Imbambano Ebandakanya Wena
NGABA unomhlobo okanye ilungu lentsapho elisenyongweni? Kuthekani ukuba uthile ukutyhola ngelithi loo mntu umthanda ngenxa yezizathu zokuzingca? Ngaba ubungayi kuba buhlungu, mhlawumbi ude ucaphuke? Eso sisityholo kanye uSathana uMtyholi asityabeka bonke abanolwalamano noYehova uThixo.
Cinga ngoko kwenzekayo xa uSathana waphumelelayo ukwenza ukuba isibini sokuqala, uAdam noEva, saphule umthetho kaThixo saza samthelela ekuvukeleni uThixo. Ngaba oko kwenzekayo kuthetha ukuba abantu baya kuhlala bethobela uYehova kuphela xa kuza kulungelwa bona? (Genesis 3:1-6) Malunga neminyaka engama-2 500 emva kwemvukelo ka-Adam, uSathana waphinda wayiphakamisa le mbambano—kwesi sihlandlo oku ekwenza kwindoda egama linguYobhi. Ekubeni esi sityholo senziwa nguMtyholi siyibonisa ngokucacileyo le mbambano, makhe sihlolisise loo ngxelo yeBhayibhile.
‘Andiyi Kuyisusa Ingqibelelo Yam’
UYobhi ‘yindoda engenakusoleka nethe tye, eyoyika uThixo nephambukayo ebubini.’ Noko ke, uSathana unyelisa ukuthembeka kukaYobhi. Ubuza uYehova esithi, “UYobhi umoyikela ilize na uThixo?” Wandula ke uMtyholi anyelise uThixo noYobhi ngokutyhola uYehova esithi umthengile uYobhi ukuba anyaniseke kuye ngokumkhusela nokumsikelela. USathana umcel’ umngeni esithi: “Ngokwahlukileyo koko, khawuncede wolule isandla sakho, uchukumise yonke into anayo uze ubone enoba akayi kukuqalekisa ebusweni bakho na.”—Yobhi 1:8-11.
Ukuphendula ezi zityholo, uYehova uvumela uSathana ukuba avavanye uYobhi. Ezama ukumtyekisa ekukhonzeni uThixo, uMtyholi uthwaxwa le ndoda ithembekileyo ngeentlekele, enye emva kwenye. Yonke imfuyo kaYobhi iyabiwa okanye itshabalale, abalindi nabantwana bakhe bayabulawa. (Yobhi 1:12-19) Kodwa ngaba uyaphumelela? Nakanye! Nakuba uYobhi engaqondi ukuba unobangela weemvavanyo zakhe nguMtyholi, uthi: “NguYehova onikileyo, yaye nguYehova othabathileyo. Maliqhubeke libongwa igama likaYehova.”—Yobhi 1:21.
Emva koko, uSathana uza phambi koYehova, aze uYehova athi kuye: “[UYobhi] usabambelele nkqi kwingqibelelo yakhe, nangona undixhokonxela ukuba ndimginye ngaphandle kwesizathu.” (Yobhi 2:1-3) Eyona mbambano kukugcina kukaYobhi ingqibelelo—uphawu olufuna ukunyaniseka ngokupheleleyo kuThixo nokubambelela ngokuqinileyo kubulungisa. Ukuza kuthi ga ngoku uYobhi usaphumelela kwimbambano yokugcina ingqibelelo. Noko ke, uMtyholi akanikezeli.
Wandula ke uSathana enze isityholo esichaphazela bonke abantu. Uthi kuYehova: “Ulusu ngenxa yolusu, yaye yonke into anayo umntu uya kuyinikela ngenxa yomphefumlo wakhe. Ngokwahlukileyo koko, khawuncede wolule isandla sakho, uchukumise ufikelele ethanjeni lakhe nasenyameni yakhe uze ubone enoba akayi kukuqalekisa ebusweni bakho na.” (Yobhi 2:4, 5) Ngokusebenzisa igama elithi “umntu” kunokuba athi uYobhi, uMtyholi ubonisa ukuba uyathandabuza ukuba umntu ngamnye unokugcina ingqibelelo. Eneneni, eyona nto ayitshoyo yile: ‘Umntu uya kwenza nantoni na ukusindisa ubomi bakhe. Ndiphe nje ithuba, ndiya kutyekisa nabani na kuThixo.’ Ngaba akukho mntu uya kuhlala enyanisekile kuThixo phantsi kwazo zonke iimeko nangalo lonke ixesha?
