“Silandele Emkhondweni Wakhe”—Njani?
“ANDINAKUZE ndigqibelele njengoYesu, kungakhathaliseki ukuba ndithandaza kangakanani okanye ndizama kangakanani na.” Kwabo bahlolisiswa yiU.S. Catholic, abangama-89 ekhulwini bavumelana naloo mazwi. Eneneni, ukuba ngohamba emanyathelweni kaKristu kusenokubonakala kuyinto engenakwenzeka emntwini—ingakumbi xa uqwalasela ubuntu bukaKristu obuchazwa ziicawa. Eny’ indoda engumKatolika yathi: “Ikakhulu, ndicinga ngoYesu njengomntu onobuhlobo, onothando, onenyameko, ozeka kade umsindo nongalindelanga ntw’ ininzi kum. Kodwa xa ndifika ecaweni, uYesu ungcwele kakhulu njengoThixo kangangokuba ndiziva ndilahlekile yaye ndiphantsi kuye nangenxa yokungafezeki kwam.”
Phofu ke, iingxelo zeVangeli ‘azimenzi ngcwele njengoThixo’ uKristu. Zibonisa ukuba uYesu wazalwa, kungekhona ngabantu abazizinhanha, kodwa wazalwa yintsapho yabantu ababephila ngokuzisebenzela. Usingayise uYosefu wayengumchweli. Nangona kukuncinane okwaziwa ngobuntwana bukaYesu, kukho esinye isiganeko esibalulekileyo. Xa uYesu wayene-12 leminyaka ubudala, abazali bakhe bamthabatha baya naye eYerusalem kutyelelo lwabo lwaminyaka le lwePasika. Ngesi sihlandlo waba nolangazelelo olukhulu kwingxubusho yeZibhalo, nabazali bakhe banduluka ngaphandle kwakhe. UYosefu noMariya ekuqondakala ukuba babekhathazekile bamfumana kwiintsuku ezintathu kamva esetempileni, “ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebuya ebabuza.” Ngaphezu koko, “bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe.” Khawufan’ ucinge, ene-12 leminyaka kuphela ubudala wayengabuzi nje kuphela imibuzo exhokonkx’ ingcinga netyekele kwizinto zokomoya kodwa wakwanikela iimpendulo zengqondo. Ngokungathandabuzekiyo wayencedwe luqeqesho lwabazali bakhe!—Luka 2:41-50.
Ukuba ungumntu oselula, ngaba kunokwenzeka na ngawe ukuba ulandele umzekelo kaKristu? Eneneni kunokwenzeka! Kuba uKristu wasishiya “nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe.”—1 Petros 2:21.
Ubutsha lixesha elilungileyo lokufumana ulwazi olusisiseko lukaThixo nolweLizwi lakhe. Ngokwenyaniso, abanye obaziyo basenokuba bachithela ixesha elininzi kwiincwadi zeecomic nakumabonwakude. Kodwa endaweni yoko, kutheni ungalandeli emkhondweni kaYesu, owathi eseyinkwenkwe waziyolisa ngokufunda ngoYehova? Ngenxa yothando awayenalo ngezinto zokomoya, ‘uYesu wahambela phambili ebulumkweni.’ (Luka 2:52) Ngoko nawe unokuba njalo.
Ngokomzekelo: Kwisikolo esiseMzantsi Afrika, umfundisi-ntsapho wabuzwa ukuba wayenokuyingqina na iBhayibhile iyinyaniso. Wavuma ukuba akanako. Inkwenkwe eselula, elelinye lamaNgqina kaYehova, ngokungafihlisi yathi: “Ngokuqinisekileyo ndinokungqina ukuba iBhayibhile iyinyaniso!” Njani? Yakhumbula inkcazelo eyayiyifundisise kwinkupho yakutshanje yeMboniselo. Ngoko emva kokufumana imvume yokuthetha, yaqhabalaka icacisa intsingiselo yesiprofeto esibhalwe kuDaniyeli isahluko 2. Abantwana abaseklasini bamangaliswa njengoko yayibonisa indlela esi siprofeto esakuxela kwangaphambili ngayo ukubonakala nokuwa koorhulumente behlabathi abalandelelanayo nentshabalalo yabo yokugqibela eya kuziswa buBukumkani bukaThixo. Kwalandela ingxubusho entle neyathi yayivulela ithuba lokuphendula uthotho lwemibuzo.
Wezela Ukwenza Ukuthanda KukaThixo
Isiseko solwazi lweBhayibhile nokuqonda okwamiselwa nguYesu ebutsheni kamva samshukumisela ukuba athabathe inyathelo elinzulu. ‘UYesu wafika eYordan kuYohane ukuba abhaptizwe nguye.’ Ngoku kwakulixesha elifanelekileyo lokuba yena azithwalele iimbopheleleko zakhe njengomlungiseleli kaThixo. Ubhaptizo lwathetha ukuzinikela kwakhe ukuba enze ukuthanda kukaThixo.—Mateyu 3:13-15.
