Ibali Lobomi
UYehova Wandinceda Ndajamelana Neengxaki Zobomi
KUBALISA UDALE IRWIN
“ABANTWANA ABASIBHOZO BANELE! AMAWELE AMANE YINKATHAZO EPHINDIWEYO.” Lowo yayingumxholo wephephandaba lasekuhlaleni uchaza ngokuzalwa kwabantwana bam abane abangamawele besongeza kumantombazana amane endandisele ndinawo. Ndisengumfana, ndandingenanjongo zakutshata, kungasathethwa ke ngokuba nabantwana. Kodwa, naku ngoku ndandisele ndingutata wabantwana abasibhozo!
NDAZALWA ngowe-1934 kwidolophu iMareeba, eOstreliya. Ndandinguntondo kubantwana abathathu. Kamva ekhaya safudukela eBrisbane, apho umama wafika wafundisa kwisikolo sangeCawa kwicawa yamaWesile.
Ekuqaleni kowe-1938, amaphephandaba alapho athi uJoseph F. Rutherford ovela kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova usenokungavunyelwa angene kwelo laseOstreliya. “Kutheni engaz’ ukuvunyelwa nje?” Wabuza oko umama kwiNgqina elalityelele ekhaya. Elo Ngqina lathi: “Akazange atsho na uYesu ukuba babeza kutshutshiswa abalandeli bakhe?” Emva koko umama wamkela incwadana ethi Cure, eyayixubusha iinkalo ezininzi olwahluke ngazo unqulo lwenyaniso kolobuxoki.a Echukunyiswe yiloo ncwadana, umama waya nathi bantwana kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova kwiCawa elandelayo. Ekuqaleni utata wakukhaba ngaw’ omane oko, kodwa kamva wamana ebhala uludwe lwemibuzo yeBhayibhile ukuze umama alunike nawuphi na umzalwana. Loo mzalwana wayebhala impendulo zaloo mibuzo azinikele umama ziye kutata.
Kwenye iCawa utata waya nathi kwiintlanganiso, ezimisele ukuphikisana namaNgqina. Kodwa, emva kokuxubusha nomveleli wesiphaluka owayetyelele ibandla, utata waguquka de wavumela ukuba isifundo seBhayibhile seveki, ekwakusiza abo banomdla kummandla wethu, siqhutyelwe ekhaya.
NgoSeptemba 1938, abazali bam babhaptizwa. Mna nabantwana basekhaya sabhaptizwa ngoDisemba 1941 kwindibano yelizwe eyayikwiHargreave Park eseSydney, eNew South Wales. Ndandineminyaka esixhenxe ubudala. Emva koko, ndandisoloko ndisiya kunye nabazali bam kubulungiseleli basentsimini. Ngezo mini, kwindlu ngendlu amaNgqina ayephatha iigramafoni ukuze adlalele abaninimzi iintetho zeBhayibhile ezishicilelweyo.
Elona Ngqina ndilikhumbula kakuhle nguBert Horton. Wayenemoto enesandisi-lizwi. Kwakumnandi gqitha ukusebenza naye, ngakumbi kuba ndandiseyinkwenkwana. Ngokomzekelo, xa sibhengeza intetho yeBhayibhile phezu kwentaba, sasidla ngokubona imoto yamapolisa isiza kuthi. UBert wayesuka nje acime isandisi-lizwi sakhe, aye kumisa kwenye iinduli emgama afike adlale elinye icwecwe. Ndafunda lukhulu ngokuthembela kuYehova nokuba nesibindi kuBert nabanye abazalwana abathembekileyo nabanesibindi njengaye.—Mateyu 10:16.
Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala, ndandidla ngokunikela ubungqina ukuphuma kwesikolo. Ngeny’ imini, ndadibana nentsapho yakwa-Adshead. Ethubeni, abo bazali, abantwana babo abasibhozo nabazukulwana abaninzi bafunda inyaniso. Ndimbulela gqitha uYehova ngelungelo lokuba inkwenkwana enjengam ishumayele inyaniso kuloo ntsapho ilunge ngolo hlobo.—Mateyu 21:16.
