Indima Ebekekileyo Yomfazi
“YINTONI le yenza ukuba umfazi afune ukuba njengendoda?” Lo mbuzo unokungaqondakali okuthile wawungumxholo wenqaku lesazi ngengqondo uCarol Gilligan awathi kulo: “Indawo yomfazi ebomini ibiyileyo yokuba ngumondli, umnyamekeli nokuba ngumncedi, umnxibelelanisi wolwalamano athi kwayena, axhomekeke kulo. Kodwa ngoxa abafazi ngaloo ndlela beye bawanyamekela amadoda, kuyinyaniso epheleleyo ukuba amadoda . . . aye atyekela ekungayixabisini loo nyameko.”—Psychology Today.
Isisibakala sale mihla into yokuba abafazi abaninzi baziva bethetheleleka ekukhalazeleni ukungalingani nokucalucalula okuthile nxamnye namadoda. Kuyavunywa ukuba, amadoda azingcayo aye abaxhaphaza abafazi kuzo zonke iindawo zehlabathi—kwamanye amazwe aphucuke ngakumbi kunamanye. Bambi bachaza ukuba oku kubangelwa ziinkqubo ezingokwentlalo ezibangela abafazi ukuba babe ngabathobelayo. Abanye balatha kwiBhayibhile ubuncinane njengebekek’ ityala ngokuyinxenye, besima ngelithi kwiZibhalo zesiHebhere nakwezesiGrike (ngokuqhelekileyo ezibizwa ngokuthi yiTestamente Endala neTestamente Entsha) iBhayibhile ingqwabalala kubafazi. Ngaba oku kuyinyaniso?
Injongo KaThixo Ngomfazi
IBhayibhile ithi: “Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; . . . wadala indoda nenkazana.” Yayiyintoni injongo yokudala aba bantu besini esingafaniyo? Impendulo icacile. Yayiya kwenza isibini sokuqala ukuba siphumeze umyalelo kaThixo awandlale kanye kwindinyana elandelayo: “Wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi . . . nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.”—Genesis 1:27, 28.
Phawula ukuba lo myalelo wanikelwa “kubo,” kwindoda nasemfazini. Bobabini babeya kuba nesabelo kungekuphela nje ekuzaliseni umhlaba ngabanye abantu kodwa kwanasekuweyiseni nasekubeni nobukhosi kwizidalwa eziphantsi ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo. Ukuze bakwenze oku, bobabini kwakuya kufuneka ukuba babe neempawu zengqondo nezokomoya, yaye babenamandla afanayo okwenza ezi zinto.
Noko ke, uThixo waba iindima neembopheleleko ezahlukahlukeneyo kwindoda nakumfazi. Ebudeni bexesha uAdam awayefundisisa iintlobo zezilwanyana yaye ezithiya amagama, wakwenza oko njengendoda egqibeleleyo, epheleleyo. Kuloo msebenzi awayewabelwe wayengaswele nto. (Genesis 2:19, 20) Kodwa xa lafikayo ixesha lokuba indoda iqalise ukuwuzalisa umhlaba ngenzala, ngokucacileyo yafuna umfazi. Kungenxa yoko le nto “wathi uYehova uThixo, Akulungile ukuba umntu abe yedwa; ndiya kumenzela umncedi onguwabo.”—Genesis 2:18.
IBhayibhile ithi uThixo wamenzela “umncedi onguwabo.” Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “umncedi” likwanokuguqulelwa ngokuthi “umphelelisi,” eliye lachazwa ‘njengento efanelana nenye ngokugqibeleleyo.’ Injongo kaThixo ngomfazi yayikukuba abe ngumphelelisi wendoda ekuzalisekiseni uthumo lwabo olumanyeneyo, ‘olwalukukuwuzalisa umhlaba nokuweyisa.’
Ilungiselelo LikaThixo Lantlandlolo Laphazamiseka
IBhayibhile ithi “Kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva.” (1 Timoti 2:13) Imchaza umfazi “njengesona sitya siethe-ethe,” yaye ithi, njengokuba indoda inentloko (uKristu), “intloko ke yomfazi yindoda.”—1 Petros 3:7; 1 Korinte 11:3.