Ngokukwanjalo amaKristu kufuneka axelise uKristu ngokuthi abhaptizwe. Ubhaptizo ngumfuziselo ongcwele, umqondiso obonakalayo wozahlulelo. Xa sivuma ukusebenzela umntu okanye umzi-mveliso, sidla ngokuthi kuqala siqonde iimfuneko neemeko size silandelise ngokutyobela isivumelwano. Kodwa ngaphandle kotyobelo, isivumelwano asibopheleli. Ngoko kungokufanayo ngobhaptizo—lwenza uzahlulelo lwethu kuThixo lube nesiseko esisiso. Ngeny’ indlela, njengoYesu sithi: ‘Yabona, ndiyeza, ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo.’ (Hebhere 10:7) Ngaloo ndlela siba ngabakhonzi bakaThixo, abalungiseleli bakhe!—2 Korinte 3:5, 6.
Kakade ke, njengoYesu, kuqala kofuneka uzuze ulwazi olusisiseko lukaThixo. Kodwa amaNgqina kaYehova anokukunceda—nabantwana bakho—ukwenze oku ngofundisiso olucwangcisiweyo lweBhayibhile.
Ukubeka Ubulungiseleli Kuqala
Emva kokubhaptizwa, uYesu waba kwithuba lokuzila ukudla, ukucamngca nokuthandaza. Alithandabuzeki elokuba oku kwamenza walulungela uhendo awathi ngokulandelayo wahlangabezana nalo. USathana uMtyholi wamnika ulawulo kuzo “zonke izikumkani zehlabathi.” Olunjani lona uhlobo lomsebenzi awayengelufumene uYesu ukuba wayesamkele isihendo sikaMtyholi! Noko ke, uKristu wayesazi ukuba olo hlobo lomsebenzi lwaluza kuba lolwexeshana. Wamgxotha ngokukhawuleza uMtyholi waza endaweni yoko ‘wamemeza esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.’ (Mateyu 4:2, 8-10, 17) Kubo bonke ubomi bakhe basemhlabeni, uKristu wayengumlungiseleli wexesha elizeleyo woBukumkani bukaThixo.
Ngokufanayo namhlanje, umKristu ebengayi kuvumela ihlabathi likaSathana ukuba limbambise ekwenzeni imisebenzi ehlawula kakhulu nohlobo oluthile lwemisebenzi ibe yinjongo yakhe ebomini. Ewe, xa uYesu wabiza abafundi bakhe bokuqala, “bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela.” (Marko 1:17-21) Ngoko ke ngaba bekuya kuba bubulumko ukuba sibanjiswe kumnatha wosukelo lwezinto zehlabathi? UYesu uyalela abafundi bakhe namhlanje ukuba ‘bashumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mateyu 24:14) Ngokwenyaniso, usenokuba unentsapho okanye ezinye iimbopheleleko omele uzinyamekele. Ngoko ke uninzi lwamaNgqina kaYehova lusebenzisa amarhatya neempelaveki ukuba luphumeze imbopheleleko yawo yobuKristu eyiyeyokushumayela. Bambi bade bakwazi ukuhlengahlengisa imicimbi ukuze benjenjalo ixesha elizeleyo!
EMzantsi Afrika elinye igatyana lomfana laceba ukuya eyunivesithi ngemva kokushiya isikolo. Noko ke, emva kokufuzisela uzahlulelo lwalo kuYehova ngobhaptizo, laziva linemfanelo yokungenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo. Uyise, ongeloNgqina, ekuqaleni wala. Kodwa emva kwengxubusho eshushu, ekugqibeleni wavumelana nokuba unyana wakhe aye kukhonza kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eseMzantsi Afrika.
Emva kweminyaka esithoba yolonwabo elapho, watshata waza wangenela umsebenzi wokushumayela ixesha elizeleyo ekunye nomtshakazi wakhe. Kamva bafumana umntwana. Sekunjalo, bamcela uYehova ukuba abancede baqhubeke njengabalungiseleli bexesha elizeleyo. Bakhumbula okwathenjiswa nguYesu esithi ukuba ubani ubeka uBukumkani bukaThixo kuqala, “zonke ezo zinto [izinto eziphathekayo] ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:33) Oku kwaba yinyaniso. Ubawo wekhaya uthi, “Kwiminyaka edluleyo besiphila ngokunoqoqosho, kodwa siye sakhela intombi yethu ikhaya eliyolisayo saza sazinyamekela zonke iintswelo zayo zezinto eziphathekayo.”