UYehova uvumela uMtyholi ukuba abethe uYobhi ngesifo esibuhlungu. UYobhi ugcuma kangangokuba uthandazela ukufa. (Yobhi 2:7; 14:13) Sekunjalo, uYobhi uthi: “Ndide ndibhubhe andiyi kuyisusa kum ingqibelelo yam!” (Yobhi 27:5) UYobhi uthetha la mazwi kuba emthanda uThixo, ibe akukho nto inokutshintsha oko. UYobhi uzingqina engumntu ogcina ingqibelelo. IBhayibhile ithi: “Ke yena uYehova, wakusikelela ukuphela kukaYobhi emva koko ngaphezu kwesiqalo sakhe.” (Yobhi 42:10-17) Ngaba bakho abanye abaye bafana noYobhi? Yintoni eye yatyhilwa kukuhamba kwexesha?
Indlela Eziye Zaphendulwa Ngayo Izityholo
Kwisahluko 11 sencwadi yeBhayibhile yamaHebhere, umpostile uPawulos ubiza ngamagama amadoda namabhinqa athembekileyo awayephila ngaphambi kwexesha lobuKristu, kuquka uNowa, uAbraham, uSara noMoses. Emva koko lo mpostile uthi: “Lingaphela ixesha ndibalisa [ngabanye].” (Hebhere 11:32) Aba bakhonzi bakaThixo bathembekileyo babebaninzi kangangokuba uPawulos ubhekisela kubo ‘njengelifu elikhulu lamangqina,’ ebafanisa nelifu elikhulu elizalise isibhakabhaka. (Hebhere 12:1) Ewe, ukutyhubela iinkulungwane, izihlwele zabantu ezingenakubalwa ziye zasebenzisa inkululeko yazo yokuzikhethela zakhetha ukuhlala zinyanisekile kuYehova uThixo.—Yoshuwa 24:15.
Eyona mpendulo kwisityholo sikaSathana sokuba unokutyekisa abantu kuYehova yavela kuNyana kaThixo, uYesu Kristu. Akazange aphule ingqibelelo yakhe kuThixo kwanaxa wayesifa ziintlungu ezingathethekiyo kumthi wentuthumbo. Njengoko uYesu wayephefumla okokugqibela, wakhala esithi: “Bawo, ndiwuyekela ezandleni zakho umoya wam.”—Luka 23:46.
Ukuhamba kwexesha kuye kwabonisa ngokucacileyo ukuba uMtyholi akakwazanga ukutyekisa bonke abantu ekukhonzeni uThixo oyinyaniso. Abantu abaninzi baye bamazi uYehova baza ‘bamthanda ngentliziyo yabo iphela nangomphefumlo wabo uphela nangengqondo yabo iphela.’ (Mateyu 22:37) Ukunyaniseka kwabo kuYehova ngokupheleleyo kuye kwangqina uSathana elixoki kwimbambano yokuba abantu abanakuze bagcine ingqibelelo. Nawe unokumngqina uMtyholi elixoki ngokugcina ingqibelelo.
Yintoni Omele Uyenze?
Injongo kaThixo kukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Timoti 2:4) Unokukwenza njani oko? Zibekele ixesha lokufunda iBhayibhile uze ‘ungenise ulwazi ngokuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo amthumileyo, uYesu Kristu.’—Yohane 17:3.
USathana wayiphikisa into yokuba umntu unokugcina ingqibelelo ngokuthandabuza iinjongo zokukhonza kwakhe uThixo. Ukuze ulwazi luphembelele iinjongo zakho, lumele lufikelele intliziyo. Ukuze oku kwenzeke, akumele wanele nje kukufuna inkcazelo eseBhayibhileni. Kwenze umkhwa ukucamngca ngoko ukufundayo. (INdumiso 143:5) Xa ufunda iBhayibhile okanye iimpapasho ezisekelwe kuyo, ziphe ixesha lokucingisisa nzulu ngemibuzo enjengale: ‘Oku kundifundisa ntoni ngoYehova? Ziziphi iimpawu zikaThixo ezichazwe apha? Ziziphi iinkalo endimele ndikuxelise kuzo oku? Ziziphi izinto azifunayo okanye angazifuniyo uThixo? Oko kuyichaphazela njani indlela endivakalelwa ngayo ngoThixo?’ Ukucingisisa nzulu ngaloo ndlela kuya kwenza umthande uze umxabise uMdali.
