1 Korinte
15 Ke kaloku bazalwana, ndinazisa iindaba ezilungileyo+ endazivakalisa kuni,+ ezo nani nazamkelayo, enimiyo kuzo,+ 2 nenisindiswa ngazo,+ ukuba nibambelela nkqi kuzo ngentetho endazivakalisa ngayo iindaba ezilungileyo kuni, ngaphandle kokuba, enyanisweni, naba ngamakholwa ngokungenanjongo.+
3 Kuba ndanikezela kuni, phakathi kwezinto zokuqala, oko nam ndakwamkelayo,+ okokuba uKristu wafela izono zethu, ngokutsho kweZibhalo;+ 4 wangcwatywa,+ waza wavuswa+ ngomhla wesithathu,+ ngokutsho kweZibhalo;+ 5 wabonakala kuKefas,+ nakwabalishumi elinesibini.+ 6 Emva koko wabonakala kubazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu ngexesha elinye, inkoliso yabo esahleliyo nangoku,+ kodwa bambi balele ekufeni. 7 Emva koko wabonakala kuYakobi,+ nakubapostile bonke;+ 8 kodwa ekugqibeleni kwabo bonke wabonakala nakum+ ngokungathi kukulowo uzelwe ngaphambi kwexesha.
9 Kuba ndingoyena mncinane+ kubapostile, yaye andikufanelekelanga ukubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa yokuba ndalitshutshisa+ ibandla likaThixo. 10 Kodwa ngobubele obungasifanelanga bukaThixo+ ndiyile nto ndiyiyo. Yaye ububele bakhe obungasifanelanga obabukum abubanga lilize,+ kodwa ndasebenza ukubagqitha bonke,+ kanti ingendim kodwa ibububele obungasifanelanga bukaThixo obukum.+ 11 Noko ke, nokuba ndim, nokuba ngabo, senjenjalo thina ukushumayela nize nina nenjenjalo ukukholwa.+
12 Ke kaloku ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvusiwe kwabafileyo,+ kwenzeka njani na ukuba abathile phakathi kwenu bathi akukho luvuko lwabafileyo?+ 13 Ukuba, eneneni, akukho luvuko lwabafileyo, noKristu akavuswanga.+ 14 Kodwa ukuba uKristu akavuswanga, ngokuqinisekileyo ukushumayela kwethu kulilize, nokholo lwethu lulilize.+ 15 Ngaphezu koko, nathi soba singqina ubuxoki ngoThixo,+ ngenxa yokuba sinikele ubungqina+ nxamnye noThixo bokuba umvusile uKRISTU,+ angamvusanga, ukuba abafileyo ngokwenene abayi kuvuswa.+ 16 Kuba ukuba abafileyo abayi kuvuswa, noKristu akavuswanga. 17 Ngokubhekele phaya, ukuba uKristu akavuswanga, ukholo lwenu alunamsebenzi; nisesezonweni zenu.+ 18 Enyanisweni, abo balele ekufeni bemanyene+ noKristu batshabalele.+ 19 Ukuba besithembele kuKristu+ kobu bomi kuphela, singabona bokusizelwa kubantu bonke.
20 Noko ke, uKristu uvusiwe kwabafileyo,+ intlahlela+ kwabalele ekufeni.+ 21 Ekubeni ukufa+ kungomntu, nokuvuka ekufeni+ kukwangomntu. 22 Kuba kanye njengoko kuAdam bonke besifa,+ ngokunjalo nakuKRISTU bonke baya kwenziwa baphile.+ 23 Kodwa ngamnye kuluhlu lwakhe: UKristu intlahlela,+ emva koko abo bangabakaKRISTU ebudeni bobukho bakhe.+ 24 Kwandule ke kufike isiphelo, xa enikela ubukumkani kuThixo wakhe noYise, xa etshitshise wonke urhulumente nalo lonke igunya namandla.+ 25 Kuba umele alawule njengokumkani ade uThixo azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba.+ 26 Olokugqibela utshaba oluya kutshitshiswa kukufa.+ 27 Kuba uThixo “wazithobela phantsi kweenyawo zakhe zonke izinto.”+ Kodwa xa esithi ‘zonke izinto zithotyiwe,’+ kuyabonakala ukuba akabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto.+ 28 Zakuba zithotyelwe phantsi kwakhe zonke izinto,+ uya kwandula ke noNyana ngokwakhe azithobe kuLowo+ wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.+