Amalungelo Okuqala Enkonzo
Xa ndandineminyaka eli-18, ndaba nguvulindlela othe ngxi ndaza ndathunyelwa eMaitland, eNew South Wales. Ngowe-1956, ndabizelwa kwiofisi yesebe laseOstreliya eSydney. Kubantu abangama-20 ababesebenza apho, phantse omnye kwabathathu wayengumthanjiswa, enethemba lokuya kulawula noKristu kuBukumkani basezulwini. Kwakulilungelo gqitha ukusebenza nabo!—Luka 12:32; ISityhilelo 1:6; 5:10.
Yaphela tu into yokungafuni ukutshata mhla ndadibana noJudy Helberg, uvulindlela omanz’ andonga owayebizwa ithutyana apho kwiofisi yesebe ukuze andincedise kumsebenzi wam owawuyintaba. Iindonga zawelana, ngoko satshata kwiminyaka emibini elandelayo. Emva koko, saya kumsebenzi wesiphaluka satyelela amabandla amaNgqina kaYehova veki nganye ukuze sikhuthaze abazalwana.
Ngowe-1960, uJudy wazala intombi yethu yokuqala, uKim. Namhlanje, ukuba nomntwana kuthetha ukuyeka kumsebenzi wesiphaluka ukuze uzinze ndawonye. Kodwa sothuswa kukuba, sacelwa ukuba siqhubeke sityelela amabandla. Emva kokuthandaza gqitha, savuma ukuqhubeka, ibe kwiinyanga ezisixhenxe ezilandelayo, uKim wahamba nathi iikhilomitha ezili-13 000 ngebhasi, ngenqwelo-moya nangololiwe sityelela amabandla akude eQueensland naseNorthern Territory. Sasingenamoto yethu ngoko.
Sasidla ngokuhlala kwimizi yabazalwana noodade. Ngenxa yemozulu yalapho kwiitropiki, amagumbi okulala ayedla ngokuvalwa ngeekhethini endaweni yeengcango, into eyayisenza sibe nexhala ngakumbi xa uKim ekhala ebusuku. Ekugqibeleni kwabonakala kunzima ukunyamekela umntwana sibe sisebenza kwisiphaluka. Saya kuzinza eBrisbane, apho ndapeyinta, iibhodi zemiqondiso, nemizobo yentengiso. Emva kweminyaka emibini uKim ezelwe, safumana enye intombazana uPetina.
Ukunyamezela Intlungu
Ngowe-1972, xa uKim wayeneminyaka eli-12, uPetina ili-10 ubudala, uJudy wasweleka ebulawa sisifo sikaHodgkin, uhlobo oluthile lwethumba. Oku kwaba nzima gqitha kuthi. Noko ke, xa wayesagula nasemva kokufa kwakhe, uYehova wasithuthuzela ngeLizwi lakhe, umoya oyingcwele nabazalwana. Somelezwa naliphephancwadi leMboniselo esalifumana kanye emva kokufa kwakhe. Lalinenqaku elalixubusha ngeemvavanyo kuquka ukufelwa. Laveza indlela iimvavanyo ezinokusinceda ngayo sibe neempawu zobuthixo, ezifana nokunyamezela, ukholo nengqibelelo.b—Yakobi 1:2-4.
Emva kokufa kukaJudy, sasondelelana gqitha neentombi zam. Ndimele ndivume ukuba kwakunzima ukuthi ungutata uphinde udlale indima kamama. Kodwa ezo ntandane zam zawenza walula loo msebenzi.
Ukuphinda Nditshate Nokwandisa Intsapho
Ethubeni ndaphinda ndatshata. Zininzi izinto esasifana ngazo nomfazi wam omtsha uMary. Naye wayefelwe yindoda ibulawa sisifo sikaHodgkin. Wayeneentombi ezimbini—uColleen noJennifer. Phantse uColleen wayemncinane ngeminyaka emithathu kuPetina. Ngoko kwintsapho yethu saba neentombi ezine, iminyaka yazo ilandelana ngolu hlobo iqala kweli-14, eli-12, esi-9 ukusa kwesi-7 ubudala.
Sagqiba ekubeni ngamnye aqeqeshe abakhe abantwana de bazive bekhululekile ukwamkela uluvo lomnye umzali. Njengendoda nomfazi sazibekela imithetho emibini ebalulekileyo. Owokuqala, zange singavumelani phambi kwabantwana. Owesibini ikukuba, ngokuvisisana nomgaqo weBhayibhile okweyabase-Efese 4:26, sasimele siwuxubushe siwugqibe umbandela—kwanokuba oko kuthabatha ixesha elide!
