IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 4/1 iphe. 24-28
  • Baba Nokholo Yaye Babengoyiki Ngoxa Bejamelene Nengcinezelo YamaNazi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Baba Nokholo Yaye Babengoyiki Ngoxa Bejamelene Nengcinezelo YamaNazi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Imixholwana
  • Ukuvalwa Umlomo—Kodwa Akhuthele Nangakumbi Kunangaphambili
  • Ukungoyiki Kufuna Intlonelo
  • Unyaka Wokugqibela Wokutshutshiswa NgamaNazi
  • AmaNgqina Asafunwa Aph’ Ebekho
  • Ukukhunjulwa NguYehova
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 4/1 iphe. 24-28

Baba Nokholo Yaye Babengoyiki Ngoxa Bejamelene Nengcinezelo YamaNazi

NgoJuni 17, 1946, uKumkanikazi uWilhelmina waseNetherlands wathumela amazwi ovelwano kwintsapho yamaNgqina kaYehova eAmsterdam. Injongo yawo yayikukuncoma unyana wale ntsapho, uJacob van Bennekom, owabulawa ngamaNazi ebudeni beMfazwe Yehlabathi II. Kwiminyaka thile edluleyo, ibhunga lesixeko saseDoetinchem, idolophu ekummandla osempuma yeNetherlands, lagqiba ekubeni lithiye igama lesitrato esithile ngegama likaBernard Polman, naye ongomnye wamaNgqina kaYehova owabulawa ebudeni bemfazwe.

KWAKUTHENI ukuze amaNazi amchase uJacob, uBernard namanye amaNgqina kaYehova eNetherlands ebudeni beMfazwe Yehlabathi II? Yaye yintoni eyanceda la maNgqina ukuba ahlale ethembekile kwiminyaka yokutshutshiwa ngenkohlakalo aze ekugqibeleni ahlonelwe yaye anconywe ngabanye abemi belizwe lawo nangukumkanikazi? Ukuze sifumanise oku, makhe sihlole ezinye iziganeko ezakhokelela kungquzulwano olunjengolukaDavide noGoliyati phakathi kweqela elincinane lamaNgqina kaYehova neqela elikhulu lamaNazi.

Ukuvalwa Umlomo—Kodwa Akhuthele Nangakumbi Kunangaphambili

NgoMeyi 10, 1940, umkhosi wamaNazi wahlasela iNetherlands. Ekubeni uncwadi olwalusasazwa ngamaNgqina kaYehova lwalubhenca izinto ezimbi ezazisenziwa ngamaNazi yaye luxhasa uBukumkani bukaThixo, ngokukhawuleza amaNazi azama ukuwuphelisa umsebenzi wamaNgqina. Ngaphantsi nje kweeveki ezintathu emva kokuba amaNazi ehlasele iNetherlands, awisela umthetho ngasese wokuwavala umlomo amaNgqina kaYehova. NgoMatshi 10, 1941, iphephandaba lakusasaza oku kuvalwa umlomo, limangalela amaNgqina ngokubandakanyeka kwiphulo “elinxamnye naye wonke urhulumente neecawa.” Ngenxa yoko, amaNgqina ayefunwa apho ebekho.

Okubangel’ umdla kukuba, nangona iGestapo okanye abecuphi ababedume kakubi, babezibeke esweni zonke iicawa, yayitshutshisa kakhulu kuphela ibutho elinye lamaKristu. Umbhali-mbali ongumDatshi uGqr. Louis de Jong uthi: “Linye kuphela iqela lonqulo elalitshutshiswa de life—amaNgqina kaYehova.”—Het Koninkrijk der Nederlanden in de Tweede Wereldoorlog (UBukumkani BaseNetherlands Ebudeni BeMfazwe Yehlabathi Yesibini).

IGestapo yayincedisa amapolisa angamaDatshi ekufuneni aze abambe amaNgqina. Ukongezelela, umveleli ohambahambayo owoyikayo waza waba ngumwexuki wanikela inkcazelo kumaNazi ngabo wayekhonza nabo. Ekupheleni kuka-Aprili 1941, kwabanjwa amaNgqina ali-113. Ngaba oku kwawumisa umsebenzi wokushumayela?

