IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/08 iphe. 3-5
  • Ngaba Lunye Kuphela Unqulo Lwenyaniso?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Lunye Kuphela Unqulo Lwenyaniso?
  • Vukani!—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Inyaniso Inokufumaneka?
  • Ngaba Inyaniso Ikho Ngokwenene?
  • Kutheni Ufanele Uyifune Inyaniso?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • AmaKristu Anqula Ngomoya Nenyaniso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Ukuxelisa UThixo Wenyaniso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Ngaba Inyaniso Engonqulo Inokufumaneka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
Khangela Okunye
Vukani!—2008
g 3/08 iphe. 3-5

Ngaba Lunye Kuphela Unqulo Lwenyaniso?

Abanye abantu bayawucaphukela lo mbuzo. Ekubeni kukho iinkolelo zonqulo ezininzi kangaka, bathi nabani na othi uyayazi eyona nkonzo ifundisa inyaniso, umele ukuba ingqondo yakhe ayiphangalalanga okanye mhlawumbi uziphakamisile. Ngokuqinisekileyo, kusenokubonakala kusengqiqweni ukucinga ukuba umntu unokufumana nto ithile entle kuzo zonke iinkonzo okanye ke kwinkoliso yazo. Ngaba nawe uvakalelwa ngaloo ndlela?

KAKADE ke, kububulumko ukulindela iingcamango eziliqela ezahlukahlukeneyo kwimibandela ethile. Ngokomzekelo, umntu unokukholelwa ukuba ukutya ngendlela ethile kunokumenza abe sempilweni. Kodwa ngaba ufanele anyanzele wonk’ umntu ukuba atye ngaloo ndlela, ngokungathi leyo kuphela kwendlela enokwenza umntu abe sempilweni? Ngokuqinisekileyo, kunokuba bubulumko nokuthobeka ukucinga ukuba ukhetho lomnye umntu ngokuphathelele ukutya lulungile okanye mhlawumbi lolona lubhetele kumnikazi walo.

Ngaba kunjalo nangonqulo? Ngaba kukho iinkonzo ezahlukahlukeneyo ezamkelekileyo umntu anokukhetha kuzo, kuxhomekeke kwindlela akhuliswe ngayo nabona ngayo? Okanye ngaba inye kuphela inyaniso efanele yamkelwe ngabo bonke abantu? Makhe sive oko kuthethwa yiBhayibhile. Okokuqala, siza kuhlolisisa enoba inyaniso inokufumaneka kusini na. Ngapha koko ukuba ayinakufumaneka, akukho sizathu sakufuna unqulo olunye lokwenyaniso.

Ngaba Inyaniso Inokufumaneka?

Ngaphambi nje kokuba abulawe, uYesu Kristu wathi kwiRhuluneli engumRoma eyayimncina, uPontiyo Pilato: “Wonk’ ubani ongakwicala lenyaniso uyaliphulaphula ilizwi lam.” Kumele ukuba uPilato wayephoxisa xa ebuza umbuzo othi: “Yintoni na inyaniso?” (Yohane 18:37, 38) Noko ke, uYesu wathetha ngokungafihlisiyo ngenyaniso. Wayengathandabuzi ukuba ikho. Ngokomzekelo, phawula la mazwi wawathetha ngezihlandlo ezine ezahlukahlukeneyo.

“Ndizalelwe oku, yaye ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.”—Yohane 18:37.

“Ndim indlela nenyaniso nobomi.”—Yohane 14:6.

“UThixo unguMoya, nabo bamnqulayo bamele banqule ngomoya nenyaniso.”—Yohane 4:23, 24.

“Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, ngokwenene ningabafundi bam, niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.”—Yohane 8:31, 32.

Ekubeni uYesu wayeqiniseke kangaka xa wayethetha ngenyaniso ebonisa nokuba abantu banokuyazi, ngaba asifanele senze uphando size sibone enoba ikho yaye inokufumaneka kusini na inyaniso?

Ngaba Inyaniso Ikho Ngokwenene?

Ngokuqinisekileyo uya kuvuma ukuba zikho izinto onokuqiniseka ngokupheleleyo ngazo. Uqinisekile ngobukho bakho nangezinto ezikungqongileyo. Imithi, iintaba, amafu, ilanga nenyanga—izinto esizibonayo—asizozinto othelekelela ukuba zikho. Kakade ke, basenokubakho abantu abanokuzama ukukweyisela kwelokuba kwanezo zinto akukho mntu uqinisekileyo ngobukho bazo. Kodwa ngokuqinisekileyo akungqinelani naleyo ingcamango.

Kwakhona kukho imithetho yemvelo. Nayo uqiniseke ngokupheleleyo ngayo. Ngokomzekelo, ukuba utsiba eliweni, uya kuwa; xa ungatyi, uyalamba; yaye ukuba kudlula ixesha elide ungatyi, uya kufa. Akunakwenzeka ukuba ucinga ukuba le mithetho yemvelo isebenza kwabathile kuphela. Isebenza kubo bonke abantu abakulo lonke elimiweyo.