Sonke sayamkela kakuhle loo meko, kodwa kwakunzima ukulibala amaqabane ethu afileyo. Ngokomzekelo, ngoMvulo ebusuku uMary wayedla ngokukhala. Xa amantombazana eye kulala emva kwesifundo sentsapho, uMary wayedla ngokonganyelwa ziimvakalelo.
UMary wayefuna sibe nowethu umntwana. Okubuhlungu kukuba, wakhulelwa kodwa saphuma eso sisu. Waphinda wakhulelwa, ibe oko kweza nento esasingayilindelanga. Xa exilongwa kwafunyaniswa ukuba ukhulelwe abantwana abane! Ndothuka gqitha. Ndandineminyaka engama-47 ubudala kodwa naku ndandiza kuba nabantwana abasibhozo! Xa kuzalwa loo mawele kwafuneka unina asikwe ngoFebruwari 14, 1982, emva kweeveki ezingama-32 ekhulelwe. Elokuqala yaba nguClint, enobunzima obuyikhilogram e-1,6; yanguCindy, ikhilogram e-1,9; kwaza uJeremy, ikhilogram e-1,4; kwagqibela uDanette nobunzima obuyikhilogram e-1,7. Akukho nalinye elalifana nelinye kuloo mawele.
Kanye nje emva kokuzalwa kwawo, ugqirha kaMary weza kuhlala ecaleni kwam.
Wabuza: “Unexhala lokunyamekela aba bantwana?”
Ndathi: “Kaloku, zange khe ndehlelwe yinto enje.”
Amazwi alandelayo andothusa aza andikhuthaza.
Wathi: “Ibandla lakho aliyi kukushiya enyanyeni. Wena uya kwanela nje ukukhala lisabele!”
Ngenxa yobuchule baloo gqirha neqela lakhe, emva kweenyanga nje ezimbini sagoduka nabantwana bethu, bonke bephile qete.
Ucelomngeni Lokukhulisa Amawele Amane
Ukuze izinto zihambe kakuhle, sinoMary senza ucwangciso lweeyure ezingama-24. Zone iintombi zethu ezindala zazisincedisa ukunyamekela ezo ntsana. Ibe amazwi kagqirha aba yinyaniso—ndandisanela nje ukukhala, ibandla lisabele. Ngaphambi koko, umhlobo wam omdala uJohn MacArthur wenza ilungiselelo lokuba amaNgqina anobuchule bokwakha andise indlu yethu. Bathi bakuzalwa abo bantwana oodade bancedisa ekubanyamekeleni. Zonke ezi zinwe zazibonisa uthando lobuKristu.—1 Yohane 3:18.
Eneneni, loo mawele ‘ayengabantwana bebandla.’ Nanamhl’ oku, asabagqala njengamalungu entsapho yethu abazalwana noodade abanothando abasincedayo. Yena uMary, uye wazingqina engumfazi nomama ophum’ izandla ekuzinikeleni enyamekela abantwana bakhe. Uye wakusebenzisa ngokwenene oko akufunde kwiLizwi likaThixo nakwintlangano yakhe. Akukho cebiso lilunge ngakumbi kunelo!—INdumiso 1:2, 3; Mateyu 24:45.
Iintlanganiso zamaKristu nokushumayela kwahlala kuyinto ebalulekileyo veki nganye, nakuba kwakunzima ngenxa yabantwana abane. Safumana intsikelelo yezifundo zeBhayibhile esaziqhuba neentsapho ezimbini ezitshatileyo ezazisiza kwikhaya lethu ukuze sifunde nazo. Nakuba oku kwenza izinto zalula kuthi, maxa wambi uMary wayekhe adinwe de asuke alale ngoxa isifundo siqhubeka kukho usana olulele esandleni sakhe. Ethubeni, ezo zibini zaba ngabazalwana noodade bokomoya.