29 Kungenjalo, baya kwenza ntoni na abo babhaptizwa ngenjongo yokuba ngabo bafileyo?+ Ukuba abafileyo abayi kuvuswa konke konke,+ kutheni bekwabhaptizwa+ ngenjongo yokuba ngabanjalo? 30 Kutheni nathi sisiba semngciphekweni ngamaxa onke?+ 31 Mihla le ndijamelana nokufa.+ Oku ndikutsho ngemihlali+ ngenxa yenu, bazalwana, endinayo kuKristu Yesu iNkosi yethu. 32 Ukuba, njengabantu, ndiye ndalwa namarhamncwa e-Efese,+ kundinceda ngantoni na oko? Ukuba abafileyo abayi kuvuswa, “masidle size sisele, kuba ngomso siza kufa.”+ 33 Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.+ 34 Vukani niqabuke+ nenze ubulungisa, ningasiqheliseli isono, kuba bambi baswele ulwazi ngoThixo.+ Ndikuthetha oku ukuze nidane.+
35 Noko ke, omnye uya kuthi: “Bavuswa njani na abafileyo? Beza benamzimba unjani na?”+ 36 Mntundini ungenangqiqo! Oko ukuhlwayelayo akwenziwa kuphile ngaphandle kokuba kuyafa kuqala;+ 37 yaye kona ke oko ukuhlwayelayo, uhlwayela, kungekhona isiqu esiya kuvela, kodwa ukhozo nje,+ nokuba lolwengqolowa okanye naluphi na olunye; 38 kodwa uThixo unika mbewu nganye isiqu+ sayo kanye njengoko ethanda.+ 39 Inyama yonke ayifani, kukho inyama yabantu, neyeenkomo, nenyama yeentaka, neyeentlanzi.+ 40 Yaye kukho imizimba yasezulwini,+ nemizimba yasemhlabeni;+ lulodwa uzuko+ lwemizimba yasezulwini, lulodwa uzuko lwemizimba yasemhlabeni. 41 Bubodwa ubuqaqawuli belanga,+ bubodwa ubuqaqawuli benyanga,+ bubodwa ubuqaqawuli beenkwenkwezi;+ enyanisweni, inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli.
42 Kukwanjalo nangovuko lwabafileyo.+ Uhlwayelwa unokonakala, uvuswa unokungonakali.+ 43 Uhlwayelwa ungabekekanga,+ uvuswa unozuko.+ Uhlwayelwa ubuthathaka,+ uvuswa unamandla.+ 44 Kuhlwayelwa umzimba wenyama,+ kuvuswa umzimba womoya.+ Ukuba kukho umzimba wenyama, kukwakho nowomoya. 45 Ngokukwanjalo kubhaliwe kwathiwa: “Umntu wokuqala uAdam waba ngumphefumlo ophilayo.”+ UAdam wokugqibela waba ngumoya+ onik’ ubomi.+ 46 Noko ke, okokuqala, asikuko okomoya, kodwa kokwenyama, emva koko ibe kokomoya.+ 47 Umntu wokuqala uphuma emhlabeni yaye wenziwe ngothuli;+ umntu wesibini uphuma ezulwini.+ 48 Njengoko enjalo lowo wenziwe ngothuli,+ bakwanjalo ke nabo benziwe ngothuli; yaye njengoko enjalo lowo ungowasezulwini,+ bakwanjalo ke nabo bangabasezulwini.+ 49 Yaye kanye njengoko siye sanawo umfanekiso+ walowo wenziwe ngothuli, siya kuba nawo nomfanekiso+ walowo ungowasezulwini.
50 Noko ke, oku ndiyakutsho, bazalwana, ukuthi inyama negazi azinakubudla ilifa ubukumkani bukaThixo,+ kungenako nokonakala ukudla ilifa ukungonakali.+ 51 Khangelani! ndinixelela imfihlelo engcwele: Asiyi kulala ekufeni sonke, kodwa sonke siya kutshintshwa,+ 52 ngesiquphe, ngokuqhwanyaza kweliso, ebudeni bexilongo lokugqibela. Kuba liya kukhala ixilongo,+ yaye abafileyo baya kuvuswa bengenakonakala,+ ibe siya kutshintshwa. 53 Kuba oku konakalayo+ kumele kwambathe ukungonakali, noku kufayo kumele kwambathe ukungafi. 54 Kodwa xa oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali noku kufayo kwambatha ukungafi, liya kwandula ke lenzeke ilizwi elibhaliweyo kwathiwa: “UKufa+ kuginywe ngonaphakade.”+ 55 “Kufa, luphi na uloyiso lwakho? Kufa, luphi na ulwamvila lwakho?”+ 56 Ulwamvila+ oluvelisa ukufa sisono, kodwa amandla esono nguMthetho.+ 57 Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu!+
58 Ngenxa yoko, bazalwana bam abaziintanda, qinani,+ ningabi nakushukuma, nisoloko ninokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi,+ nisazi ukuba ukusebenza kwenu akulolize+ eNkosini.