Ngokwelungiselelo likaYehova lantlandlolo, ukuba nomfazi omnye yayingumlinganiselo womtshato. (Genesis 2:24) Indoda yadalwa kuqala yaye yayiza kukhokela kuyo yonke imicimbi ephathelele unqulo nemisebenzi engokobuthixo ephunyezwa ngembono yokuzalisa umhlaba nokuweyisa. Oku kwakuya kuquka imicimbi yentsapho. Ubawo wayeza kuba yintloko yekhaya, kodwa oku kwakungayi kumenzakalisa umfazi. Kunoko, kwakuya kuba kokwengenelo yakhe ngenxa yokuba wayeza kuba nothile omxhasayo xa wayesebenzisa igunya lakhe alinikwe nguThixo kubantwana bakhe.—Efese 6:1-4.
Njengokuba kunjalo kweminye imicimbi yomzabalazo womntu, isono nokungafezeki ziye zaluphazamisa olu lwalamano lufanelekileyo luphakathi kwendoda nomfazi. (Roma 7:14-20) Amadoda azingcayo aye alisebenzisa kakubi ilungelo lawo lobuntloko, esizisa ukubandezeleka kubafazi ukutyhubela iminyaka. Ewubona kwangaphambili lo mphumo ukhethekileyo wesono, uYehova wathi kuEva emva kokuvukela kwakhe: “Inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.” (Genesis 3:16) Oku kusetyenziswa kakubi kokulawula kwakungayi kuba kukubusebenzisa ngokufanelekileyo ubuntloko. Kwakuya kubonakalisa imeko yokuba sesonweni kwendoda, naleyo yomfazi, kuba maxa wambi kwakungangumphumo wokuzama kwakhe ukulithabathela kuye ngokungafanelekanga igunya lendoda yakhe.
Abafazi Phantsi Komthetho KaMoses
Umthetho uYehova awawunika amaSirayeli wawakhusela amalungelo eentombi. (Eksodus 22:16) Walondoloza “isiko leentombi.” (Eksodus 21:9) Abafazi babemele ‘bathandwe,’ ‘banganginizelwa.’ (Duteronomi 13:6; Malaki 2:14, 15) Isidima sabafazi sasimele sihlonitshwe kwimicimbi yesini. (Levitikus 18:19) Abafazi babengamele baphathwe kakubi ngokwesini.—Levitikus 18:8-17.
Ebhala kwincwadi iReligion and Sexism, ugqirha wezakwalizwi uPhyllis Bird uthi: “Imithetho yamaSirayeli yahluke ngokona kuphawulekayo kweminye imithetho eyaziwayo ngokuba ngqongqo kwayo ngokungaqhelekanga kumbandela wokwaphulwa komgaqo wesini . . . imbono yamaSirayeli ngesini esifanelekileyo nezohlwayo eziqatha ezaziziswa kwabo babesaphula imigaqo engesini kunokwenzeka ukuba zibonisa ukungahambisani kwawo ngokuphandle nezinto ezazisenziwa ngabantu abawangqongileyo (ngokukodwa amaKanan) . . . Ukwaphulwa kwemigaqo yesini kukwaphulwa kwemigaqo yonqulo kwaSirayeli. Asiyomicimbi yangasese kodwa yimicimbi yokuxhalatyelwa nzulu ngabantu bephela.” Imithetho engqongqo ngolo hlobo ngokuqinisekileyo yakhusela amalungelo abafazi.
KwaSirayeli, amadoda nabafazi babelingana ngokwaseMthethweni ukuba babefunyaniswe benetyala lokukrexeza, ukuba neentlobano zesini nelungu lentsapho, ukulala nezilwanyana, okanye olunye ulwaphulo-mthetho. (Levitikus 18:6, 23; 20:10-12) Imithetho ephathelele iingenelo zeSabatha, imithendeleko, izibhambathiso zokuzahlula namanye amalungiselelo, yayisebenza ngokulinganayo kumadoda nakubafazi.—Eksodus 20:10; Numeri 6:2; Duteronomi 12:18; 16:11-14.
Kwincwadi yeMizekeliso, iBhayibhile incoma “umfazi olungileyo,” “umfazi onesidima,” “umfazi onengqondo” ‘nomfazi onobulumko.’ (IMizekeliso 18:22; 12:4; 19:14; 14:1) IMizekeliso isahluko 31 ichaza “umfazi onesidima” ngolo hlobo yaye ibonisa indlela indoda yakhe emthembe ngayo namalungelo amaninzi emnika wona ekusingatheni imicimbi ebalulekileyo yekhaya. Alithandabuzeki elokuba, xa imithetho yayilandelwa kwaSirayeli, abafazi babengaphathwa kakubi.
