IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w98 10/1 iphe. 7
  • Ungayekeleli Ekushumayeleni Iindaba Ezilungileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ungayekeleli Ekushumayeleni Iindaba Ezilungileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Amanqaku Afanayo
  • Xa Ndiza Kwenza Isigqibo, Ndandicinga NgoYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Uthando Lumanyanisa Iintsapho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • “UThixo Akamkhethi Wabuso Bamntu”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
w98 10/1 iphe. 7

Abavakalisi Bobukumkani Bayabalisa

Ungayekeleli Ekushumayeleni Iindaba Ezilungileyo

XA ABAHLOLI bamazwe aseYurophu batyelela kwiGulf of Venezuela neChibi iMaracaibo, unxweme lwalugudlwe zizindlu ezincinane ezifulelweyo ezazakhelwe kwizibonda phezu kwamanzi asidibi. Le ndawo ifana kanye neVenice, yaseItali, apho abantu bakha izindlu zabo elunxwemeni. Ngenxa yoko abahloli bamazwe abantetho isiSpanish bayibiza loo ndawo ngokuba yiVenezuela, ethetha “iVenice Encinane.”

Namhlanje, kweli lizwe lihle kukho inkqubo yokwakha ekhethekileyo, inkqubo yonqulo. Apho amaNgqina kaYehova axakekile etyala imbewu yoBukumkani ngalo lonke ixesha elifanelekileyo. Isivuno sokomoya esifumaneka apho sizisa uzuko olukhulu ‘kwiNkosi yesivuno,’ uYehova uThixo.—Mateyu 9:37, 38.

Xa umveleli ohambahambayo watyelela ibandla elikwiphondo laseZulia kumntla ntshona weVenezuela, amaNgqina asekuhlaleni alungiselela ukuba yena nomfazi wakhe batyelele isiqithi esikufuphi esibizwa ngokuba yiToas. Ngoxa babemi emgceni belinde isikhephe sakusasa esiya kweso siqithi, umfazi womveleli ohambahambayo, uMery, wacebisa udade onguvulindlela othe ngxi awayehamba naye, ukuba bathethe nabasebenzi balapho esikhepheni. Lo dade unguvulindlela wavuma.

Ethetha nomnye umkhandi wezikhephe, uMery wambonisa incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Wambonisa isahluko esithi “Ukwakha Intsapho Ehlonela UThixo,” awayebonakala esixabisa. Emva koko uMery wamcacisela ukuba ngoncedo lwale mpapasho, wayenokuqhutyelwa isifundo seBhayibhile ekhayeni lakhe. Wayamkela incwadi, yaye kwenziwa amalungiselelo okuba afundelwe ekhayeni lakhe.

Kwithuba elingephi kamva, kwabakho indibano ekhethekileyo yosuku olunye kulo ngingqi. Hayi indlela awamangaliswa ngayo uMery akubona lo mkhandi wezikhephe uSenor Nava, ehamba nenkosikazi yakhe neentombi zakhe eziselula ezimbini! UMery wabuza inkosikazi yakhe ukuba yayicinga ntoni ngesifundo sabo seBhayibhile sentsapho. Impendulo yakhe yamtsho wayinkuku esikwe umlomo.

Yathi: “Ndiyambulela uYehova ngenxa yokuba siyifundile inyaniso.” Emva koko yachaza. “Xa wawuthetha nomyeni wam, wayesandul’ ukundilahla waza wagcagca nomny’ umfazi. Kwakhona wayelinxila. Maxa wambi xa enxilile, wayesiba krwada yaye oko kwakungathandwa libathwana labantu abahlala kwesa siqithi. Kwakhona wayesebenzelana nemimoya. Noko ke, ulwazi lweBhayibhile awalufumana ekufundisiseni luye lwamnceda wenza iinguqu ezininzi ebomini bakhe. Uye wayishiya yonke imikhwa yakhe engcolileyo. Abazali bakhe, abangamaKatolika, bachukumisekile zezi nguqu. Bavuyiswa kukumbona ukuba ngoku ungumyeni nobawo onokuthenjwa.”

USenor Nava wabhaptizwa ngowe-1996 yaye ngoku ukhonza njengomlungiseleli wexesha elizeleyo. Inkosikazi yakhe, uJenny yabhaptizwa ngowe-1997. Isibonda sedolophu sachukumiseka kakhulu ziinguqulelo ezenziwa ngulo mkhandi wezikhephe kangangokuba naso sacela isifundo seBhayibhile. Hayi indlela abavuya ngayo aba dade ekubeni bengazange bayekelele ekushumayeleni iindaba ezilungileyo ngoxa babelinde isikhephe ngalaa ntsasa!

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Ukwabelana ngeendaba ezilungileyo nomkhandi wezikhephe kwaba nemiphumo evuyisayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share