Isizathu Sokuba Ufanele Ube Nomdla
‘NDIBE nomdla entwenini?’ Kweyona nguqulelo inkulu eya kuthi yenzeke embalini yoluntu! Akusentsuku zatywala ukuba urhulumente omtsha ngokupheleleyo omiselwe nguThixo azithabathele kuye iintambo zokulawula umhlaba. (Daniyeli 2:44) Oku kuthatyathwa kweentambo kuya kuchaphazela onke amadoda, amabhinqa nabantwana,—ngendlela elungileyo okanye embi. Le nguqulelo iphawulekayo iya kwenzeka kwisizukulwana esikhankanywe kuMateyu 24:34. Ngaloo ndlela, kufuneka ukuba bonke abantu babe nomdla wokwenene nowokwenyaniso kwisigidimi esingaloo nguqulelo. Eneneni, bekuya kuba kuphosakele ukuthi, ‘Andinamdla.’
Xa Abaninzi Bathi Ababonakalisa Mdla
Akuqali ngomhla wethu ukubhengezwa kwesigidimi esibalulekileyo nesingxamisekileyo ekufanele ukuba siye savusa umdla kwabo bebesiphulaphule. Umhla kaNowa wawungomnye wemihla enjalo. Ngenxa yobungendawo, ukuziphatha okubi nokuba nogonyamelo kwabantu ngelo xesha, uYehova uThixo waceba ukulutshabalalisa uluntu ngomkhukula wazwenibanzi. (Genesis 6:5-7, 13) Phofu ke, ngaphambi kokuba atshabalalise abo bangahloneli Thixo, wenza ilungiselelo lokuba uNowa, owayengumshumayeli wobulungisa, abalumkise ngoNogumbe ozayo nangekhondo ekwakufuneka belithabathile ukuze basindiswe. Nakubeni eso sigidimi sasibaluleke ngolo hlobo, bonke abantu abasivayo ‘abazange baqonde.’ (Mateyu 24:39; Luka 17:26, 27; 2 Petros 2:5) Babengakhathali, befihl’ intloko—bengenamdla nje kwaphela! Ngenxa yoku, balahlekelwa yinto yonke.
Kwakukho imeko efanayo nangemihla yabemi besixeko saseSodom nesaseGomora ezazidume ngokuziphatha okubi. Nangona bathi balunyukiswa ngokutshatyalaliswa kwabo okwakusele kusemnyango ngenxa yokungcola kwabo, abazange baphulaphule. Nabo babengenamdla kuye nabani na owayengaphazamisana nendlela ababephila ngayo. YayinguLote kuphela owayengumntu owahlukileyo.—Genesis 18:20–30; 19:1-29; Luka 17:28-30.
Ngaloo ndlela, abemi bezi zixeko babengasithandi esi sigidimi. Mhlawumbi babexhalabele gqitha indlela abamelwane babo ababeya kubajonga ngayo ukuba babebonakalisa umdla. Okanye mhlawumbi babesoyika ukuba kwakuya kufuneka baguqule indlela ababephila ngayo nto leyo ababengazimiselanga kuyenza. Kuyabonakala ukuba, babeyithanda indlela evakalala ababephila ngayo. (Yuda 7) Ngoko abazange babe nalo nofifana olu ngento eyayiza kwenzeka, de kwaba ngumhla wokutshatyalaliswa kwabo.
Abo Bangazange Babe Nomdla Ngomhla KaYesu
Xa uNyana kaThixo, uYesu Kristu, wayesemhlabeni, wathuma abalandeli bakhe ukuya kuvakalisa iindaba ezilungileyo ezingorhulumente kaThixo wasezulwini. (Mateyu 10:7) Enyanisweni, wabayalela abafundi bakhe indlela ababefanele basivakalise ngayo esi sigidimi singaqhelekanga nesibalulekileyo kwikhaya ngalinye nento ababefanele bayenze xa abaninimzi babengabonakalisi mdla wokwenene. Khawubek’ indlebe njengoko eqhubeka eqeqesha abafundi bakhe: “Ekungeneni kwenu ke endlwini, ize niyibulise. Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni. Nothe akawamkela, akaweva amazwi enu, nakuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu.”—Mateyu 10:12-14.
