IiNdumiso
Kumalathisi; mayidlalwe ngeYedutun.* Ingoma emnandi kaDavide.
62 Ngokwenene, ndilindela kuThixo ndithule.
Nguye ondisindisayo.+
2 Ngokwenene, uliliwa lam nosindiso lwam, indawo yam yokubalekela ekhuselekileyo;*+
Andisoze ndigungqiswe kangako.+
3 Niza kumbetha kude kube nini na umntu, nizama ukumbulala?+
Nonke niyingozi oku kodonga oluthambekileyo, udonga lwamatye oludilikayo.*
Ngemilomo bayasikelela, kodwa ngaphakathi bayaqalekisa.+ (Selah)
6 Ngokwenene, uliliwa lam nosindiso lwam, indawo yam yokubalekela ekhuselekileyo;
Andisoze ndigungqiswe.+
7 Usindiso lwam nozuko lwam luxhomekeke kuThixo.
UThixo liliwa lam elomeleleyo, nendawo yam yokubalekela.+
8 Thembelani kuye ngalo lonke ixesha, nina bantu.
Mxeleleni zonke izinto ezisentliziyweni yenu.+
UThixo uyindawo yethu yokubalekela.+ (Selah)
Xa bebekwe bonke ezikalini, bakhaphukhaphu ngaphezu komoya.+
10 Sukuthembela ngenkqatho
Okanye ngokuphanga.
Ukuba uya usiba sisityebi, sukubeka intliziyo yakho kuloo nto.+
11 Ndive kwada kwakabini ukuba uThixo uthe:
Amandla ngakaThixo.+