Ukugcina ingqibelelo kuThixo akuphelelanga nje kwiinkolelo zonqulo. (1 Kumkani 9:4) Ukugcina ingqibelelo kuYehova uThixo kufuna ubani aziphathe kakuhle kuzo zonke iinkalo zobomi. Noko ke, ukugcina ingqibelelo akusayi kukubandeza ulonwabo. UYehova ‘nguThixo onoyolo,’ ibe ufuna wonwabe. (1 Timoti 1:11) Qwalasela izinto ezithile omele uziphephe ukuze uhlale uziphatha kakuhle uze wonwabe aze noThixo akholiswe nguwe.
Kuphephe Ukuziphatha Okubi Ngokwesini
UYehova uchaza oko kufunekayo emtshatweni kwiLizwi lakhe, iBhayibhile, ethi: “Indoda iya kumshiya uyise nonina, inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.” (Genesis 2:21-24) Ekubeni abo batshatileyo besiba “nyama-nye,” bahlonela ilungiselelo likaThixo lomtshato xa bephelelisela iintlobano zesini phakathi kwabo. Umpostile uPawulos wathi: “Umtshato mawubekeke phakathi kwenu nonke, nesilili somtshato masingadyojwa, kuba uThixo uya kubagweba abahenyuzi nabakrexezi.” (Hebhere 13:4) Amazwi athi ‘isilili somtshato’ abhekisela kwiintlobano zesini phakathi kwendoda nebhinqa abatshate ngokusemthethweni. Xa omnye wabo esiba neentlobano zesini nomnye umntu uyakrexeza ibe unokufumana umgwebo oqatha kuThixo.—Malaki 3:5.
Kuthekani ngokuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato? Nako oku kuchasene nemilinganiselo yokuziphatha ebekwe nguYehova. IBhayibhile ithi: “Kukuthanda kukaThixo, ukuba . . . nikhwebuke kuhenyuzo.” (1 Tesalonika 4:3) Ubufanasini, umbulo nokuba neentlobano zesini nesilwanyana nazo ezo zinto zisisono kuThixo. (Levitikus 18:6, 23; Roma 1:26, 27) Nabani na ofuna ukukholisa uThixo nofuna ukonwaba ngokupheleleyo umele akuyeke ukuziphatha okubi.
Kuthekani ngokuvuselela inkanuko yesini kwabo bangatshatanga? UYehova akakholiswa ngulo mkhwa. (Galati 5:19) Ubani umele akuphephe ukucinga ngokuziphatha okubi. UYesu wathi: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.” (Mateyu 5:28) Loo mazwi akwabhekisela ekujongeni imifanekiso engamanyala encwadini, kwiifilimu okanye kwi-Internet; ukufunda ngeentlobano zesini; nokuphulaphula iingoma ezikhuthaza oko. Ukuphepha ezo zinto kuyamkholisa uThixo ibe kuba nempembelelo entle kubomi bukabani.
Kuthekani ngokuba ngudlalani? Ukuba ngudlalani kuchazwa ‘njengokubonisa uthando ube ungenanjongo okanye ukuzifaka emgibeni wokuziphatha okubi ngokwesini.’ Ukuba indoda okanye ibhinqa elitshatileyo libonisa umdla onjalo kumntu elingatshatanga naye lenza okuchasene nomgaqo weBhayibhile ibe oko kubonisa ukungamhloneli uYehova. (Efese 5:28-33) Akufanelekanga kwaphela ukuba abantu abangatshatanga babonise izimbo zothando nje bedlalisa. Kuthekani ukuba omnye ucinga ukuba akudlalwa? Cinga ngentlungu enokubangelwa koko. Okubuhlungu kukuba ukudlala ngothando kusenokukhokelela ekukrexezeni okanye kuhenyuzo. Kwelinye icala, ukuphatha abantu besini esahlukileyo ngendlela enyulu kwenza ubani ahlonelwe.—1 Timoti 5:1, 2.