IBhayibhile ibhekisela komnye waloo mithetho yemvelo xa isithi: “Ngaba umntu unokuwufumba na umlilo esifubeni sakhe zize izambatho zakhe zingatshi?” Eneneni, ekubhalweni kwaloo mazwi yayisaziwa ngokubanzi into yokuba xa ubeka impahla emlilweni, iya kutsha. Noko ke, kulo mzekeliso weBhayibhile kubhekiselwa kwinto enzulu nangakumbi, yokuba ‘umntu oba neentlobano zesini nomfazi wedlelane lakhe’ uya kufumana imiphumo ekrakra.—IMizekeliso 6:27, 29.

Ngaba leyo yinyaniso epheleleyo esinokuqiniseka ngayo? Abanye basenokuthi akunjalo. Bathi imilinganiselo yokuziphatha ngumbandela wobuqu, ixhomekeka kwindlela umntu akhuliswe ngayo, kwiinkolelo nakwiimeko zakhe. Kodwa khawuqwalasele le milinganiselo imbalwa kaThixo efumaneka eBhayibhileni. Ngaba ayisebenzi kubo bonke abantu?

IBhayibhile ichasene nokukrexeza. (1 Korinte 6:9, 10) Abanye abantu abayamkeli into yokuba le yinyaniso yeBhayibhile yaye bayakrexeza. Sekunjalo, nabo bayayifumana imiphumo ekrakra equka ukukhathazwa sisazela, uqhawulo-mtshato, nentlungu engathethekiyo kubo bonke abachaphazelekayo.

UThixo ubuchasile nobunxila. (IMizekeliso 23:20; Efese 5:18) Kwenzeka ntoni xa umntu enxila? Abantu abaninzi abanxilayo badla ngokuphulukana nemisebenzi yempangelo, impilo yabo iwohloke neentsapho zabo ziqhekeke zize zityhubele kwintlungu engathethekiyo. (IMizekeliso 23:29-35) Le ntlungu yehlela nabo bangakholelwayo ukuba ukunxila kuphosakele. Ngaba ubunyaniso bale mithetho buxhomekeke koko mntu ngamnye akukholelwayo okanye kwindlela ayigqala ngayo?

Kukho nemithetho yeBhayibhile esiyalela ukuba senze izinto ezilungileyo—ngokomzekelo amadoda ayalelwa ukuba athande abafazi bawo, abafazi bahlonele amadoda abo, yaye sifanele sibaphathe kakuhle abanye abantu. (Mateyu 7:12; Efese 5:33) Ukuthobela le mithetho kuyingenelo kakhulu. Ngaba ucinga ukuba le mithetho iyingenelo kwabathile kuphela?

Enoba abantu bayayithobela imithetho yokuziphatha eseBhayibhileni okanye akunjalo, bavuna imiphumo. Oku kubonisa ukuba le mithetho asizombono nje zahlukahlukeneyo. Kunoko, yinyaniso. Ubungqina bubonisa ukuba kubakho imiphumo emihle xa imilinganiselo yokuziphatha eseBhayibhileni ithotyelwa, ukanti imiphumo iba krakra xa ingathotyelwa.

Ngoko khawucingisise ngale mibuzo: Ukuba imithetho yokuziphatha eseBhayibhileni kulindeleke ukuba ithotyelwe ngabo bonke abantu, kuthekani ngemithetho ekwiLizwi likaThixo ephathelele unqulo? Kuthekani ngoko ikutshoyo ngokuphathelele oko kwenzekayo xa sisifa nethemba esinalo lobomi obungunaphakade? Ngoko kucacile ukuba, nezi mfundiso zeBhayibhile ziyinyaniso, yaye zifanele zilandelwe ngabo bonke abantu. Ukwenza ngokuvisisana nazo kuzisa iingenelo, njengokuba nokuzigatya kusizisa imiphumo emibi kwabo bangazithobeliyo.

Abantu banokuyifumana inyaniso. UYesu wathi iLizwi likaThixo, iBhayibhile, liyinyaniso. (Yohane 17:17) Ukanti, kusenokubonakala ngathi inyaniso ayinakufumaneka. Ngoba? Ngenxa yokuba iinkonzo ezahlukahlukeneyo zonqulo zithi zifundisa oko kuseBhayibhileni. Yiyiphi inkonzo efundisa inyaniso eseLizwini likaThixo? Ngaba sifanele silindele ukuba inyaniso ifumaneka kwinkonzo yonqulo enye kuphela? Ngaba inyaniso, okanye ke inxalenye yayo, ayinakufumaneka kwiinkonzo eziliqela ezahlukahlukeneyo?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]

Umphumo wokubeka umlilo esifubeni udibana njani nokungathotyelwa kwemithetho kaThixo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share