Isizathu Sokuba Ndahlukane Nembono Yokuya Ezulwini
—Ngokubaliswa nguYuriko Eto
NJENGOMWISILE ongumJapan, ndandikholelwa nzulu kwelokuba kwakungenakubakho lonwabo lungaphezu kokuya ezulwini. Kwakuya kuba yinto emangalisayo ukuba secaleni kukaThixo nokuhlala neNkosi uYesu Kristu ngonaphakade. Kutheni le nto ndandikulangazelela ngokwenene ngolo hlobo ukuya ezulwini? Yaye kwakutheni ze ndahlukane naloo mbono? Makhe ndikubalisele ibali lam.
Yayilunqulo lwamaShinto nolwamaBhuda kuphela olwaluvunyelwe kwilizwe lam, iJapan, kangangeenkulungwane. Ndazalwa ngowe-1911, kwiminyaka nje engama-22 emva kokunikelwa kwenkululeko yokunqula. Intsapho yakowethu yayingamaWisile. Ubawo wayengumrhwebi. Umama wayeyintombi yomfundisi. Isibakala sokuba umama wayeyikholelwa ngokwenene iBhayibhile sasiyintsikelelo kum. Ndikhumbula ngokukodwa ukuba umhlobokazi kamama, owayengumfundisi-ntsapho kwisikolo sezakwalizwi samantombazana, wayedla ngokusityelela ngokufuthi. Wayesoloko ethetha ngeBhayibhile, yaye ndandithanda ukuphulaphula. Kodwa ekupheleni kweengxubusho wayesoloko esithi: “Ngaba ayibuhlungu na into yokuba iBhayibhile ibe ayikavulwa ize iqondwe?” Into eyayisoloko indikhathaza kukuba ekubeni uThixo wabangela abantu ukuba babhale iBhayibhile, kutheni engazange abenze ukuba bayiqonde?
Emva kokubuyela ekhaya ndivela esikolweni, akukho nto ndandiyithanda ngaphezu kokuhlala kwisitulo esitofotofo ndifunde iBhayibhile nokuba ndiphuphe ngezulu. Okwashukumisa intliziyo yam ngokukodwa kukuba mhlawumbi uKristu wayeza kusihlangabeza ebudeni bokudla kwam amazimba. UYesu Kristu wazifanisa nomyeni waza wasilumkisa ngeentombi ezilishumi, ezintlanu zazo zazikobentlombe zaza azakwazi ukumhlangabeza umyeni azaya nasezulwini! Ngoko yonke imihla, ndandithandazela ixesha laxa iNkosi uYesu yayiza kusibiza, yaye ndathandazela ukuba ubukho besibini bukaKristu babufanele bungalityalwa. Ndasigcina engqondweni isibhalo esithi, “Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona,” yaye ndahlala ndilindile ndinethemba. Enyanisweni, ndandiphila ngokomhambi ongenaxhala kweli hlabathi.—Mateyu 25:1-12; 5:8.
Ngowe-1933 ndatshata, yaye ngenxa yokuba ndandisoloko ndithetha ngezulu kwiincoko zethu, umyeni wam wayedla ngokundihleka esithi, “Ungowasezulwini, kodwa mna ndingowalo mhlaba.” Noko ke, uyise womyeni wam wayezinikele eBhayibhileni yaye wayedla ngokuthi: “Phantse sekuyiminyaka engama-2 000 ukususela ekubeni iNkosi uYesu Kristu yafikayo, ngoko sinokuthelekelela ukuba ubukho besibini bukaKristu busondele.” Intliziyo yam yalangazelela ngakumbi nangakumbi.
