Imibuzo Evela Kubafundi
Umfazi ongumKristu unokukulungelelanisa njani ukunyaniseka kuThixo nokuthobela umyeni wakhe ongakholwayo ukuba umyeni ubandakanyeka kwimibhiyozo yeeholide zonqulo?
Ukuze akwazi ukwenjenjalo, kuya kufuneka abe nobulumko nobuchule. Kodwa wenza okulungileyo ngokuzama ukulungelelanisa ezi mbopheleleko zakhe zimbini. UYesu wanikela isiluleko ngemeko efanayo xa wathi: “Ngoko ke, buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.” (Mateyu 22:21) Kuyavunywa ukuba, wayethetha ngeembopheleleko koorhulumente, kamva awaxelelwa amaKristu ukuba abathobele. (Roma 13:1) Sekunjalo, isiluleko sakhe siyasebenza nakumfazi omele alungelelanise iimbopheleleko zakhe kuThixo nokuthobela umyeni wakhe ngokuvisisana neZibhalo, nokuba akakholwa.
Akakho umntu oqheleneyo neBhayibhile onokukhanyela ukuba igxininisa into yokuba imbopheleleko eyintloko yomKristu yimbopheleleko anayo kuThixo onguSomandla, ukunyaniseka kuye ngalo lonke ixesha. (IZenzo 5:29) Sekunjalo, kwiimeko ezininzi umkhonzi wokwenyaniso unokuvumelana nezicelo okanye izinto ezinyanzeliswa ngumntu ongakholwayo onegunya ngoxa engenanxaxheba kwizinto ezivukela imithetho kaThixo ephakamileyo.
Sinomzekelo ofundisayo wamaHebhere amathathu, njengoko uchazwa kuDaniyeli isahluko 3. Umphathi waseburhulumenteni, uNebhukadenetsare, wayalela ukuba wona kunye nabanye baye kwithafa laseDura. Eqonda ukuba apho kuza kuqheliselwa unqulo lobuxoki, amaHebhere amathathu kusenokwenzeka ukuba ayengathanda ukungayi apho. Mhlawumbi uDaniyeli wakwazi ukucela ukuba angabikho, kodwa la mathathu akazange akwazi ukwenjenjalo.a Ngoko avuma ukubakho, kodwa ayengayi—yaye akazange—abandakanyeke kuso nasiphi na isenzo esiphosakeleyo.—Daniyeli 3:1-18.
Ngokufanayo, ngamathuba eeholide umyeni ongakholwayo usenokucela okanye anyanzele umfazi wakhe ongumKristu ukuba enze into ebenokuthanda ukuyiphepha. Cinga ngale mizekelo: Uyalela ukuba apheke ukutya okuthile ngosuku yena kunye nabanye abaza kubhiyozela ngalo iholide. Okanye unyanzelisa ukuba intsapho (kuquka nomfazi wakhe) ityelele izalamane zakhe ngolo suku ukuze inandiphe isidlo okanye iye kuchitha ixesha nazo. Okanye nangaphambi kweholide, unokuthi ngoxa umfazi wakhe ephuma esiya kuthenga, amcele ukuba amthengele izinto ezithile—ukutya okukhethekileyo kweholide, izipho okanye iphepha lokusongela izipho kunye namakhadi aza kuwasebenzisa nezi zipho.
Kwakhona, umfazi ongumKristu umele azame ukungabandakanyeki kwizenzo zonqulo lobuxoki, kodwa kuthekani ngezicelo ezinjalo? Umyeni uyintloko yentsapho, yaye iLizwi likaThixo lithi: “Nina bafazi, wathobeleni amadoda enu, njengoko kufanelekile eNkosini.” (Kolose 3:18) Kwiimeko ezifana nezi, ngaba ufanele athobele njengomfazi ngoxa eqhubeka enyanisekile kuThixo? Umele agqibe ngendlela aya kukulungelelanisa ngayo ukuthobela umyeni wakhe nokuthobela uYehova okuyeyona nto iphambili.
Maxa wambi, umyeni wakhe unokumcela ukuba apheke isidlo esithile, mhlawumbi ngenxa yokuba isesona sidlo asithandayo okanye ngenxa nje yokuba eqhele ukutya eso sidlo ngelo xesha lonyaka. Umfazi uya kubonakalisa uthando nokuthobela ubuntloko bakhe. Ngaba ufanele enze okufanayo nokuba ucele ngethuba leholide? Bambi abafazi abangamaKristu banokukwazi ukwenjenjalo ngesazela esikhululekileyo, bekugqala oko njengokupheka isidlo njengesiqhelo. Ngokuqinisekileyo, akakho umKristu onyanisekileyo oya kunxulumanisa ukwenjenjalo nokubhiyozela iholide, nokuba umyeni wakhe wenjenjalo. Ngokufanayo, unokucela ukuba bahambe kunye xa etyelela izalamane zakhe ngamaxesha ahlukahlukeneyo nyanga nganye okanye nyaka ngamnye. Ngaba umele ahambe naye nokuba lusuku lweholide? Okanye ngaba ngoxa ethenga izinto ebeya kuvuma ukumthengela izinto azicelayo, engakhange acinge ngento umyeni afuna ukuyenza ngezo zinto amthengela zona?
Kakade ke, umfazi ongumKristu umele acinge ngabanye—indlela oku okuya kubachaphazela ngayo. (Filipi 2:4) Uya kukuphepha ukwenza abanye bacinge ukuba ubandakanyeke kwiholide, njengoko namaHebhere amathathu kusenokwenzeka ukuba akhetha ukungabonwa mntu xa esiya kwithafa laseDura. Ngoko ngobuchule unokuzama ukubonisana nomyeni wakhe ukuze abone enoba, ngenxa yokucingela indlela avakalelwa ngayo, unokuzenzela izinto eziphathelele iholide ukuze abonakalise uthando kumfazi wakhe omthandayo nomhlonelayo. Umyeni usenokububona ubulumko bokungababeki kwimeko eza kubahlaza xa umfazi esala ukuba nenxaxheba kwizenzo zonqulo lobuxoki. Ewe, ukuxubusha izinto ngobulali kusengaphambili kunokubangela ukuba kubekho uxolo.—IMizekeliso 22:3.
Xa ehlolisisa izinto, umKristu onyanisekileyo umele acingisise nzulu ngoko kubandakanyekileyo aze enze isigqibo ngoko amele akwenze. Umele athobele uThixo kuqala, njengoko enzayo amaHebhere amathathu. (1 Korinte 10:31) Kodwa ecinga ngoku, umKristu ngamnye umele agqibe ngezinto anokuzenza ngaphandle kokulalanisa xa ecelwa ngulowo unegunya entsatsheni okanye ekuhlaleni.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo ka-Agasti 1, 2001.