1 Timoti
2 Ngoko ke ndiyanibongoza, okokuqala kuko konke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo,+ izibongozelo, imibulelo, ngokuphathelele zonke iintlobo zabantu,+ 2 ngokuphathelele ookumkani+ nabo bonke abo bakwizikhundla eziphakamileyo;+ ukuze siqhubeke siphila ubomi bokuzola noboxolo ngozinikelo lobuthixo nokundileka okupheleleyo.+ 3 Oku kuhle yaye kwamkelekile+ emehlweni oMsindisi wethu, uThixo,+ 4 othanda ukuba zonke iintlobo zabantu+ zisindiswe+ zize zifikelele elwazini oluchanileyo+ lwenyaniso.+ 5 Kuba mnye uThixo,+ mnye nomlamli+ phakathi koThixo+ nabantu,+ uKristu Yesu,+ 6 lowo wazinikela waba yintlawulelo yabo bonke+—nto leyo ekuza kunikelwa ubungqina ngayo ngexesha elifanelekileyo. 7 Kwakungenjongo yokuba ndinikele obo bungqina,+ le nto ndamiselwa njengomshumayeli nompostile+ ofundisa iintlanga+ ngokholo+ nenyaniso—ndinyanisile+ xa nditshoyo, andixoki.
8 Ngoko ke ndinqwenela ukuba kuyo yonke indawo amadoda aqhubeke ethandaza, ephakamisa izandla ezinyanisekileyo,+ ngaphandle kwengqumbo+ nokuxambulisana.+ 9 Ngokunjalo ndinqwenela ukuba abafazi bazihombise ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama+ nangengqondo ephilileyo, kungekhona ngezimbo zokulukwa kweenwele nokunxitywa kwegolide neeperile nezambatho zeendleko ezinkulu,+ 10 kodwa ngendlela efanele abafazi abazibanga behlonela uThixo,+ oko kukuthi, ngemisebenzi elungileyo.+
11 Umfazi makafunde ethe cwaka ngokululama okupheleleyo.+ 12 Andimvumeli umfazi ukuba afundise,+ okanye asebenzise igunya endodeni,+ kodwa makathi cwaka. 13 Kuba kwayilwa uAdam kuqala, kwaza kwalandela uEva.+ 14 Kanjalo, akukhohliswanga Adam,+ kodwa ngumfazi owakhohliswa ngokupheleleyo+ waza wanxaxha.+ 15 Noko ke, uya kugcinwa ekhuselekile ngokuzala abantwana,+ ukuba nje baqhubeka elukholweni naseluthandweni benobungcwalisa nengqondo ephilileyo.+