Isaya
12 Yaye ngaloo mini+ ngokuqinisekileyo uya kuthi: “Ndiya kukubulela, Yehova, kuba nangona ubundiqumbele, umsindo wakho uye wabuya,+ waqala ukundithuthuzela.+ 2 Khangela! UThixo lusindiso lwam.+ Ndiya kukholosa ndize ndingankwantyi;+ kuba uYa uYehova ungamandla am+ nokomelela kwam,+ kwaye uye waba lusindiso lwam.”+
3 Ngokuqinisekileyo niya kukha amanzi emithonjeni yosindiso ninemigcobo.+ 4 Yaye ngaloo mini ngokuqinisekileyo niya kuthi: “Bulelani kuYehova!+ Bizani egameni lakhe.+ Zaziseni phakathi kwezizwana izenzo zakhe.+ Likhankanyeni igama lakhe ukuba libekwe phezulu.+ 5 Culelani uYehova+ uncuthu lwengoma, kuba wenze ngokugqwesileyo.+ Oku kwaziswa emhlabeni wonke.
6 “Danduluka kabukhali uze umemelele ngovuyo, wena mmi ulibhinqa waseZiyon, kuba mkhulu phakathi kwakho Lowo Uyingcwele kaSirayeli.”+