Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Iindibano “Zabagcini Bengqibelelo” KwiiPhilippines
UNGCELELE lowe-1985 lwee-ndibano “Zabagcini Bengqibelelo” ezingama-23 ezaqhutywa kwiiPhilippines zaba nempumelelo enkulu ngazo zonk’ iindlela. Uziwo oluhlanganisiweyo lwa-bangama-213 734, olululwando lwama-27 ekhulwini ngaphezu kolonyaka odluleyo, lwasidlula ngokuphindwe kabini nesiqingatha isimbuku sabavakalisi kweli lizwe. Oku kubonisa ukuba kukho abantu abaninzi abanomdla abezayo ezindibanweni. Kwakhona, abangama-2 223 babhaptizwa, ulwando lwe-14,5 ekhulwini kunonyaka odluleyo.
ETuguegarao, eCagayan, kwakulindelwe ukuba abangama-12 000 babeya kuza endibanweni, kodwa kweza abangama-24 327! Isikhululo sikanomathotholo sasasaza udliwanondlebe nabazalwana olwathabatha imizuzu engama-30, nto leyo ngokungathandabuzekiyo eyafak’ isandla kuziwo oluhle. Umsasazi wabuza indlela esikwazi ngayo ukulondoloza uxolo nolungelelwano kwiindibano zethu. Waca-ciselwa ukuba onke amalungu entlangano yethu azabalazela ukuhlakulela isiqhamo sothando noxolo ekuthethwa ngalo eBhayibhileni. Ngoko nanini na sineendibano ezinjengale, akukho ngxabano. Umsasazi wayebambe ongezantsi waza wathi: “Hayi indlela emangalisa ngayo intlangano yenu! Ezinye iintlangano azinakukwenza oku. Nanini na zinesihlwele esinjengesi, kusoloko kukho iziganeko ezingathandekiyo.”
Kwakule ndibano inye, umhlohli kwiYunivesithi yeLizwana iCagayan wathi: “Abantu ababezile babeyinkungu nelanga; beqeqeshekile; babesebenzisana bonke; babebonakalisa ukuzahlulela okupheleleyo kubulungiseleli. Phezu kwayo nje inyambalala yabeze endibanweni, le ndawo yayicocekile; kwakukho ulungelelwano yaye akuzange kwenzeke ziganeko zingathandekiyo, nto leyo iyodwa nje engqina ukuba amaNgqina akuqhelisela ngokonqulo oko akufunde eZibhalweni.”
Inqununu yeRizal Memorial Stadium eManila yathetha oku ebudeni bendibano: “Ndiyalincoma ilungiselelo lendibano yenu. INtlangano yenu ilungelelanisiwe, ibe kungoku endithe ndazibonela olu hlobo lokulungelelana kwamaNgqina ngenxa yokuba kungoku endithe ndabona indibano enjengale.”
Kwindibano eyayikwisiXeko saseCalbayog, abavakalisi abasi-7 beza bephuma kwiqela elikwanti, ibe babehamba nabantu abanomdla abali-14. Iqonda imfuneko yokubakho kwesi sidlo sokomoya, enye intsapho eyayiphuma ePalawan yachitha malunga nama-20 ekhulwini enzuzo yayo yonyaka ukuze ibekho kwisiXeko iPuerto Princesa.
Abaninzi ababeze endibanweni bephuma kumazwe asemzini babeye kwindibano eyayiseManila, ibe abamalunga nama-80 ekhulwini kwaba babekuhlobo oluthile lwenkonzo yexesha elizeleyo. Kwakufudumez’ intliziyo ukubona indlela abazalwana abakhuthazwa ngayo ngumdlalo othi Ikamva Lakho—Lilucelomngeni, owawuthetha ngenkonzo yexesha elizeleyo. KwisiXeko i-Iloilo, abantu abathathu ababenenxaxheba kulo mdlalo bachukunyiswa gqitha ebudeni boqheliselo kangangokuba bathumela lifomu zezicelo zobuvulindlela obuthe ngxi kwanangaphambi kokuqalisa kwendibano. KwisiXeko iOrmoc, usihlalo wendibano wabalisa ukuba kanye emva komdlalo, abavakalisi abathandathu bacela iifomu zezicelo zobuvulindlela obuthe ngxi.
Ngokuqinisekileyo umoya kaYehova ushukumisela abantu bakhe ukuba ‘bazinikele ngokuvumayo’ kule mihla yokugqibela. (INdumiso 110:3) IiNdibano “Zabagcini Bengqibelelo” kwiiPhilippines ziye zabakhuthaza kakhulu abazalwana nabantu abanomdla apho.