Hebhere
9 Wona ke, ngoko, umnqophiso wangaphambili wawunemimiselo yawo ngokuphathelele ukunikelwa kwenkonzo engcwele,+ wawukwanayo nendawo yawo engcwele emhlabeni.+ 2 Kuba kwakhiwa icandelo lokuqala lentente+ ekwakukho kulo isiphatho sezibane+ kwanetafile+ nesiboniso sezonka;+ yaye libizwa ngokuthi “iNdawo Engcwele.”+ 3 Kodwa ngemva kwekhuselo+ lesibini kwakukho icandelo lentente elibizwa ngokuthi “eYona Ngcwele.”+ 4 Lalinesiqhumiso segolide+ netyeya yomnqophiso+ eyalekwe macala onke ngegolide,+ kukho kuyo ingqayi yegolide inemana+ kunye nentonga ka-Aron eyayimile amathupha+ kunye namacwecwe+ omnqophiso; 5 kodwa ngaphezu kwayo kwakukho iikherubhi+ ezizukileyo zisibekele isigubungelo socamagushelo.+ Kodwa ngoku asiloxesha lokuthetha ngokweenkcukacha ngezi zinto.
6 Emva kokuba ezi zinto zakhiwe ngale ndlela, ababingeleli babengena kwicandelo lokuqala lentente+ ngamaxesha onke ukuze benze inkonzo engcwele;+ 7 kodwa kwicandelo lesibini ngumbingeleli omkhulu yedwa ongenayo kanye ngonyaka,+ kungekhona ngaphandle kwegazi,+ alinikela ngenxa yakhe+ nangenxa yezono ezenziwa ngabantu ngokungazi.+ 8 Ngaloo ndlela umoya oyingcwele ukwenza kucace ukuba indlela+ eya kwindawo engcwele yayingenakubonakaliswa ngoxa intente yokuqala yayimile.+ 9 Yona kanye le ntente ingumzekeliso+ wexesha elimisiweyo elilapha ngoku,+ yaye ngokuvumelana nayo kunikelwa izipho nemibingelelo.+ Noko ke, zona ezi azikwazi kumenza agqibelele+ ngokuphathelele isazela sakhe+ umntu owenza inkonzo engcwele, 10 kodwa zinento yokwenza kuphela nokutya+ nesiselo+ nobhaptizo olwahlukahlukeneyo.+ Zaziyimfuneko esemthethweni ngokuphathelele inyama+ yaye zabekwa de kwalixesha elimisiweyo lokulungelelanisa izinto.+
11 Noko ke, xa uKristu weza njengombingeleli omkhulu+ wezinto ezilungileyo eziye zenzeka, ngentente enkulu ngakumbi negqibelele ngakumbi engenziwanga ngazandla, oko kukuthi, engeyoyale ndalo,+ 12 wangena, kungekhona ngegazi+ leebhokhwe nelamathole eenkomo aziinkunzi, kodwa ngelakhe igazi,+ kwaba kanye kwindawo engcwele waza wasizuzela intlangulo engunaphakade.+ 13 Kuba ukuba igazi leebhokhwe+ neleenkunzi zeenkomo+ nothuthu+ lwethokazi olufefwe kwabo benziwe iinqambi+ lingcwalisa ukusa kumkhamo wokuhlanjululwa kwenyama,+ 14 liya kuba nako ngakumbi kangakanani na ke lona igazi+ likaKristu, owathi ngomoya ongunaphakade wazinikela+ kuThixo engenasiphako, ukuhlambulula+ izazela zethu kwimisebenzi efileyo+ ukuze sinikele inkonzo engcwele+ kuThixo ophilayo?
15 Kungenxa yoko le nto engumlamli+ womnqophiso omtsha, ukuze, ngokufa kwakhe, okubakhulule ngentlawulelo+ ekunxaxheni phantsi komnqophiso wangaphambili+ abo babiziweyo, bakwazi ukufumana isithembiso selifa elingunaphakade.+ 16 Kuba apho kukho umnqophiso,+ kufuneka kulungiselelwe ukufa komnqophisi ongumntu. 17 Kuba umnqophiso uqinisekiswa ngokufa kwamaxhoba, ekubeni ungenamandla nangaliphi na ixesha ngoxa umnqophisi ongumntu ephila. 18 Ngenxa yoko nomnqophiso wangaphambili+ awusungulwanga ngaphandle kwegazi.+ 19 Kuba xa yonke imiyalelo evumelana noMthetho yathethwa ngoMoses kubo bonke abantu,+ wathabatha igazi lamathole eenkomo aziinkunzi neleebhokhwe kunye namanzi noboya obungqombela nehisope+ waza wafefa incwadi ngokwayo nabo bonke abantu, 20 esithi: “Eli ligazi lomnqophiso uThixo awubeke njengomyalo phezu kwenu.”+ 21 Waza ngokunjalo wafefa nentente+ nazo zonke izitya zenkonzo kawonke-wonke ngegazi elo.+ 22 Ewe, phantse zonke izinto zihlanjululwa ngegazi+ ngokuvumelana noMthetho, yaye kungaphalalanga gazi,+ akubikho kuxolelwa.+
23 Ngoko ke kwakuyimfuneko ukuba intsobi+ yezinto ezisemazulwini ihlanjululwe ngale ndlela,+ kodwa kuzo zona izinto zasezulwini ngokwazo kufuneka imibingelelo elunge ngakumbi kunemibingelelo enjalo. 24 Kuba uKristu wangena, kungekhona kwindawo engcwele eyenziwe ngezandla,+ engumfanekiso weyokwenene,+ kodwa ezulwini ngokwalo,+ ukuze ngoku abonakale phambi kukaThixo ngenkqu ngenxa yethu.+ 25 Akaphindaphindi ukuzinikela, njengoko umbingeleli omkhulu wayengena kwindawo engcwele+ minyaka le+ negazi elingelolakhe. 26 Kungenjalo, bekuya kufuneka abandezeleke ngokufuthi ukususela ekusekweni+ kwehlabathi. Kodwa ngoku uzibonakalise+ kwaba kanye+ ekuphelisweni kweenkqubo zezinto+ ukuze asisuse isono ngombingelelo wakhe siqu.+ 27 Yaye njengoko kubekelwe abantu+ ukuba bafe kube kanye, kodwa emva koku ibe ngumgwebo,+ 28 ngoko ngokunjalo noKristu wanikelwa kwaba kanye+ ukuze athwale izono zabaninzi;+ yaye ukubonakala kwakhe+ okwesibini+ uya kube engenanto yakwenza nesono,+ koko eze kusindisa abo bamfuna ngenyameko.+