Kwandula ke kwaqalisa iMfazwe Yehlabathi II, yaye kunyaka wokugqibela wemfazwe umyeni wam wafa. Ngelo xesha ndacinga ukuba ukuba kukho isihogo esoyikekayo, simele ukuba ngulo mhlaba. Emva kwemfazwe, ndahamba nabantwana bam abane (owayemncinane wayeneenyanga ezisixhenxe ubudala) saza safuduka amaxesha aliqela, njengoko iTokyo yayisekwimeko embi. Ndandingakwazi ukuhlala imini yonke yangeCawa ndingayi ecaweni, ngoko ngalo lonke ixesha esasifuduka ngalo, ndandisiya kwicawa ekufuphi nekhaya lethu. Ndandingayikhathalele into yokuba yicawa eluhlobo luni na, njengokuba ndandinoluvo lokuba kwakukho uThixo omnye neBhayibhile enye kuphela. Ndandikuthiyile ukuba ngowemvaba enye.
Ukufuna Intlangano KaThixo
Ngenxa yokubona ukwahlukahlukana, ndaqalisa ngokuthe ngcembe ukuzibuza indlela uThixo azijonga ngayo zonke iimvaba. Ndafikelela kwisigqibo sokuba uThixo wazi ngaphezu kwakhe nabani na nokuba iimpazamo ziyanda kwiinkonzo ezininzi. Ngendlela enza ngayo umfundisi-ntsapho xa enikela amanqaku kwiphepha loviwo lwabafundi, ndacinga ukuba uThixo wayeya kuyipha amanqaku intlangano eyayiyiqonda ngeyona ndlela ichanileyo iBhayibhile. Ndaqalisa ukuba noluvo lokuba ndandimele ndifune intlangano efanelekileyo kuThixo. Ngoko ngokukhawuleza kwathi qatha uMateyu 7:9 engqondweni yam. Uthi: “Nguwuphi na umntu kuni ongathi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye?” Ngenxa yokuba ndandifuna “isonka” sokwenene, ndasikholelwa esi sibhalo ndaza ndaqalisa ukuthandaza ngokunzulu imihla ngemihla ndisithi: “Khawundinxulumanise nentlangano eyiqonda ngokuchanileyo iBhayibhile.” Kwithuba elingangonyaka emva kokuqalisa ukuthandaza ngale ndlela, ndafudukela eYokohama. Kulapha apho ndathi ndachwayitiswa yincoko ethile.
Nanini na ndidibana nabantu ababesithi bahamb’ icawa, ngoko nangoko ndandibabuza ndithi, “Andazi nokuba kukho bani na enimaziyo oyiqonda ngokweenkcukacha iBhayibhile?” Ngenye imini kwidolophana ekufuphi, ndadibana nelungu lecawa ndaza ndalibuza kwaumbuzo omnye. Nakubeni ukuya kutsho ngelo xesha, ndingazange ndiphenduleke kakuhle, lo yena wandiphendula ngelizwi eleyisayo: “Ewe. Ukho umntu onjalo. Ngolunye usuku apha kwafika umfazi ongumvangeli wasemazweni. Ndamngenisa endlwini, waza ngokukhawuleza wavula iBhayibhile wacacisa izinto enye emva kwenye. Ngaphambi kokuba ahambe wathi uhlala kwikhaya elisendulini apho uhlala khona.” Ndakukuva oko, ndayishiya indlu yakhe—ndichwayitile. Kanye ngosuku olulandelayo ndatyelela ikhaya labavangeli basemazweni abangamaNgqina kaYehova.