Impendulo ifumaneka kwiMeldungen aus den Niederlanden (Iingxelo Ezivela ENetherlands), uxwebhu olwabhalwa ngoAprili 1941 yiSicherheitspolizei (AmaPolisa Okhuselo) aseJamani. Le ngxelo ithi ngamaNgqina kaYehova: “Eli hlelo lalelweyo liqhubeka ngamandla nomsebenzi walo kwilizwe lonke, lusiba neentlanganiso ezingekho mthethweni yaye luncamathisela amaphecana aneentetho ezifana nezithi ‘Ukutshutshisa amaNgqina kaThixo lulwaphulo-mthetho’ nathi ‘UYehova uya kubohlwaya abatshutshisi ngokubatshabalalisa ngonaphakade.’” Kwiiveki ezimbini kamva le ngxelo ifanayo yathi “phezu kwako nje ukuba ngqongqo kwemiqathango yamaPolisa Okhuselo ngokunxamnye nomsebenzi waBafundi beBhayibhile, umsebenzi wabo uqhubeka ukhula.” Ewe, phezu kwako nje ukugrogriswa ngokubanjwa, amaNgqina aqhubeka nomsebenzi wawo, ehambisa uncwadi olungaphezu kwama-350 000 ebantwini ngowe-1941 kuphela!

Yintoni eyabangela ukuba eli qela lincinane lamaNgqina kodwa elandayo libe nenkalipho yokumelana neentshaba zalo ezoyikekayo? Njengomprofeti onokholo wamandulo uIsaya, amaNgqina ayesoyika uThixo, kungekhona umntu. Ngoba? Kuba athembela kumazwi uYehova awawathetha kuIsaya esithi: “Mna—mna ndinguLowo unithuthuzelayo. Kutheni na ke usoyika umntu ofayo nje?”—Isaya 51:12.

Ukungoyiki Kufuna Intlonelo

Ekupheleni kowe-1941, inani lamaNgqina elabanjwayo lalinyuke laya kuma-241. Noko ke, bambalwa kuphela abanikezela ngenxa yokoyika abantu. UWilly Lages, ilungu elidume kakubi labecuphi baseJamani, wacatshulwa esithi “amaNgqina kaYehova angama-90 ekhulwini akazange avume ukuthetha nantoni na, ngoxa inani elincinane kakhulu lamanye amaqela lakwazi ukuhlala lithule.” Umfundisi ongumDatshi uJohannes J. Buskes, owayevalelwe entolongweni namaNgqina athile, ungqina oko uLages wakuthethayo. Ngowe-1951, uBuskes wabhala esithi:

“Ngelo xesha, ndawahlonela gqitha ngenxa yentembelo anayo namandla okholo lwawo. Andisokuze ndimlibale umfana othile oselula—andiqondi ukuba wayedlulile kwiminyaka eli-19 ubudala—owasasaza amaphecana abonisa uqikelelo lokuwa kukaHitler noRhulumente Wesithathu WaseJamani. . . . Wayenokukhululwa kwisiqingatha sonyaka ukuba wayeya kuthembisa ukuyeka umsebenzi onjalo. Leyo yinto awayikhaba ngawo omane, waza wagwetywa ukuze asebenze nzima kwiinkampu zoxinaniso zaseJamani kangangexesha elingenammiselo. Sasikwazi ukuba kwakuthetha ntoni oko. Kwintsasa elandelayo xa wayehanjiswa samnqwenelela ihambo entle, ndamxelela ukuba uya kuhlala esezingqondweni zethu nasemithandazweni. Ekuphela kwempendulo yakhe yathi: ‘Musani ukuzikhathaza ngam. Ngokuqinisekileyo uBukumkani bukaThixo buza kufika.’ Into elolo hlobo ayilibaleki, nokuba iimfundiso zamaNgqina kaYehova uyazichasa.”

Phezu kwayo nje inkcaso yenkohlakalo, inani lamaNgqina laqhubeka lisanda. Ngoxa ayengama-300 ngaphambi kwemfazwe yesibini yehlabathi, inani lawo lantinga laya kutsho kwi-1 379 ngowe-1943. Okubuhlungu kukuba, ekupheleni kwaloo nyaka mnye, abangama-54 kumaNgqina angaphezu kwama-350 awayebanjiwe afa kwiinkampu ezahlukahlukeneyo zoxinaniso. Ngowe-1944, kwakukho amaNgqina kaYehova ali-141 asuka eNetherlands awayesagcinwe kwiinkampu zoxinaniso ezahlukahlukeneyo.

Unyaka Wokugqibela Wokutshutshiswa NgamaNazi

Emva kosuku lokuhlasela kwemikhosi eManyeneyo, ngoJuni 6, 1944, kwagqityeliswa ngaloo nyaka ukutshutshiswa kwamaNgqina. Ngokwezomkhosi, amaNazi namaqabane awo ayesoyiswa. Umntu ebenokucinga ukuba kule meko amaNazi ayeza kuyeka ukuleqana namaKristu amsulwa. Sekunjalo, ebudeni baloo nyaka, kwabanjwa amanye amaNgqina angama-48, kwaza kwabulawa amaNgqina angakumbi angama-68 awayebanjiwe. Omnye wawo yayinguJacob van Bennekom, okhankanywe ngaphambilana.