Uqeqesho Lokomoya Kwasebutsheni
Bengekakwazi nokuhamba abo bantwana, sasisiya nabo kubulungiseleli basentsimini. Ukuqala kwabo ukuhamba, uMary wayehamba nababini nam ndithathe ababini ibe babengeloxanduva. Enyanisweni, babesoloko beyinto yokuqalisa incoko kubaninimzi abanobubele. Ngenye imini ndadibana nendoda eyayisithi xa uzalwe ngexesha lenkwenkwezi ethile, ngomhla othile ubuntu bakho buba yindlela ethile. Andizange ndiphikisane nayo, kodwa ndacela ukubuyela kuyo kamva. Yavuma, ibe ndabuyela namawele am omane. Njengoko yayiwajongile ithe manga, ndawadwelisa ngokuzalwa kwawo. Emva koko sancokola kamnandi, kungekuphela nje ngokwahluka kwembonakalo yawo kodwa nangobuntu bawo obahluke gqitha, nto leyo yayingqina ibubuvuvu ingcamango yayo. Yathi: “Iya kuba bubudenge ukuxubusha ngale ngcamango nawe. Ndimele ndiye kuphanda ngakumbi ngalo mbandela.”
Esaqala ukuhamba, la mawele ayengakuthandi ukuqukwa xa engxoliswa, ngoko sasiqeqesha umntwana ngamnye kuwo. Sekunjalo, aqonda ukuba loo mithetho isebenza kuwo onke. Xa ejamelana nemibandela yesazela esikolweni, ngaxhathalinye ayeyimela phandle imigaqo yeBhayibhile, uCindy esiba sisithethi sawo. Akuzange kube kudala abantu baqonda ukuba xa emanyene, amawele amane ludonga olungenakudilizwa!
Kwakukhe kube nzima kum noMary ukunceda abantwana bahlale benyanisekile kuYehova ngoxa bekwiminyaka yeshumi elivisayo. Oko ngekwaba nzima gqitha ngaphandle kothando lwebandla nokutya kokomoya okuyintabalala esasikufumana kwinxalenye yentlangano kaYehova ebonakalayo. Sazabalazela ukuba nesifundo seBhayibhile sentsapho rhoqo nokuhlala sikulungele ukuncokola nakuba kwakungelula oko. Enyanisweni, loo migudu yasebenza kuba bosibhozo abantwana bethu baye bakhetha ukukhonza uYehova.
Ukujamelana Neengxaki Zokwaluphala
Kangangeminyaka ndiye ndaxhamla amalungelo amaninzi okomoya: ukuba ngumdala ebandleni, umveleli wesixeko nokuba ngumveleli wesiphaluka obambeleyo. Ndikhe ndalilungu leKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele, enceda oogqirha banyange izigulana ezingamaNgqina ngaphandle kokuzitofela igazi. Iminyaka engama-34 ndiye ndanelungelo lokubhalisa ngokusemthethweni imitshato emalunga nama-350, kuquka eyeentombi zam zontandathu.
Ndihlala ndimbulela uYehova ngokundixhasa ngokunyaniseka ukususela kuJudy, ukuza kuthi ga ngoku kuMary umfazi. (IMizekeliso 31:10, 30) Ngoxa bendixhasa kumsebenzi wokuba ngumdala webandla, babemisela umzekelo omhle kubulungiseleli yaye bencedisa ukubethelela iimpawu zokomoya ebantwaneni.
Ngowe-1996, kwafumaniseka ukuba ebuchotsheni kukho ingxaki eyenza izandla zam zibe nedumbe. Ngoko andisakwazi ukupeyinta. Kodwa ndisavuyiswa kukukhonza uYehova nakuba isantya siphantsi ngoku. Eyona nto intle kukuba ngoku ndiye ndanovelwano ngakumbi kubantu abadala.
Xa ndikhangela ngasemva ebomini, ndimbulela gqitha uYehova ngokusoloko endinceda nentsapho yam ukuze sikwazi ukujamelana neengxaki ezininzi. (Isaya 41:10) Mna noMary nabantwana bethu abasibhozo, sinombulelo gqitha ngentsapho eluncedo nengummangaliso yabazalwana noodadewethu bokomoya. Bonke baye babonakalisa uthando ngeendlela esingenakuze sikwazi ukuzibala.—Yohane 13:34, 35.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova kodwa ngoku ayisashicilelwa.
b Funda IMboniselo kaSeptemba 15, 1972, iphepha 416-21.
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ndikunye nomama, umkhuluwa wam uGarth nodadewethu uDawn, silungele ukuya kwindibano eyayiseSydney ngowe-1941
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ndikunye noJudy nosana lwethu uKim xa sasikumsebenzi wesiphaluka eQueensland
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Emva kokuzalwa kwamawele, iintombi zethu ezindala nebandla zazisoloko zisinceda