“Ndinobulali, Ndithobekile Ngentliziyo”
UYesu wathi, “Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla. Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.”—Mateyu 11:28-30.
Xa wayesenza imimangaliso, enjengokukhupha iidemon, uYesu akazange azizisele udumo kodwa wavuma ngokuphandle ukuba izinto ezinjalo wayezenza “ngoMoya kaThixo.” (Mateyu 12:28) Yaye nangona wayekwazi ukwalathisela ingqalelo yabaphulaphuli kangangokuba ‘bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe,’ akazange azifunele uzuko. (Luka 4:32) Kunoko, wayesithi: “Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo.”—Yohane 7:16.
AmaKristu okwenyaniso namhlanje azama ukubonakalisa ukuzithoba okufanayo. Ngokomzekelo, xa efundisa abanye, awatsalel’ ingqalelo kuwo. Kunoko, alunikela ngokukhawuleza udumo kuYehova nakwintlangano yakhe ngabo nabuphi na ubuchule anabo ukuze anikele isigidimi seLizwi likaThixo. Umpostile uPawulos uyabuza: “Yintoni na ke onayo ongayamkeliswanga?”—1 Korinte 4:7.
Ukuzithoba kukaYesu kwakwaboniswa ngokuthi ngokuvumayo ahambe amawaka eekhilomitha kungenganqwelo, kodwa ehamba ngeenyawo njengomshumayeli ohambahambayo. Ngesinye isihlandlo yena nabafundi bakhe babedinwe kakhulu kangangokuba kwafuneka ‘baphumle kancinane.’ Kanti xa kwabonakala isihlwele esikhulu, silambele ukhuthazo lokomoya, uYesu walibala ngokudinwa kwakhe waza ke ‘waqala ukusifundisa iindawo ezininzi.’—Marko 6:31-34.
ELusuthu, eAfrika, omnye umlungiseleli ohambahambayo wamaNgqina kaYehova (obizwa ngokuba ngumveleli wesiphaluka) namaqabane amabini, ngaxa lithile kwithuba elidluleyo babonisa umoya ofanayo. Bahamba iiyure ezingama-22 benqumla ummandla oneentaba besiya kutyelela amaKristu ambalwa angoowabo nakwanti. Ediniwe luhambo, umveleli wesiphaluka wagqiba kwelokuba akhe aphumle ngosuku olulandelayo. Kodwa esingakanani isihlwele eseza kumbulisa simbuza nemibuzo kangangokuba, edinw’ enjalo, waphakama waza wasifundisa ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani. Intsabelo yayikhuthaza kangangokuba abahambi abadiniweyo baziva bevuzwe kakuhle ngemigudu yabo.
Mxelise!
Umpostile uPawulos usikhuthaza ukuba “sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu.” (Hebhere 12:2) Sinokukwenza oku ngofundo oluthe rhoqo lweengxelo zeVangeli size sicamngce ngeendlela esinokuthi simxelise ngazo uKristu. Ngokomzekelo, uYesu wabonisa inkalipho xa wabhenca uhanahaniso nokuzenza amalungisa kweenkokeli zonqulo, nakubeni wayesazi ukuba zazimthiyile yaye ziza kumbulala. (Mateyu 23:1-36; 26:3, 4) Wahlala ezolile yaye ezibambile phantsi kohlaselo. (1 Petros 2:23) Kwimfundiso yakhe, wabonakalisa ukuyiqonda indalo yoluntu yaye enobuchule bokuvakalisa iinyaniso ezinzulu ngolwimi olulula.
Kodwa olona phawu awayebalasele ngalo uYesu yayiluthando lwakhe. “Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.” (Yohane 15:13) Wade wongezelela umkhamo omtsha kwigama elithi uthando ngokusixelela ukuba sithande neentshaba zethu.—Mateyu 5:43-48.
Onjani umzekelo ukugqwesa uYesu awayenguwo kuthi! Ukumxelisa akuyondlwan’ iyanetha, yaye maxa wambi sisenokukhubeka. Kodwa simele singaze sincame. (Galati 6:9) Kuba kukho izigidi eziphumelelayo ekuzabalazeni ukulandela uYesu. Ewe, kanye lo ukuzisele eli phephancwadi ngokungathandabuzekiyo uphakathi kwabo yaye ubeya kukuvuyela ngendlela engathethekiyo ukukunceda ukuba nawe ulandele emkhondweni kaYesu—NGOKUSONDELEYO!
[Amagama acatshuliweyo akwiphepha 5]
Esengoselula, uYesu wabonakalisa ulangazelelo olukhulu kwimicimbi yokomoya. Ngaba uyamxelisa kule nkalo?
[Amagama acatshuliweyo akwiphepha 6]
UKristu waluchasa uhlobo lomsebenzi wehlabathi ekhetha ubulungiseleli