1 Yohane
1 Oko kwaye kukho ukususela ekuqaleni,+ esiye sakuva,+ sakubona ngamehlo ethu,+ sakukhangela ngocoselelo saza sakuva+ nangezandla zethu,+ okuphathelele ilizwi lobomi,+ 2 (ewe, ubomi babonakaliswa,+ yaye sibonile ibe sinikela nobungqina+ sikwanixelela ngobomi obungunaphakade+ obabukuYise baza babonakaliswa kuthi,) 3 kona oko siye sakubona saza sakuva sikwanixelela ngako,+ ukuze nani nabelane nathi kuko.+ Ngapha koko, koku kwabelana+ kwethu sikunye noBawo noNyana wakhe uYesu Kristu.+ 4 Yaye ngoko sizibhala ezi zinto ukuze uvuyo lwethu lupheleliswe.+
5 Yaye esi sisigidimi esiye sasiva kuye ibe sinazisa sona,+ sokuba uThixo ukukukhanya+ yaye akukho bumnyama konke konke ngokumanyene naye.+ 6 Ukuba sithi: “Sinobudlelane naye,” ukanti siqhubeka sihamba ebumnyameni,+ siyaxoka yaye asiyiqheliseli inyaniso.+ 7 Noko ke, ukuba sihamba ekukhanyeni njengoko yena ngokwakhe esekukhanyeni,+ soba sinokwabelana omnye nomnye,+ lithi negazi+ likaYesu uNyana wakhe lisihlambulule+ kuso sonke isono.+
8 Ukuba sithi: “Asinasono,”+ siyazikhohlisa+ yaye inyaniso ayikho kuthi. 9 Ukuba siyazivuma izono zethu,+ uthembekile yaye ulilungisa ukuba asixolele izono zethu aze asihlambulule kuyo yonke intswela-bulungisa.+ 10 Ukuba sithi: “Asonanga,” simenza ixoki, yaye ilizwi lakhe alikho kuthi.+