IiNdumiso
Kumalathisi; mayidlalwe “NgeHobe Elithe Cwaka Elikude.” EkaDavide. IMiktam.* Xa wabanjwa ngamaFilisti eGati.+
56 Yhini Thixo, ndenzele inceba, kuba abantu bayandihlasela.*
Balwa nam, bendicinezela imini le yonke.
2 Iintshaba zam zindigragramela imini yonke,
Baninzi abandivuyelelayo.
3 Ndithembela kuwe+ xa ndisoyika.+
4 Ndithembele kuThixo endidumisa ilizwi lakhe,
Ndithembele kuThixo; andoyiki.
Angandenza ntoni na umntu?+
7 Balahle kuba bakhohlakele.
Owu yhini Thixo, zitshabalalise ngomsindo izizwana.+
8 Undigadile ekubhaduleni kwam.+
Qokelela iinyembezi zam, uzifake kwibhotile yakho yofele.+
Azibhalwanga encwadini yakho na?+
9 Iintshaba zam ziza kurhoxa mhla ndicela uncedo.+
Nantsi into endiqiniseke ngayo: uThixo usecaleni lam.+
10 Ndithembele kuThixo endidumisa ilizwi lakhe;
Ndithembele kuYehova endidumisa ilizwi lakhe.
Angandenza ntoni na umntu?+