Ixesha Lamanqam
Ekugqibeleni ndaqhutyelwa isifundo seBhayibhile esineenkcukacha. Kwadlula malunga nenyanga—kwaza ke kwenzeka into ekhwankqisayo! Umvangeli wasemazweni owayendifundisa, uJean Hyde (ngoku onguNisbet), wancuma waza wathi: “Kwikamva kunokwenzeka ukuba ungaphili ezulwini kodwa uphile emhlabeni.” Kwandothusa oko ngenxa yokuba ndaziva ngokungathi ndandidudulelwe ngaphandle kwezulu. Ndandinomsindo ngokwenene. Ndambhavumela ndathi: “Ndiyaqala ngqa ukudibana nomshumayeli othetha krwada njengawe. Ilihlazo into yokuba phezu kwako nje ukuba bendikhangele ekubeni undifundise iBhayibhile, ibe ngoku loo mvakalelo iphelile. Phofu ke, njengokuba ndifuna intlangano eyinyaniso ngeli xesha, nanjengokuba ndiye ndarhumela IMboniselo yaye ndikwanencwadi ethi ‘UThixo Makabe Nenyaniso,’ ndiza kuyihlolisisa ngenyameko ngokwam. Xa ndithe ndaqinisekisa ukuba le yinyaniso, ndiya kuzithoba kuwe ndize ndizokucela uncedo lwakho kwakhona.”
UJean wayengacaphukanga. Wancuma waza wathi, “Ngazo zonke iindlela nceda uhlolisise inyaniso.” Akuba etshilo wemka, kodwa ngobubele wayesoloko efika ukuza kubuza athi, “Ngaba uyalwenza uhlolisiso lwakho?” Ndandinethemba lokuba le ntlangano yayiyimpendulo kaThixo kwimithandazo yam, kodwa ngoku iimvakalelo zam zaziphazamiseke ngokupheleleyo. Andizange ndeva ngaphambili ngomahluko okhoyo phakathi kwabo baza kuya ezulwini nabo baza kuphila ngonaphakade emhlabeni.
Emva koko, ndazihlolisisa ngenyameko iimpapasho zeWatch Tower yonke imihla. Emva kwethuba elithile ndafikelwa ngumveleli ohambahambayo wamaNgqina kaYehova, uAdrian Thompson. Ndinendawana yokucaphuka, ngokukhawuleza ndabuza ndathi: “Kwanokuba kwikamva kukho amaqela amabini, elinye ilelasezulwini elinye ilelasemhlabeni, ngaba bekungayi kuba nguThixo owenza isigqibo? Bekuya kuba kukuzikhukhumalisa ngabantu ukuba benze isigqibo, akunjalo?” Waphendula wathi: “Uchan’ ucwethe! Lowo wenza isigqibo nguThixo.” Nakubeni ndingazange ndiziqonde iinkcukacha, ngandlel’ ithile ndaziva ndibukhululeka. Ndacinga ngolu hlobo, ‘Ngoko, amathemba am okuya ezulwini akamkanga nomoya.’ Emva koko, ndathandaza ndaza ndaqhubeka ndifundisisa ngokwam.
Ngowe-1954 ndaya kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu. YayinguLloyd Barry owayesisithethi. Kwintetho yakhe wathi abo ‘babekwisivumelwano somnqophiso’ yayingabo ababefanele bathabathe kwisonka nakwiwayini. Emva kweSikhumbuzo ndandinemibuzo emininzi, ngoko ukuya ekhaya ndahamba noShizue Seki, olingqina elinenzondelelo. Wabonisa inkxalabo enkulu waza wazinika ixesha lokundikhuthaza ukuba ndingancami ngenxa nje yokuba ndandinengxaki ngengongoma enye, kodwa wandikhuthazela ekubeni ndiqiniseke enoba zonke ezinye iimfundiso zisekeIwe eBhayibhileni na okanye akunjalo.