Phawula ukuba uYesu wayalela abafundi bakhe ukuba ‘bavuthulule uthuli lweenyawo zabo’ xa bephuma kwikhaya okanye kumzi ekuthe kuwo akwabonakaliswa mdla kwaphela kuBukumkani bukaYehova. Wayesingisele entwenini ngeli cebiso? Ukuvuthulula uthuli ezinyaweni zikabani kwakubonisa ukuba msulwa kwimiphumo umninimzi awayeza kuyifumana ngenxa yokungabi namdla kwakhe kwisigidimi sikaThixo. Kwakuthetha ukuba abalandeli bakaYesu babenduluka ngoxolo baze bayishiyele loo ndlu okanye eso sixeko kwimiphumo eyayiza kuthi ekugqibeleni ibangelwe nguThixo.
Ukubonisa Umdla—Kuthetha Ubomi Bakho!
Kubangel’ umdla ukuphawula ukuba uYesu Kristu wathelekisa indlela abantu abasabela ngayo kumhla wethu naleyo abathi basabela ngayo ngemihla kaNowa nangemihla yeSodom neGomora. (Mateyu 24:37-39; Luka 17:26-30) Ukuziphatha okubi nogonyamelo zizinto ezazesamele ngemihla kaNowa nangemihla kaLote. Eneneni, uLote owayeyindoda elilungisa wathuthunjiswa ibe kwambandezela ukubona ukungabi namthetho nokuzifica kwihambo evakalala kwabemi baseSodom nabaseGomora.—2 Petros 2:6-8.
Kanti, xa uYesu ebhekisela kumhla kaNowa nakumhla kaLote, utsalel’ ingqalelo yethu, kungekhona ekuziphatheni okubi nakugonyamelo lwaloo maxesha, kodwa kunoko, kwimibandela exhalatyelwe mihla le—ukutya, ukusela, ukutshata, ukwendiswa, ukuthenga, ukuthengisa, ukwakha nokulima. Wabonisa ukuba abaninzi babengayi kusabela kwisigidimi seendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kodwa babeya kuzixakekisa ngemicimbi yobomi yemihla ngemihla baze ngaloo ndlela bangabonakalisi mdla koko uYehova anenjongo yokukwenza. Esi sisigidimi esibalulekileyo esiqulethe ukuphila okanye ukufa. Ukungasiphulaphuli bekuya kuthetha ilahleko enkulu. Ukungasinanzi okanye ukungabonakalisi mdla kuso kusisono esikhulu.—Thelekisa uMateyu 6:31, 32.
Kusisono esikhulu kangakanani kanye kanye oku? Ehlabela mgama uYesu wacacisa esithi: “Koba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom nowaseGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi” ongakhange uphulaphule okanye ubonakalise umdla. (Mateyu 10:15) Ukuba umntu ubonakalisa umdla, uyasiphulaphula aze asikholelwe esi sigidimi, nakubeni esenokuba uziphethe kakubi okanye unogonyamelo, unokubuguqula ubuntu bakhe aze amkeleke kuYehova ukuze afaneleke njengomlawulwa woBukumkani, kwananjengokuba amaKristu okuqala aseKorinte enzayo.—1 Korinte 6:9-11.
Kuzo zonke iincoko zakhe kunye nabafundi bakhe, uYesu Kristu wababongoza ukuba baphulaphule, banikel’ ingqalelo, babonise umdla kwisigidimi esibalulekileyo soBukumkani bukaThixo. Ukuze atsale ingqalelo yabo wayethetha nabo, wanikela ezi ziluleko: “Lumkani ngoko ukuva eniva ngako.” “Lowo uneendlebe zokuva makeve.” “Phulaphulani kum nonke, niqonde.” “Phulaphulani, niqonde.”—Luka 8:18; Marko 4:9; 7:14; Mateyu 15:10.
Ngoko ke, xa omnye wamaNgqina kaYehova ephinda enkqonkqoza ekhayeni lakho, kuya kukunceda ukuthi: ‘Ngaphakathi, ndinomdla.’