UJacob oneminyaka eli-18 ubudala wayephakathi kwabantu abangama-580 ababhaptizwa njengamaNgqina kaYehova ngowe-1941. Kungekudala emva koko wawushiya umsebenzi owawumngenisela imali kuba wawufuna ukuba alalanise ubundilele bakhe bobuKristu. Wasebenza njengomthunywa waza waqalisa ukukhonza njengomlungiseleli wexesha elizeleyo. Ngoxa wayethutha uncwadi lweBhayibhile, wabanjwa waza wavalelwa. NgoAgasti 1944, uJacob oneminyaka engama-21 ubudala wabhalela intsapho yakowabo entolongweni kwisixeko saseRotterdam esithi:

“Ndikwimeko entle kakhulu yaye ndiyavuya. . . . Ngoku sele ndincinwe izihlandlo ezine. Izihlandlo zokuqala ezibini zaziqatha kakhulu, yaye ndabethwa kakubi, kodwa ngamandla nangomsa weNkosi ongandifanelanga, de kube ngoku andikathethi nanye into eyimfihlo. . . . Ndiye ndakwazi ukunikela iintetho, zintandathu xa zizonke, kuphulaphule abali-102. Abanye baba babonakalisa umdla yaye baye bathembisa ukuba kungekudala emva kokuba bekhululwe, baza kuqhubeka noku.”

NgoSeptemba 14, 1944, uJacob wasiwa kwinkampu yoxinaniso kwisixeko samaDatshi iAmersfoort. Nalapho waqhubeka eshumayela. Njani? Omnye umntu owayevalelwe entolongweni naye ukhumbula oku: “Amabanjwa ayegcina izitompi zemidiza ezazilahlwe ngabalindi baze basebenzise amaphepha eBhayibhile njengamaphepha emidiza. Maxa wambi uJacob wayephumelela ekufundeni amagama ambalwa kwiphepha leBhayibhile elaliza kusetyenziswa ukusonga umdiza. Kanye ngelo xesha, wayesebenzisa la magama ukuze asishumayeze ngawo. Kungabanga thuba lide, samthiya igama elithi uJacob ‘iNdoda yeBhayibhile.’”

Ngo-Oktobha 1944, uJacob wayephakathi kweqela elikhulu lamabanjwa elayalelwa ukuba lombe imigxuma ukuze iinkanunu zizike. UJacob wakwala ukuwenza lo msebenzi kuba isazela sakhe sasingamvumeli ukuba axhase imigudu yemfazwe. Nangona wayesoloko egrogriswa ngabalindi, akazange anikezele. Ngo-Oktobha 13 umphathi wamajoni wamsusa ukuba angahlali yedwa wamphindisela kwindawo ekusetyenzwa kuyo. Kwakhona, uJacob wahlala eqinile. Ekugqibeleni, uJacob waxelelwa ukuba azombele ingcwaba waza wadutyulwa wafa.

AmaNgqina Asafunwa Aph’ Ebekho

Inzondelelo kaJacob nabanye yawacaphukisa amaNazi aza awafuna aph’ abekho kwakhona amaNgqina. Elinye lamaxhoba awo yayinguEvert Kettelarij owayeneminyaka eli-18 ubudala. Ekuqaleni, uEvert wakwazi ukuphuncula waza wazimela, kodwa kamva wabanjwa waza wabethwa kabuhlungu ukuze anikele inkcazelo ngamanye amaNgqina. Akazange avume ukwenjenjalo waza wathunyelwa eJamani ukuze asebenze nzima.

Kwangaloo nyanga, ngo-Oktobha 1944, amapolisa akhangela umlanya kaEvert, uBernard Luimes. Amfumana ehamba namanye amaNgqina amabini—uAntonie Rehmeijer noAlbertus Bos. UAlbertus wayesele echithe iinyanga ezili-14 kwinkampu yoxinaniso. Sekunjalo, ekukhululweni kwakhe, ngenzondelelo waphinda waqalisa umsebenzi wokushumayela. Ekuqaleni la madoda mathathu abethwa ngendlela engenalusizi ngamaNazi, aza adutyulwa afa. Imizimba yawo kuphela yafunyanwa emva kwemfazwe yaza yangcwatywa ngokutsha. Kungekudala emva kwemfazwe, amaphephandaba asekuhlaleni anikel’ ingxelo ngokufa kwawo. Elinye lamaphephandaba lathi amaNgqina amathathu akazange avume kwaphela ukuwenzela nantoni na amaNazi eyayingavumelani nomthetho kaThixo laza longezelela lisithi “ngenxa yoku, ayefanele ahlawule ngobomi bawo.”