Ukukholisa UThixo Kwezinye Iinkalo Zobomi
Kwiindawo ezininzi utywala bufumaneka lula. Ngaba kuphosakele ukubusela? IZibhalo azikwaleli ukusela iwayini, ibhiya okanye obunye utywala ngobungcathu. (INdumiso 104:15; 1 Timoti 5:23) Noko ke, ukusela ngokugqithiseleyo nokunxila kuphosakele emehlweni kaThixo. (1 Korinte 5:11-13) Ngokuqinisekileyo akufuni utywala bonakalise impilo yakho buze buphazamise ubomi bentsapho yakho.—IMizekeliso 23:20, 21, 29-35.
UYehova ‘nguThixo wenyaniso.’ (INdumiso 31:5) IBhayibhile ithi: ‘Akunakwenzeka ukuba axoke uThixo.’ (Hebhere 6:18) Ukuba ufuna uThixo akholiswe nguwe, uya kukuphepha ukuxoka. (IMizekeliso 6:16-19; Kolose 3:9, 10) IBhayibhile ibongoza amaKristu isithi: “Ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane wakhe.”—Efese 4:25.
Kukwakho nomkhwa wokungcakaza. Nangona iyinto abayiqhelileyo abaninzi, ukungcakaza luhlobo oluthile lokubawa, ekubeni ubani ezama ukufamana imali ngoxa abanye belahlekelwa yiyo. UYehova akakholiswa ngabo ‘babawela inzuzo yokunganyaniseki.’ (1 Timoti 3:8) Ukuba ufuna ukukholisa uYehova, uya kuluphepha lonke uhlobo lokungcakaza, kuquka ukudlala iloto, ibingo nokubheja amahashe. Kwelinye icala, uya kufumanisa ukuba, unemali engakumbi yokunyamekela intsapho yakho.
Ubusela lolunye uhlobo lokubawa. IBhayibhile ithi: “Uze ungebi.” (Eksodus 20:15) Kuphosakele ukuthenga izinto ezibiweyo usazi nokuthabatha izinto ngaphandle kwemvume. IBhayibhile ithi: “Lowo ubayo makangabi seba, kunoko makasebenze nzima, esenza umsebenzi olungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nento yokwabela lowo usweleyo.” (Efese 4:28) Kunokuba babe ixesha labaqeshi babo, abo bathanda uYehova basebenza ngokunyaniseka. ‘Banqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.’ (Hebhere 13:18) Isazela esicocekileyo senza ubani abe noxolo lwengqondo.
UThixo umjonga njani umntu onogonyamelo? IBhayibhile iyalumkisa: “Musa ukuba liqabane lakhe nabani na onomsindo; yaye ungahlali nomntu obhabhama ngumsindo.” (IMizekeliso 22:24) Umsindo ongalawulekileyo udla ngokukhokelela kugonyamelo. (Genesis 4:5-8) Ngokuphathelele ukuziphindezela, iBhayibhile ithi: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. Yenzani okuhle emehlweni abantu bonke. Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke. Musani ukuziphindezelela, zintanda, kodwa yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.’” (Roma 12:17-19) Xa silandela eso siluleko, siya kuba noxolo olungakumbi—ibe oko kuya kusenza sonwabe ngakumbi.
Unokuphumelela
Ngaba unokuphumelela ukugcina ingqibelelo yakho kuThixo naphezu kweengcinezelo? Ewe, unako. Khumbula ukuba uThixo ufuna uphumelele ukungqina uSathana elixoki kwimbambano yokugcina ingqibelelo, kuba iLizwi lakhe lithi: “Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam, ukuze ndimphendule ondingcikivayo.”—IMizekeliso 27:11.
Unokuthandaza kuYehova akomeleze wenze okulungileyo emehlweni akhe. (Filipi 4:6, 7, 13) Ngoko yenza umgudu wokwandisa ulwazi lwakho lweLizwi likaThixo, iBhayibhile. Ukucamngca ngoxabiso oko ukufunda eBhayibhileni kuya kukunceda umthande ngakumbi uThixo uze ufune ukumkholisa. Eyoku-1 kaYohane 5:3 ithi: “Ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe; kwaye ayinzima imiyalelo yakhe.” AmaNgqina kaYehova asekuhlaleni aya kukuvuyela ukukunceda ufunde iBhayibhile. Siyakumema ukuba uqhagamshelane nawo okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
UYobhi wahlala ethembekile phantsi kovavanyo
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ukulazi ngakumbi iLizwi likaThixo kuya komeleza isigqibo sakho sokwenza okulungileyo