Galati
4 Ndithi ke lo gama indlalifa iselusana ayahlukanga konke konke kwikhoboka,+ nakuba iyinkosi yezinto zonke, 2 kodwa iphantsi kwamadoda aphetheyo+ naphantsi kwamagosa de kube ngumhla omiselwe kwangaphambili nguyise. 3 Ngokunjalo nathi, xa sasiziintsana, sasiqhubeka sikhotyokiswa zizinto eziziziqalelo+ zehlabathi. 4 Kodwa ke lithe lakuzaliseka ixesha,+ uThixo wathumela uNyana wakhe,+ owaphuma emfazini+ waza waba phantsi komthetho,+ 5 ukuze abakhulule ngokubathenga+ abo baphantsi komthetho,+ size thina senziwe oonyana.+
6 Ngenxa yokuba ke ningoonyana, uThixo uye wathumela umoya+ woNyana wakhe ezintliziyweni zethu yaye udanduluka usithi: “Abha, Bawo!”+ 7 Ngoko, ke, akuselilo ikhoboka kodwa ungunyana; yaye ukuba ungunyana, ukwayindlalifa ngaye uThixo.+
8 Noko ke, ngokuya naningamazi uThixo,+ naningamakhoboka abo ngokwemvelo bangengabo oothixo.+ 9 Kodwa ngoku nakuba nifikelele ekumazini uThixo, okanye kunoko ekubeni ngoku nifikelele ekwaziweni nguThixo,+ kwenzeka njani ukuba nibuyele kwakhona kwizinto eziziziqalelo ezibuthathaka+ nezingento+ nize nifune ukuba ngamakhoboka azo kwakhona?+ 10 Nigcina ngenyameko imihla+ neenyanga+ namaxesha neminyaka. 11 Ndiyanoyikela, hleze kuthi kanti ndifane ndabulaleka ngokungenanjongo+ ngenxa yenu.
12 Ndiyanibongoza, bazalwana, Yibani njengam,+ ngenxa yokuba ndandifudula ndinjengani.+ Anindenzanga bubi.+ 13 Kodwa niyazi ukuba kwakungenxa yokugula kwam endathi ndavakalisa iindaba ezilungileyo kuni okwesihlandlo sokuqala.+ 14 Yaye oko kusenyameni yam okwakusisilingo kuni, anizange nikudelele okanye nikucekise; kodwa nandamkela njengengelosi+ kaThixo, njengoKristu Yesu.+ 15 Luphi, ke ngoko, olwa yolo naninalo?+ Kuba ndinikela ubungqina bokuba, ukuba kwakunokwenzeka, ngenaniwakrukrile namehlo enu nawanika mna.+ 16 Ngoko, ke, ngaba ndiye ndaba lutshaba lwenu+ ngenxa yokuba ndinixelela inyaniso?+ 17 Banifuna ngenzondelelo,+ kungekhona ngenjongo entle, kodwa bafuna ukunahlukanisa nam, ukuze nifune bona ngenzondelelo.+ 18 Noko ke, kuhle ukuba nifunwe ngenzondelelo ngenxa yoko kuhle+ ngamaxesha onke, yaye kungekuphela nje xa ndikho+ phakathi kwenu, 19 bantwana bam abancinane,+ endiye kwakhona ndaba nenimba ngabo ade uKristu ayileke kuni.+ 20 Kodwa bendinqwenela ukuba kunye nani khona ngoku+ ndize ndithethe ngendlela eyahlukileyo, ngenxa yokuba ndididekile+ ngani.
21 Khanindixelele, nina enifuna ukuba phantsi komthetho,+ Aniwuva na uMthetho?+ 22 Ngokomzekelo, kubhaliwe ukuba uAbraham wazuza oonyana ababini, omnye ngesicakazana+ yaye omnye ngomfazi okhululekileyo;+ 23 kodwa lowo wesicakazana okunene wazalwa ngokwenyama,+ kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayengowesithembiso.+ 24 Ezi zinto zisisiganeko esingumfuziselo;+ kuba aba bafazi bathetha iminqophiso emibini,+ omnye ngoweNtaba yeSinayi,+ uzalela abantwana ebukhobokeni, yaye yena nguHagare. 25 Ke kaloku uHagare lo uthetha iSinayi,+ intaba ekwelaseArabhiya, yaye ufanekisela iYerusalem yanamhlanje, kuba isebukhobokeni+ kunye nabantwana bayo. 26 Kodwa yona iYerusalem+ ephezulu ikhululekile, yaye inguma wethu.+
27 Kuba kubhaliwe kwathiwa: “Chulumanca, mfazindini oludlolo ongazaliyo; gqabhuka uze udanduluke kakhulu, wena mfazi ungenanimba; kuba baninzi ngakumbi abantwana bomfazi ongenabani kunabo balowo unendoda.”+ 28 Ke kaloku thina, bazalwana, singabantwana besithembiso ngokufanayo noIsake.+ 29 Kodwa kanye njengokuba ngoko lowo wayezelwe ngokwenyama wamtshutshisayo+ lowo wayezelwe ngokomoya, kukwanjalo nangoku.+ 30 Noko ke, sithini iSibhalo? Sithi, “Sigxothe isicakazana nonyana waso, kuba unyana wesicakazana akasayi kuba yindlalifa kunye nonyana womfazi okhululekileyo.”+ 31 Ngoko ke, bazalwana, thina asingobantwana besicakazana,+ kodwa singabomfazi okhululekileyo.+