Abafazi Kwibandla LamaKristu
Phantsi koMthetho woosolusapho nokaMoses, ukuba nesithembu nokuba neshweshwe kwakuyinto eyayinyamezeleka; kodwa kwakulawulwa, yaye amalungelo abafazi nawamashweshwe ayekhuselwa. (Genesis 16:3; 29:23-29; Eksodus 21:7, 8; Duteronomi 21:14-17) Noko ke, uKristu wawubuyisela umlinganiselo wantlandlolo kaThixo womtshato, okukuba indoda ibe nomfazi omnye. (Mateyu 19:4-6) Kwakhona wakuphelisa ukuqhawulwa komtshato ngaso nasiphi na esinye isizathu, evumela kuphela isizathu esinye esivakalayo—uhenyuzo.—Mateyu 19:7-9.
Kakade ke, ukuliqinisa kukaKristu ilungiselelo lomtshato kwaba yingenelo kumadoda nakubafazi abakwibandla lamaKristu. Kodwa icacile into yokuba abafazi babengabona bangenelwa gqitha.
Ngokwemilinganiselo yobuKristu, abafazi babemele bathandwe yaye banyanyekelwe. (Efese 5:28, 29, 33) Amalungu ebandla angamadoda ayemele abaphathe abafazi abancinane “njengoodade, enobunyulu bonke.” (1 Timoti 5:1, 2) Abafazi abangamaKristu bafumana umoya oyingcwele baza ‘baprofeta,’ okanye ngokungafihlisiyo bathetha “izinto ezinkulu zikaThixo.” (IZenzo 2:11-18) Abafazi abakhulileyo abangamaKristu babemele babe ‘ngabafundisa okuhle’ koodade babo bokomoya abaselula. (Tito 2:3, 4) Wonke ubani, omncinane nomkhulu, wayemele abe nenxaxheba enenkuthalo ekuphumezeni uthumo ‘lokubenza abafundi abantu bazo zonke iintlanga.’—Mateyu 28:19, 20.
Ilungiselelo likaThixo lantlandlolo lomtshato labuyiselwa kwibandla lamaKristu. Apha, umgaqo wobuntloko bendoda wawumele uhlonelwe. (1 Korinte 11:3) Abafazi abangamaKristu babemele bawathobele amadoda abo. (Efese 5:22-24) Kwakhona babefanele babahlonele abadala abamiselwe ebandleni, bonke ababengamadoda, enoba aba badala babengatshatanga okanye ‘babengamadoda amfazi mnye.’ (1 Timoti 3:2) Abafazi abangamaKristu babefanele bakuyekele ‘kumadoda amakhulu’ amiselweyo ukufundisa ekuhleni ebandleni baze bangabaphikisi ekuhleni abafundisi abanjalo. (Tito 1:5-9; 1 Timoti 2:11-15; 1 Korinte 14:34, 35) Oku kwakuza kubangela kubekho uxolo emabandleni. (1 Korinte 14:33, 40) Nayiphi na impembelelo engafanelekanga yomfazi ebandleni yayiya kuzisa umgwebo ongemhle kaKristu.—ISityhilelo 2:20-23.
Ukubaxhalabela KukaYehova Abafazi
Ngaba iBhayibhile ingqwabalala kubafazi? Akunjalo. Kuwo onke amaphepha ayo, ityhila inkxalabo enzulu kaYehova ngokonwaba nempilontle yesi “sitya siethe-ethe,” anguMdali waso. Bamele bahlonitshwe. (1 Petros 3:7) Uyazi kakuhle indima yakhe emfaneleyo ngamnye wesini esahlukileyo, ukwenzela ingenelo yokumanyana kwabo. Uye wanikela ubuntloko kumadoda kodwa amalungelo amaninzi axabisekileyo uwanikele kubakhonzi bakhe abangabafazi, kuquka imbeko enkulu yokuba ngamangqina akhe. “INkosi iya kukhupha izwi elinamandla, ube mkhulu umkhosi weentokazi ezishumayela iindaba ezilungileyo.”—INdumiso 68:11.
Isazi ngengqondo uCarol Gilligan uphakamisa lo mbuzo, “Yintoni le yenza ukuba umfazi afune ukuba njengendoda?” IBhayibhile iphendula isithi: Akukho sizathu sibambekayo. Uya konwaba ngakumbi yena yaye uya kwenza nabanye ukuba bonwabe ngakumbi ukuba uzalisekisa indima yakhe ayabelwe nguThixo.