Ngenye imini, emva kokuba abantwana beye esikolweni, ndandicoca ndilungiselela iindwendwe, ibe ndathandaza ngokuzolileyo ndisithi, ‘Ndiza kufundisisa kwakhona namaNgqina kaYehova.’ Ekuwavuleni kwam amehlo, ndamangaliswa kukubona, kungekhona iindwendwe endandizilindele, kodwa amaNgqina kaYehova amathathu angamaJapan. Ndimangalisiwe, ndawaxelela oko ndandisandul’ ukukuthandazela. UFumiko Seki watsibatsiba ngokuchwayitileyo, eqhwaba izandla zakhe esithi, “Kuhle! Kuhle!” Kungekudala omnye umvangeli wasemazweni, uSonny Dearn, waqalisa isifundo esinandiphekayo, esebenzisa uFumiko ukuguqulela. Ngeli xesha abantwana bam ababini bandithelela ekufundisiseni. Noko ke, uSonny wafumana esinye isabelo. Kwandula ke kweza uLeon Pettitt, ongomnye wasemzini. Sasisoloko simbuza uthotho lwemibuzo. Ngokuzolileyo wayesibonisa izibhalo ukuze sibe nokufikelela kwisigqibo esifanelekileyo size siqhubele phambili kulwazi olungokweZibhalo.
Ukufunda Ngenjongo Yokuya Ezulwini
Ngokwahlukileyo kwiminqweno yam yobuqu, ndafunda ukuba kukho injongo yokuya ezulwini engaphezulu kunokunqwenela nje ukuba secaleni koThixo ozukileyo nokuhlala neNkosi uYesu ngonaphakade. Njengokuba ndandiqhelana neenyaniso ezithile, intliziyo yam yayikulungele ukuzamkela.
Okokuqala, ukuba umntu wokuqala uAdam wayengazange one, kwakungayi kubakho mfuneko yakhe nawuphi na kuluntu ukuba aye ezulwini. Oku kungenxa yokuba ngaphambi kokuba kudalwe ihlabathi, kwakusele kukho amawaka ngamawaka ezithunywa zezulu ezulwini.—Yobhi 38:4-7; Daniyeli 7:9, 10.
Njengokuba isifundo sasiqhubela phambili, ndafunda kuLuka 12:32 ukuba liqela elincinane kuphela elo iBhayibhile elibiza ngokuthi ‘ngumhlambi omncinane’ eliya ezulwini. UYesu wathi: “Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.” Mayela nenjongo yoko, akubhalwanga na kwiSityhilelo 20:6 ukuba “babe ngookumkani kunye naye [uKristu] iminyaka eliwaka”? Ibe kwiSityhilelo 5:10 akutshiwongo na ukuba ‘babeya kuba ngookumkani phezu komhlaba’?
Ndayiqonda kwanentsingiselo yomthandazo weNkosi. UYesu wathandaza wathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.” (Mateyu 6:10) Xa ndaqondayo ukuba oku kwakubhekisela kurhulumente woBukumkani basezulwini obunjwe ngabantu abathatyathwe emhlabeni ukuba balawule noKumkani uYesu Kristu, bandimangalisa ubulumko bukaThixo. Ndeyiseka kukuba le yiyo kanye into esiyifunayo, urhulumente omtsha nongenakuthelekiswa oya kukhulula uluntu ekubandezelekeni, kwintlungu nakwingcinezelo eziswa nguSathana. Ndandingenakuzibamba ekubeni ndimdumise uYehova.
Ngokubhekele phaya, xa ndafundayo ukuba inani labaya ezulwini lilinganiselwe kwabali-144 000, ndandingenakwenza ngenye indlela ngaphandle kokuba ndivumelane nokuba sengqiqweni koku. (ISityhilelo 14:1, 3) Ngendlela efanayo, kwanenani lamagosa aseburhulumenteni emhlabeni lilinganiselwe. Ndayiqonda into yokuba kukho imisebenzi ethile ebalulekileyo kwabo baya ezulwini. Umsebenzi wabo kwilungiselelo elinothando likaThixo uquka ukonwabisa bonke abaphila emhlabeni nokubuyisela lo mhlaba kwiimeko zeparadisi.
Ndandizaliswe luxabiso kangangokuba ngovuyo ndahlukana neengcamango zam zokuya ezulwini. Ngoku ndizaliswe lithemba lokuphila kwiparadisi esemhlabeni. Ngokungathandabuzekiyo, uThixo uye wayityhila intsingiselo yeBhayibhile esebenzisa intlangano yakhe. Ndandifuna inyaniso. Ndinyanzelekile ukuba ndimbulele uThixo kuba wandinceda ukuba ndinxulumane nentlangano akholiswayo yiyo.
