Indlela Onokukuchaphazela Ngayo Umoya KaThixo
“EKUQALEKENI uThixo wadala amazulu nehlabathi. Ke ehlabathini kwakusenyanyeni, kuselubala; kwakumnyama phezu kwamanzi enzonzobila. UMoya kaThixo wafukama phezu kwamanzi lawo.” (Genesis 1:1, 2) La mazwi esi Sibhalo abalaselisa indlela ebalaseleyo aye wonk’ ubani ophililayo wangenelwa ngayo ngumoya oyingcwele. Loo moya wawusebenza ngexesha lokudala, yaye ngenxa yokusebenza kwawo, umhlaba waba likhaya elonwabisayo loluntu.
Kodwa abantu banokungenelwa ngokungakumbi gqitha kumoya oyingcwele. Umzekeliso ophefumlelweyo uthi: “Nithe nabuyela ekohlwayeni kwam, niyabona, ndowumpompozisela kuni umoya wam, ndonazisa amazwi am.” (IMizekeliso 1:23) Ngomhla wethu “amazwi” kaThixo aqokelelweyo ayafumaneka kwiBhayibhile eNgcwele, ebhalwe ngabantu ‘ababeqhutywa ngumoya oyingcwele.’ (2 Petros 1:21; Marko 12:36; 2 Timoti 3:16) Nanini na umntu olulamileyo efunda iBhayibhile, uyangenelwa ngumoya oyingcwele.
Umoya Oyingcwele Nomsebenzi Wokushumayela
Xa omnye wamaNgqina kaYehova etyelela ekhayeni lakho ukuze athethe ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani, umoya oyingcwele unokubuchaphazela ubomi bakho ngenye indlela. Sazi njani? Kaloku, xa uYesu Kristu waqalisa ukushumayela iindaba ezilungileyo, wasebenzisa kuye amazwi omprofeti uIsaya, esithi: “UMoya weNkosi uphezu kwam, ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu. . . . Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi.” (Luka 4:18, 19; Isaya 61:1, 2) Ewe, uYesu wathanjiswa ngomoya oyingcwele ukuze ashumayele iindaba ezilungileyo.
Ngaphezu koko, uYesu waxela kwangaphambili ukuba ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kwakuya kuqhubeka emva kokufa kwakhe. Waprofeta wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.” (Mateyu 24:14) Kungethuba lide ngaphambi kokuba uYesu anyukele ezulwini, wayalela abafundi bakhe esithi: “Hambani . . . niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.” (Mateyu 28:19, 20) Ngoko ke, emva kokunyukela kukaYesu ezulwini, abafundi bakhe baqhubeka nomsebenzi wokushumayela nokufundisa ogunyaziswa ngumoya. AmaNgqina kaYehova namhlanje axelisa abo bafundi bokuqala ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kwihlabathi lonke.
Ubhaptizo Nomoya Oyingcwele
Xa umntu ezamkela iindaba ezilungileyo, uYesu wathi ufanele abhaptizelwe “egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele.” Ngoko abafundi abatsha bachaphazeleka ngokubhekele phaya ngumoya oyingcwele. Ibinzana elithi “egameni” eneneni lithetha “ngegunya” okanye “ngokuqonda isigxina [sawo].”a Ngenxa yoko, ukubhaptizwa egameni loYise kuthetha ukwamkela ngaphandle kokuthandabuza ulongamo lukaThixo ebomini bethu. Ukubhaptizelwa egameni loNyana kuthetha ukwamkela uYesu njengoMhlawuleli, uMzekelo noKumkani. Yaye ukubhaptizelwa egameni lomoya oyingcwele kubandakanya ukuba nentembelo kulo moya nokuthobela amandla awo.b
Umoya Oyingcwele Kubomi Bakho
Kulusizi ukuthi, ukunganyaniseki, ukuziphatha okubi, ugonyamelo nokuchas’ umthetho okuxhaphakileyo esikubonayo kumazwe “amaKristu” kubhenca isibakala sokuba inkoliso yabo bazibanga bengamaKristu eneneni iyawuchasa umoya oyingcwele. Kodwa abo bawuthobelayo basikelelwa kakhulu. Phakathi kwezinye izinto, bakuthabatha nzulu oko bakufunda kwiBhayibhile ephefumlelweyo ngomoya baze bakusebenzise kubomi babo. Ngaloo ndlela, banobulumko, ukuqonda, ingqiqo, ubuqili, ulwazi namandla okucinga. (IMizekeliso 1:1-4) Ezi ziimpawu ezixabisekileyo kumaxesha ethu azele ziinkathazo.
