Oonodoli Abacula IOpera
NGUMBHALI KAVUKANI! EOSTRIYA
“EWE, wona umculo ubumnandi, oonodoli basemagqabini. Aba nodoli bayakwazi ukwenza izimbo zomzimba ngaphezu kwabo bonke endakha ndababona ngaphambili!”
Ngaba esi sithethi sithetha ngomboniso woonodoli owenzelwe abantwana? Akunjalo. Unokothuka xa sisithi, lawo ngamazwi okuncoma omntu omdala owayeye kwiopera. Yayiphi le opera ibalasele kangaka? Kwiholo ekhethekileyo yeopera eSalzburg, eOstriya, apho wazalelwa khona umqambi odumileyo uMozart.
Kodwa ngaba wakha weva ngoonodoli abenziwe ngamaplanga abasisiqingatha semitha ukusa kwimitha enye ubude, abacula iopera? Yiloo nto kanye eyenziwa ngoonodoli kwiHolo Yomboniso Woonodoli eSalzburg. Xa ababukeli bebona aba nodoli bedanisa besiva nomculo wabo bazaliswa yimincili engathethekiyo.
Ukubonakala Kwalo Mboniso Njengento Yokoqobo
Njengoko umculo uqalisa kuvuleka nomkhusane, ababukeli bathi khamnqa koko bakubonayo. Ngaba ngoonodoli bokwenene aba badanisa nabacula ngale ndlela? Yaye kuthekani ngezi ntanjana bajinga kuzo? Abanye ababukeli basenokudana, baze bathi, ‘Ziintambo nje ezi!’ Eny’ into akukho nendawo le yokuhlala iimvumi. Usenokungabangeli mdla kangako umculo orekhodiweyo weokhestra. Umntu oqhele ukuya kumculo weopera usenokudikwa aze athi, ‘Ndidlala nje ngexesha lam!’ Kodwa ke khawume! Izinto ziyajika.
Bakuqalisa ukukhululeka ababukeli, aba nodoli batsho ngoncuthu lwengoma ebangela ababukeli bathi phithi. Kuba ngathi babukele umboniso wokoqobo. Nezo ntambo bajinga kuzo aba nodoli azisabonakali. Ababukeli ababangelwa yimincili ngumculo nje kuphela kodwa bakwavuyiswa ngumdaniso ongaqhelekanga waba nodoli abakwiholo yomboniso encinane. Abasawujongi njengento engekho ngqiqweni, batsho balibale nokuba babukele oonodoli abangaphiliyo. Ewe, aba nodoli bayakwazi ukonwabisa kwanabantu ababekade begxeka.
Eqongeni Nasemva Kwalo
Okwenzeka emva kweqonga kubangel’ imincili njengoko kwenzeka eqongeni. Abona badanisi bokwenene ngabo badlalisa aba nodoli behleli emva kweqonga okanye kwibhulorho engasentla kweqonga. Njengoko abadlali betsalatsala aba nodoli ngokungathi ngabantu abathetha ngezandla, oonodoli kwelabo icala bayakhala, bayalwa, okanye bavove ngokungathi ziimvumi zokwenene zeopera.
IThe New York Times yachaza into eyenza lo mboniso uchulumancise kangaka: “Emva kweqonga abadlali banokudlala nayiphi na indima enoba yeyobudala okanye isini esahlukileyo kwesabo; inye kuphela into ebalulekileyo abafanele babe nayo: bubuchule.” Yaye bubalasele ngokwenene obo buchule kubadlalisi boonodoli baseSalzburg.
Oonodoli Abadanisayo Nabaculayo
IHolo Yomboniso Woonodoli eSalzburg ineminyaka engaphezu kwama-90 eminyaka ikho—ukususela ngowe-1913, xa kwaculwa iopera kaMozart okokuqala. Le holo yomboniso yakhiwa nguAnton Aicher, ongumkroli. UAicher wafunda eMunich waza wenza oonodoli abakwazi ngokwenene ukudanisa. Wakunandipha ngakumbi ukwenza oonodoli abakwaziyo ukudanisa kunoonodoli abakroliweyo.
Kungekudala intsapho ka-Aicher yakuthanda gqitha oko. Intsapho yakhe yancedisa ekuthungeni iimpahla zoonodoli nasekuculeni. Ngenxa yempumelelo enkulu ababa nayo bakhawuleza balandisa iqela labo. Yaye ukususela ngowe-1927, babecula nakwamanye amazwe. Ngoku bacula rhoqo nakumazwe anjengeJapan neUnited States. Zonke iintlanga ziyakunandipha ukubukela aba nodoli.
Ngaba Uyayithanda Le Ndlela Yokuzonwabisa?
Iopera ichazwa “njengomdlalo ohambisana nomculo ibe abadlali banxibe iimpahla ezikhethekileyo.” (The Concise Oxford Dictionary of Music) Idla ngokusekelwa kwiintsomi, imbali neengxelo zeBhayibhile. Yaye ezinye iiopera ziba lusizi, zithethe ngothando okanye zihlekise. Ezo ziba kwiholo yomboniso yoonodoli zidla ngokwenziwa ngesiJamani okanye isiTaliyane. Ngoko ke, kuya kuba bubulumko ukufunda inguqulelo yamazwi ayo ukuze ubone enoba uza kuwunandipha lo mculo kusini na.
UmKristu unokugqiba njani enoba ufanele aye kwiopera ethile? Ngaba ufanele ajonge indlela abadume ngayo abaculi? Okanye indlela omnandi ngayo loo mculo? Okanye amazwi ayo?
Ngokuqinisekileyo, njengazo zonke ezinye iindlela zokuzonwabisa, eyona ndlela umKristu anokusenza ngayo isigqibo enoba ufanele aphulaphule iopera ethile kusini na, kukucingisisa ngamazwi kaPawulos athi: “Okokugqibela, bazalwana, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.”
[Imaphu ekwiphepha 8]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
IOSTRIYA
IVIENNA
ISalzburg
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Iqela loonodoli abalungele ukwenza imiboniso eyahlukahlukeneyo yeopera
[Umfanekiso okwiphepha 9]
IHolo Yomboniso Woonodoli eSalzburg
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UAnton Aicher, umakhi wale holo
[Inkcazelo]
By courtesy of the Salzburg Marionette Theatre
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 8]
All photos on pages 8 and 9: By courtesy of the Salzburg Marionette Theatre