Kusenzeka nje konke oku, ngoNovemba 10, 1944, uBernard Polman, okhankanywe ngaphambilana, wabanjwa waza wathunyelwa ukuba enze umsebenzi wasemkhosini. Nguye kuphela owayeliNgqina phakathi kwabantu abanyanzelelwa ukuba basebenze yaye nguye kuphela ongazange avume ukuwenza lo msebenzi. Abalindi bazama amaqhinga ahlukahlukeneyo ukuze alalanise. Wayengaphiwa kutya. Kwakhona wabethwa kanobom ngamagqudu, ngomhlakulo nangomva wompu. Ukongezelela, wanyanzelwa ukuba ahambe kumanzi abandayo afikelela emadolweni, yaye kamva wavalelwa kwigumbi elingaphantsi kwendlu elifumileyo, apho kwafuneka achithe ubusuku enxibe iimpahla ezimanzi. Sekunjalo, uBernard akazange anikezele.

Ebudeni belo xesha, oodade bakaBernard ababini, ababengengawo amaNgqina kaYehova, bavunyelwa ukuba bamtyelele. Bambongoza ukuba atshintshe ingqondo, kodwa oko akuzange kumwexule nakancinane. Xa babuza uBernard ngoko banokumenzela kona, wabacela ukuba bagoduke baze bafundisise iBhayibhile. Abo babemtshutshisa bavumela umfazi wakhe owayekhulelwe ukuba amtyelele, benethemba lokuba uya kumenza anikezele. Kodwa ubukho bakhe namazwi akhe akhuthazayo amqinisa uBernard ukuba ahlale ethembekile kuThixo. NgoNovemba 17, 1944, uBernard wadutyulwa ngabahlanu kwabo babemthuthumbisa ngoxa abanye ababenyanzelwa ukuba basebenze babebukele. Kwanasemva kokufa kukaBernard, umzimba wakhe udlakadlaka ziimbumbulu, umphathi wamajoni wayefutheke kangangokuba wakhupha ivolovolo yakhe waza wadubula uBernard emehlweni omabini.

Nangona le mpatho yenkohlakalo yawothusa amaNgqina aweva ngoku kubulawa, ahlala ethembekile yaye engoyiki yaye aqhubeka nomsebenzi wawo wobuKristu. Elinye ibandla elincinane lamaNgqina kaYehova, elikufuphi nalapho uBernard wabulawelwa khona, kungekudala emva koko kubulawa lathi: “Kule nyanga, phezu kwayo nje imozulu enemvula nobunzima uSathana abubeke endleleni yethu, siye sakwazi ukwandisa umsebenzi wethu. Inani leeyure ezachithwa entsimini zanda zisuka kuma-429 zisiya kuma-765. . . . Ngoxa eshumayela, omnye umzalwana wadibana nendoda awanikela kuyo ubungqina. Le ndoda yabuza enoba wayenokholo olufanayo nolwendoda eyadutyulwayo kusini na. Yakuva ukuba luyafana, le ndoda yathi: ‘Hayi indlela eyomelele ngayo loo ndoda, hayi indlela enokholo ngayo! Yiloo nto ndiyibiza ngokuthi liqhawe elukholweni!’”

Ukukhunjulwa NguYehova

NgoMeyi 1945 amaNazi oyiswa aza agxothwa eNetherlands. Phezu kwayo nje intshutshiso engayekeleliyo ebudeni bemfazwe, inani lamaNgqina kaYehova landa lisuka kumakhulu nje ambalwa laya kutsho kuma-2 000. Ethetha ngamaNgqina exesha lemfazwe, umbhali-mbali uGqr. de Jong uyavuma esithi: “Inkoliso yawo ayizange ivume ukulahla ukholo lwayo phezu kwako nje ukutyityimbiselwa umnwe nokuthuthunjiswa.”

Ngoko ke, siyavakala isizathu sokuba abanye abasemagunyeni bawakhumbule amaNgqina kaYehova ngenxa yenkalipho awayenayo xa ayejamelene nolawulo lwamaNazi. Noko ke, eyona nto ibalulekileyo kukuba ingxelo ebalaseleyo yamaNgqina awayephila ebudeni bemfazwe iya kukhunjulwa nguYehova noYesu. (Hebhere 6:10) Ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka lukaYesu Kristu olusondelayo, la maNgqina athembekileyo nangenalo uloyiko awanikela ubomi bawo kwinkonzo kaThixo aya kuvuswa kumangcwaba enkumbulo, enethemba lokuphila ngonaphakade kwiparadesi esemhlabeni!—Yohane 5:28, 29.

[Umfanekiso okwiphepha 24]

UJacob van Bennekom

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Iphetshana elisikwe kwiphephandaba elingomthetho wokuvalwa komsebenzi wamaNgqina kaYehova

[Imifanekiso ekwiphepha 27]

Ekunene: UBernard Luimes; ezantsi: UAlbertus Bos (ekhohlo) noAntonie Rehmeijer; ngezantsi: Iofisi yoMbutho eHeemstede

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share