Roma
10 Bazalwana, umnqweno okholekileyo wentliziyo yam nesikhungo sam ngabo kuThixo, eneneni, kukuba basindiswe.+ 2 Kuba ndinikela ubungqina bokuba banenzondelelo+ kuThixo; kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo;+ 3 kuba, ngenxa yokungabazi ubulungisa bukaThixo+ kodwa befuna ukuzimisela obabo,+ abazange bazithobe kubulungisa bukaThixo.+ 4 Kuba uKristu ukukuphela koMthetho,+ ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo abe nobulungisa.+
5 Kuba uMoses ubhala athi umntu oye wabenza ubulungisa boMthetho uya kuphila ngabo.+ 6 Kodwa ubulungisa obuphuma elukholweni buthetha ngale ndlela: “Musa ukuthi entliziyweni yakho,+ ‘Ngubani na oya kunyuka aye ezulwini?’+ oko kukuthi, ukuze ahlise uKristu;+ 7 okanye, ‘Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni?’+ oko kukuthi, ukuze anyuse uKristu kwabafileyo.”+ 8 Kodwa buthini na ke? “Ilizwi likufuphi kuni, emlonyeni wenu nasentliziyweni yenu”;+ oko kukuthi, “ilizwi”+ lokholo, esilishumayelayo.+ 9 Kuba ukuba ulivakalisa esidlangalaleni elo ‘lizwi lisemlonyeni wakho,’+ lokuba uYesu uyiNkosi,+ uze ubonise ukholo entliziyweni yakho lokuba uThixo wamvusa kwabafileyo,+ uya kusindiswa.+ 10 Ngentliziyo+ ubani ubonisa ukholo lobulungisa, kodwa ngomlomo wenza uvumo lwasesidlangalaleni+ losindiso.
11 ISibhalo sithi: “Akukho namnye ukholwayo+ kuye uya kudaniswa.”+ 12 Akukho lucalucalulo phakathi komYuda nomGrike,+ kuba kukho iNkosi enye kubo bonke, esisityebi+ kubo bonke abo babiza kuyo. 13 “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.”+ 14 Noko ke, baya kubiza njani na kulowo bangakholwanga kuye?+ Baya kukholwa njani na kulowo bangevanga ngaye? Baya kuva njani na kungekho bani ushumayelayo?+ 15 Baya kushumayela njani na bengathunywanga?+ Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: “Hayi indlela ezibukeka ngayo iinyawo zabo bavakalisa iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!”+
16 Noko ke, abazithobelanga bonke iindaba ezilungileyo.+ Kuba uIsaya uthi: “Yehova, ngoobani na abakholwayo koko bakuvileyo kuthi?”+ 17 Ngoko ukholo lulandela oko kuviweyo.+ Oko kuviweyo kungelizwi elingoKristu.+ 18 Noko ke ndiyabuza, Abazange basilele ukuva, andibi kunjalo? Kaloku, enyanisweni, “intlokoma yabo yaphuma yaya kuwo wonke umhlaba,+ namazwi abo aya kwiziphelo zomhlaba omiweyo.”+ 19 Noko ke ndiyabuza, uSirayeli akazange asilele ukwazi, andibi kunjalo?+ Kuqala uMoses uthi: “Ndiya kunenza nibe nekhwele ngako oko kungelohlanga; ndiya kunenza nibe nomsindo omkhulu ngohlanga olunobuyatha.”+ 20 Kodwa uIsaya ukhalipha kakhulu aze athi: “Ndafunyanwa ngabo babengafuni mna;+ ndabonakala kwabo babengabuzisi ngam.”+ 21 Kodwa ngokuphathelele uSirayeli uthi: “Imini yonke izandla zam ndizolulele kwisizwana esingathobeliyo+ nesiphendulana nam.”+