosi, Nyana kaDavide. Intombi yam iphethwe kakubi yidemon.” 23 Kodwa akazange athethe nelizwi ukumphendula. Ngoko beza abafundi bakhe baza bamcela besithi: “Mndulule; ngenxa yokuba uyasilandela edanduluka.” 24 Ekuphenduleni wathi: “Andithunyelwanga nakubaphi na ngaphandle kwezimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.”+ 25 Weza ke umfazi lowo waqubuda kuye, esithi: “Nkosi, ndincede!”+ 26 Ekuphenduleni wathi: “Akulunganga ukuthabatha isonka sabantwana uze usiphose ezinjaneni.” 27 Wathi: “Ewe, Nkosi; kodwa ngokwenene iinjana zidla iimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.”+ 28 Waza ke uYesu waphendula wathi kuye: “Owu mfazi, ukholo lwakho lukhulu; makwenzeke kuwe ngokomnqweno wakho.” Yaphiliswa ke intombi yakhe kwangelo lixa.+
29 Ecanda ilizwe ukusuka apho, uYesu wafika ngakulwandle lwaseGalili,+ wenyuka intaba,+ waza wahlala phantsi. 30 Kweza kuye izihlwele ezikhulu, zinabantu ababeqhwalela, izilima, iimfama, izimumu, nabanye abaninzi, zababeka ezinyaweni zakhe, waza wabaphilisa;+ 31 kangangokuba isihlwele sathi manga njengoko sasibona izimumu zithetha neziqhwala zihamba neemfama zibona, saza samzukisa uThixo kaSirayeli.+
32 Kodwa uYesu wabizela kuye abafundi bakhe waza wathi:+ “Ndiyasisizela+ esi sihlwele, ngenxa yokuba sekuziintsuku ezintathu sihleli nam yaye asinanto yakudla; kwaye andifuni kusindulula singatyanga. Kunokwenzeka sityhafe endleleni.” 33 Noko ke, abafundi bathi kuye: “Siya kuzifumana phi kule ndawo ingasese izonka ezinokwanela isihlwele esingaka?”+ 34 Waza uYesu wathi kubo: “Zingaphi izonka eninazo?” Bathi: “Zisixhenxe, neentlanzana ezimbalwa.” 35 Ngoko, emva kokuyalela isihlwele ukuba singqendeve emhlabeni, 36 wazithabatha ezo zonka zisixhenxe neentlanzi waza, emva kokubulela, waziqhekeza, wazabela abafundi, baza bona abafundi bazabela izihlwele.+ 37 Badla bonke banela, baza bazalisa iingobozi zomphako ezisixhenxe ngamaqhekeza aseleyo.+ 38 Kanti abo babesidla yayingamadoda angamawaka amane, ngaphandle kwabafazi nabantwana abaselula. 39 Ekugqibeleni, emva kokundulula izihlwele, wakhwela esikhepheni waya kwimimandla yaseMagadan.+