IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g91 5/8 iphe. 28-29
  • Yintoni Ephosakeleyo Ngokuba Nesithembu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni Ephosakeleyo Ngokuba Nesithembu?
  • Vukani!—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isithembu EBhayibhileni
  • Umlinganiselo Wantlandlolo KaThixo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Ngaba UThixo Uyasamkela Isithembu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Ngaba Isithembu Sivumelekile?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Waphalaz’ imbilini Yakhe KuThixo Ngomthandazo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
Vukani!—1991
g91 5/8 iphe. 28-29

Imbono YeBhayibhile

Yintoni Ephosakeleyo Ngokuba Nesithembu?

Iinkathazo zikaJane zaqalisa xa uyise wafumana umsebenzi edolophini.a Apho, ekude nekhaya labo elisemaphandleni e-Afrika, uyise waqalisa ukuhlala nomnye umfazi. UJane ucacisa esenjenje: “Ubomi babungelula kuthi, kuba utata wayengasixhasi ngokwemali; wayexhasa umfazi wakhe wesibini nabantwana bakhe. Kwiminyaka yam yokugqibela esikolweni, ndandidla ngokuya kulala ndiyinkembenca kukulamba. Ikhaya lethu lalikwimeko embi yokuba buxekethwa. Ngeempela-veki ndandizama ukuncedisa umama ngokuthengisa iziqhamo, kodwa sasingenayo imali eyaneleyo yokuziphilisa. Ndandidla ngokulila ubusuku nobusuku.”

AMAVA kaJane abonisa ubunzima ukutshata isithembu okudla ngokuba bubo emagxeni abantu abamsulwa. Abantu abantetho isisiVenda kwiAfrika esemazantsi banegama elithi, muhadzinga, athi omnye umfazi ambize ngalo omnye umfazi kumzi wesithembu. Lisuka kwigama elithetha “ukoja,” gama elo mhlawumbi eliyichaza kakuhle inkathazo edla ngokubangelwa sisithembu phakathi kwabafazi.

Usenokubuza uthi, ‘Kodwa ngaba ukuba nesithembu kuphosakele? Ukuba kunjalo, kwakutheni ukuze abantu abathile abaziwayo eBhayibhileni babe nesithembu?’

Isithembu EBhayibhileni

UThixo wakuvumela ukuba nesithembu okwexesha elithile, njengoko oko kwakunegalelo ekuzalisekisweni kwedinga lakhe kuAbraham: “Ndikwenze uhlanga olukhulu.” (Genesis 12:⁠2; Eksodus 1:⁠7) Ngelo xesha, umfazi ka-Abraham, uSara, wayengenabantwana. Ekugqibeleni, wabongoza uAbraham ukuba avelise inzala ngekhobokazana lakhe, uHagare. Okubangel’ umdla kukuba, iBhayibhile izichaza ngokucacileyo iingxaki oku okwazizisela indlu ka-Abraham.​—⁠Genesis 16:​5, 6; 21:​8-⁠10.

UYakobi, umzukulwana ka-Abraham, wayenenjongo yokuba nomfazi omnye kuphela, uRakeli. (Genesis 44:​27) Yaba ngumkhwe kaYakobi, uLabhan, owabetha uYakobi ngemf’ iphindiwe khon’ ukuze azitshate zombini iintombi zikaLabhan, uRakeli noLeya. (Genesis 29:​21-28) Yaye kwaba ngenxa yokubongozwa ngaba bafazi awathi uYakobi wavelisa inzala ngokuba neentlobano nabakhonzazana babo, uBhiliha noZilipa. Kwakhona, iBhayibhile ayiyifihli intaphane yeengxaki isithembu esazizisela intsapho enkulu kaYakobi.​—⁠Genesis 29:​30, 31; 30:​1-3, 15, 16, 20; 37:​2-⁠4; 44:​20-⁠29.

EBhayibhileni kukwakho nebali likaElikana, owayenguyise kaSamuweli umprofeti, nabafazi bakaElikana ababini, uHana noPenina. UHana wayephethwe kakubi kakhulu nguPenina kangangokuba wayedla ngokulila aze angabi nawo nomdla wokutya. UPenina, yena, kubonakala ukuba wayenekhwele kuba uElikana wayethanda uHana ngaphezu kwakhe.​—⁠1 Samuweli 1:​4-⁠7.

Ngokwenene, isiko lokuba nesithembu liye labangela ubunzima. Ngoxa lalivumelekile kubantu bakaThixo bamandulo, iBhayibhile ibonisa ngokucacileyo enoba uThixo ekuqaleni wayenenjongo yokuba indoda ibe nesithembu kusini na.

