111 Dumisani uYa!+
א [Aleph]
Ndiza kumdumisa uYehova ngentliziyo yam yonke+
ב [Beth]
Kwinginginya yamalungisa nasebandleni.
ג [Gimel]
2 Imisebenzi kaYehova mikhulu;+
ד [Daleth]
Bafunda ngayo bonke abo bayithandayo.+
ה [He]
3 Umsebenzi wakhe uzukile kwaye unobungangamsha,
ו [Waw]
Nobulungisa bakhe bukho ngonaphakade.+
ז [Zayin]
4 Uyenza ikhunjulwe imisebenzi yakhe emangalisayo.+
ח [Heth]
UYehova uyabavela abantu kwaye unenceba.+
ט [Teth]
5 Uyabondla abo bamoyikayo.+
י [Yod]
Usikhumbula ngonaphakade isivumelwano sakhe.+
כ [Kaph]
6 Ubabonisile abantu bakhe imisebenzi yakhe yamandla
ל [Lamed]
Ngokubanika ilifa leentlanga.+
מ [Mem]
7 Uyinyaniso nobulungisa umsebenzi wezandla zakhe;+
נ [Nun]
Ithembekile yonke imiyalelo yakhe.+
ס [Samekh]
8 Inokuthenjwa ngoku nangonaphakade;
ע [Ayin]
Inyanisekile ibe yeyobulungisa.+
פ [Pe]
9 Ubakhulule abantu bakhe.+
צ [Tsade]
Isivumelwano sakhe sihlala ngonaphakade.
ק [Qoph]
Igama lakhe lingcwele yaye liyamangalisa.+
ר [Resh]
10 Ukoyika uYehova kukuqala kobulumko.+
ש [Sin]
Balumkile bonke abo bayithobelayo imiyalelo yakhe.+
ת [Taw]
Uza kudunyiswa ngonaphakade.