Ubulungiseleli Obunesiqhamo Nobonwabisayo
Ndabhaptizwa ngo-Oktobha 1954. Ukususela ngowe-1955, ababini kubantwana bam bebenesabelo ixesha elizeleyo kumsebenzi wokushumayela uBukumkani bekunye nam. Unyana wam uKeijiro wakhonza njengomveleli ohambahambayo kangangeminyaka esixhenxe. Ngoku usikelelwe ngabantwana ababini, ibe yena nomfazi wakhe basebenza ngenzondelelo njengabashumayeli bexesha elizeleyo (oovulindlela). Njengovulindlela okhethekileyo, ndiye ndanesabelo ekumiseni amabandla amaNgqina kaYehova kwizixeko ezithandathu.a Kutshanje ndaye ndanovuyo lokushumayela iminyaka eliqela kunye nomafungwashe wam, uHiroko, kwisiQithi iHachijō, esiziikhilomitha ezingama-300 kuLwandle iPasifiki ukusuka eTokyo.
Ekubeni ndaye ndaneliswa lithemba lekamva elimangalisayo emhlabeni, imbono yam ngomhlaba iye yaguquka kakhulu. Ngokukodwa kwisiQithi iHachijō, sasingqongwe ziintyatyambo ezingaqhelekanga, yaye njengokuba sasihamba kwindlu ngendlu, sasizincoma xa sithetha nabaninimzi abakwizitiya zabo ezihle. Ngenye imini sadibana nexhegokazi elalinyamekela iintyatyambo zalo. Sazincoma, kodwa ladanduluka lathi: “Andikoyiki ukufa, kodwa indenza ndibe buhlungu into yokuba kuza kufuneka ukuba ndizishiye ezi ntyatyambo xa ndisiya kwelinye ilizwe.” Ndalichazela ukuba phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo liya kuvuswa ekufeni livuselwa kumhlaba oyiparadisi apho iintyatyambo ziya kuvuyelwa ngonaphakade. Lacacelwa koko, kwaza kwalungiselelwa isifundo seBhayibhile.
Kwakhona ndatsalwa yindlela elula yokuphila kwabantu besiqithi. Bawuhlonela ngokukhethekileyo umcimbi wokubeka ookhokho babo. Xa uthile esifa, wonke ubani okuloo mmandla unyanzelwa ukuba aye emngcwabeni. Kwanga bonke aba bantu bangamazi uYehova, uBawo ongumniki-bomi, baze baqonde ukuba unguThixo oya kubangela ookhokho babo baphile kwakhona xa umhlaba ubuyiseIwe ekubeni yiparadisi. Bendingathanda ukuba bazi ukuba kukho umahluko obalulekileyo phakathi kokuhlonela nokunqula ookhokho bethu. Sifanele sinqule kuphela uBawo ongumniki-bomi omnye, uYehova. Kunjengokuba uYesu wathi: “Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.”—Yohane 4:23, 24.
Ngoku ndikwisabelo sam sesixhenxe somhlaba, ndiyambulela uYehova njengokuba ndiqhubeka ndixelela abantu ngenjongo yorhulumente woBukumkani basezulwini bukaYehova neentsikelelo ezimangalisayo aya kuzizisa kwabo bethu abaya kuba nelungelo elimangalisayo lokuphila emhlabeni ngonaphakade.—2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:3, 4.
[Umbhalo osemazantsi]
a UYuriko Eto ukwancede abafundi bakhe beBhayibhile abangama-75 ukuba babe ngabavakalisi boBukumkani.
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UYuriko Eto efundisisa nabanye ngedinga leBhayibhile leparadisi esemhlabeni