Umlinganiselo Wantlandlolo KaThixo

Ukuze siwuqonde umlinganiselo kaThixo ngomtshato, kufuneka sibuyele emva ekuqaleni kwembali yoluntu. ILizwi likaThixo lichaza imvakalelo yomtsalane uAdam awaba nayo xa wayesaziswa kokuphela komfazi wakhe owayesandul’ ukudalwa, uEva. Wathi, “Eli ke lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam.” IBhayibhile iyaqhubeka isithi: “Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke.”​—⁠Genesis 2:​21-⁠24.

Ngokuphathelele imitshato yamaKristu, uYesu wabuyisela lo mlinganiselo wantlandlolo kaThixo​—⁠ukuba nomfazi omnye kuphela. (Mateyu 19:​4, 5) Ngokubhekele phaya, wabonisa ukuba ngoku abantu abatshatileyo bafanele banamathele kulo mlinganiselo kaThixo. Kunjengokuba wachazayo: “Abasebabini, banyama-nye; oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.” (Mateyu 19:⁠6) Ngaloo ndlela, umKristu otshatileyo umele alilondoloze iqhina ‘lobunyama-nye’ elikhoyo phakathi kwakhe neqabane lakhe elingokwasemthethweni.b Iintlobano zesini nomntu wesithathu wesithembu ziya kulingcolisa elo lungiselelo likaThixo. Isenzo esinjalo asivumelekanga ebandleni lamaKristu.​—⁠1 Korinte 5:​11; 6:​9, 16, 18; Hebhere 13:⁠4.

Ngoko, akumangalisi ukuba iZibhalo zithetha kakuhle ngamaKristu atshatileyo anabafazi ngabanye. (1 Korinte 9:​5; 1 Timoti 3:⁠2) IBhayibhile iyachaza: “Elowo makabe nowakhe umfazi. [ingekuko abafazi], athi elowo abe neyakhe indoda [ingeyiyo indoda esele inomfazi ongokwasemthethweni].”​—⁠1 Korinte 7:⁠2; IMizekeliso 5:⁠18.

Ekufundeni kwabo ukuba iBhayibhile iyakwalela ukuba nesithembu bambi baye bathabatha amanyathelo enkalipho okuvisisanisa ubomi babo nokuthanda kukaThixo. Cinga ngoJohn, ohlala kwisixeko esikumbindi we-Afrika.c Wayenabafazi abathathu. Kodwa emva kokufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, uJohn wathethathethana nabafazi bakhe abathathu waza wafikelela kwisigqibo sobuqu. Emva kokwenza amalungiselelo okuba umfazi wakhe wesibini nowesithathu kwanabantwana babo abazelwe kumtshato wangaphambili baqhubeke benyanyekelwa, abo bafazi babuyela kumakhaya abo asemaphandleni. Ngale ndlela uJohn walifanelekela ilungelo lokukhonza uThixo ngokunxulumana nebandla lasekuhlaleni. Wakwafumana nezinye iintsikelelo.

Uchaza esenjenje: “Busuku ngabunye ndandisoloko ndifikela kwindlu enentaphane yeengxaki. Ngokomzekelo, omnye umfazi wayesoloko ehlab’ amadlala abantwana bomnye, nabantwana babesoloko besukuzana. Into yokuqala ekwakufuneka ndiyenze yayikukuphelisa eso siphithiphithi. Ngoku ekubeni ndifunde ukuphila nomfazi omnye, ikhaya lam liye laba yindawo yokuphumla noxolo.”

Ngokuqinisekileyo, ukufumana uxolo nentsikelelo kaThixo kuwufanele umgudu.​—⁠Roma 12:​1, 2.

[Imibhalo esemazantsi]

a Akusetyenziswanga igama lokwenene.

b IThe New International Dictionary of New Testament Theology ibonisa ukuba ibinzana lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “nyama-nye” kuMateyu 19:5b linentsingiselo ebalulekileyo efana naleyo yenguqulelo yamagama esiHebhere akwiGenesis 2:​24 yaye libonisa “ubuqabane obupheleleyo bendoda nomfazi obungenakwahlulwa ngaphandle kokuwashiya eneentliziyo ezibuhlungu amaqabane abandakanyekileyo.”

c Akusetyenziswanga igama lokwenene.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]

“Ukukhweletela indoda nokuxabana ngezinto ezincinane iba ziingxaki eziqhelekileyo zentsapho [yesithembu]; yaye indoda kufuneka ibe nobulumko, yomelele, ibe nobuchule bokuxolelanisa yaye ibe yeqiqayo ukuze ilondoloze imvisiswano.”​—⁠The New Encyclopædia Britannica

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Umfanekiso wobugcisa owenziwe ngodongwe weqela lentsapho yabaNtsundu; indoda engumIgbo kunye nabafazi

[Inkcazelo]

Courtesy of The British Museum

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share