Umoya oyingcwele ukwanceda abantu abanjalo ukuba boyise iingxaki ezinzima. Kumaxesha amandulo, uThixo wabonisa abantu bakhe indlela ababeya kukwazi ngayo ukuphumeza umsebenzi onzima kakhulu. UYehova wathi wawungayi kwenziwa “ngabukroti, ngamandla [koko wawuya kwenziwa]; ngoMoya [wakhe].” (Zekariya 4:6) Kwakhona ukuba sithobela uThixo nomoya wakhe, siya kuncedwa siphumeze imisebenzi size soyise imiqobo ebinokuthi kungenjalo ibe mikhulu kakhulu kuthi.—Mateyu 6:33; Filipi 4:13.
Ukongezelela, umoya kaThixo usinceda sinandiphe inkululeko engaziwayo lihlabathi ngokubanzi. Umpostile uPawulos wabhala oku: “Apho ke akhoyo uMoya weNkosi, kubakho inkululeko.” (2 Korinte 3:17) Abo bathobela umoya kaThixo bakhululekile kunqulo lobuxoki, kwiinkolo, kuloyiko lwekamva nakwabanye oothunywashe abaninzi abakhobokisayo. Ngokwenyaniso umoya kaThixo ungamandla okulungileyo! Unokude uguqule abantu. IBhayibhile iyakukhankanya oku xa isithi: “EsoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa; akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo.” (Galati 5:22, 23) Hayi indlela eli hlabathi ebeliya kwahluka ngayo ukuba wonke ubani ebezithoba kwimpembelelo yomoya kaThixo!
Njengeqela, amaKristu okwenyaniso akwanandipha “ubunye boMoya ngentambo yoxolo.” (Efese 4:3) Ubunye noxolo zizinto ezinqabileyo namhlanje. Kodwa zikho apho umoya kaThixo usebenza khona. Enyanisweni, phakathi kwamaNgqina kaYehova intambo emanyanisayo yomoya oyingcwele iye yabangela ukuba abantu bazo zonke iintlanga, iilwimi nezizwe babe ‘sisizalwana’ sokwenene.—1 Petros 2:17
Umoya KaThixo Nawe
Ngaba uyayibona ingenelo yokuba nobulumko obuvela kuThixo neyokunandipha inkululeko yokwenyaniso? Ngaba bekungayi kuba kuhle ukufumana uncedo lukaThixo ekucombululeni iingxaki nasekuhlakuleleni uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali nokuzeyisa? Ngoko zithobe kumandla omoya oyingcwele kaThixo. Kodwa umntu unokukwenza njani oku?
Vumela iLizwi likaThixo, iBhayibhile, liphembelele ingqondo nentliziyo yakho. Nxulumana nabo bavumela umoya oyingcwele uphembelele ubomi babo. Thabatha amanyathelo ngoku okufunda nokwenza ukuthanda kukaThixo. Uya kwandula ke ‘uThixo wethemba elo anizalise ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele.’—Roma 15:13.
[Imibhalo esemazantsi]
a Thelekisa ibinzana lesiXhosa elithi “egameni lomthetho.” Bona kwanoMateyu 10:41, apho uYesu wasebenzisa amazwi athi “egameni lomprofeti” nathi “egameni lelungisa.”
b Bona intetho kaPetros kumaYuda ngePentekoste yowama-33 C.E., xa wachaza iinkalo ezininzi zendima anayo uYesu nomoya oyingcwele kubomi bamakholwa abhaptiziweyo. Emva kwentetho yakhe, ama-3 000 abhaptizwa egameni loYise, loNyana nelomoya oyingcwele.—IZenzo 2:14-42.