Ungaze Uphelelwe Luxabiso
“Hayi indlela ezixabiseke ngayo iingcamango zakho kum! Owu Thixo, hayi indlela esisikhulu ngayo isimbuku sazo!”—INDUMISO 139:17.
1, 2. Kutheni simele silixabise nje iLizwi likaThixo, ibe umdumisi wayichaza njani indlela alixabisa ngayo?
KWAKUFUNYENWE eyona nto ixabisekileyo. Ngoxa kwakulungiswa itempile kaYehova eYerusalem, uMbingeleli Omkhulu uHilekiya wafumana “incwadi yomthetho kaYehova ngesandla sikaMoses,” ngokuqinisekileyo engumbhalo wokuqala owawugqitywe ukubhalwa kwiminyaka engama-800 ngaphambili! Ngaba unokuyithelekelela indlela awavakalelwa ngayo uKumkani uYosiya owoyik’ uThixo xa wanikwa le ncwadi? Eneneni, wayixabisa waza ngokukhawuleza wayinika uShafan, unobhala, ukuba ayifunde ngokuvakalayo.—2 Kronike 34:14-18.
2 Namhlanje, iLizwi likaThixo elipheleleyo okanye inxalenye yalo, linokufundwa ngamawaka ezigidi zabantu. Kodwa ngaba oko kwenza iZibhalo zingaxabiseki okanye zibaluleke kangako? Akunjalo konke konke! Enyanisweni, ziqulethe iingcamango zoMongami, ezibhalelwe ukuze kungenelwe thina. (2 Timoti 3:16) Echaza indlela avakalelwa ngayo ngeLizwi likaThixo, umdumisi uDavide wathi: “Hayi indlela ezixabiseke ngayo iingcamango zakho kum! Owu Thixo, hayi indlela esisikhulu ngayo isimbuku sazo!”—INdumiso 139:17.
3. Yintoni ebonisa ukuba uDavide wayezithabatha nzulu izinto zokomoya?
3 UDavide zange ayeke ukumxabisa uYehova, iLizwi lakhe, nelungiselelo lakhe lonqulo lokwenyaniso. Iindumiso ezininzi ezimnandi ezaqanjwa nguDavide zichaza indlela awayevakalelwa ngayo. Ngokomzekelo, kwiNdumiso 27:4, wathi: “Inye into endiyicelileyo kuYehova—ndiya kufuna yona, ukuba ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla yobomi bam, ndibone ukuthandeka kukaYehova ndize ndikhangele ngoxabiso etempileni yakhe.” KwisiHebhere santlandlolo, ibinzana elithi “ndikhangele ngoxabiso” lithetha ukucamngca nzulu ngento, ukuyihlalutya, ukuyibona ikuchwayitise, nokuyibuka. Kucacile ukuba, uDavide wayezithabatha nzulu izinto zokomoya ezixabisa ngokwenene zonke izinto uYehova azilungiseleleyo ukomeleza ukholo lwakhe nenyaniso yokomoya uThixo ayityhilileyo. Simele siwuxelise umzekelo wakhe wokuba noxabiso.—INdumiso 19:7-11.
Lixabise Ilungelo Lokwazi Inyaniso YeBhayibhile
4. Yintoni eyabangela ukuba uYesu abe “novuyo olugqithiseleyo ngomoya oyingcwele”?
4 Ukwazi iLizwi likaThixo akuxhomekekanga kwimfundo yehlabathi edla ngokukhuthaza ikratshi. Kunoko, kuxhomekeke kububele bukaYehova obungasifanelanga, abubonisa kubantu abathobekileyo nabanyanisekileyo abayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya. (Mateyu 5:3; 1 Yohane 5:20) Xa uYesu wayecinga ngesibakala sokuba abanye abantu abangafezekanga amagama abo ayebhalwe ezulwini, ‘waba novuyo olugqithiseleyo ngomoya oyingcwele waza wathi: “Ndikudumisa esidlangalaleni, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngenxa yokuba uzifihle ngenyameko ezi zinto kwizilumko nakwabo baziingqondi, wazityhilela iintsana.”’—Luka 10:17-21.
5. Kutheni abafundi bakaYesu babengamele bayithabathe lula inyaniso yoBukumkani eyatyhilwa kubo?
5 Emva kokwenza loo mthandazo usuka entliziyweni, uYesu waphethukela kubafundi bakhe wathi: “Anoyolo amehlo abona izinto enizibonayo. Kuba ndithi kuni, Abaprofeti nookumkani abaninzi babenqwenela ukuzibona izinto enizibonayo kodwa abazibona, nokuva izinto enizivayo kodwa abaziva.” Ewe, uYesu wakhuthaza abalandeli bakhe abathembekileyo ukuba bangayithabathi lula inyaniso exabisekileyo yoBukumkani abaye bayityhilelwa. Le nyaniso ayizange ityhilwe kwizizukulwana zangaphambili zabakhonzi bakaThixo, ingazange ityhilwe ‘nakwizilumko neengqondi’ zomhla kaYesu!—Luka 10:23, 24.
6, 7. (a) Ziziphi izizathu ezisenza siyixabise inyaniso kaThixo? (b) Nguwuphi umahluko okhoyo namhlanje phakathi konqulo lwenyaniso nolobuxoki?
6 Namhlanje, sinezizathu ezingakumbi zokuyixabisa inyaniso kaThixo, kuba esebenzisa “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” uYehova uye wanika abantu bakhe ulwazi olunzulu lweLizwi lakhe. (Mateyu 24:45; Daniyeli 12:10) Ngokuphathelele ixesha lesiphelo, umprofeti uDaniyeli wathi: “Abaninzi baya kuphengulula, yaye ulwazi lokwenyaniso luya kuba luninzi.” (Daniyeli 12:4) Ngaba akuvumi ukuba namhlanje ulwazi ngoThixo luye ‘lwaba luninzi’ ibe abakhonzi bakaYehova bafumana ukutya kokomoya okuninzi?
7 Onjani wona ukuba mkhulu umahluko ophakathi kwabantu bakaThixo nengxubakaxaka yonqulo lweBhabhiloni Enkulu! Ngenxa yoko, abaninzi abaphoxwe lunqulo lobuxoki okanye abakruqukileyo lulo babhenela kunqulo lwenyaniso. Bafana nezimvu ezingafuni ‘ukwabelana [neBhabhiloni Enkulu] ngezono zayo’ okanye ‘zamkeliswe kwizibetho zayo.’ UYehova nabakhonzi bakhe bamema bonke abanjalo kwibandla lamaKristu okwenyaniso.—ISityhilelo 18:2-4; 22:17.
Abo Banoxabiso Beza KuThixo
8, 9. Amazwi kaHagayi 2:7 azaliseka njani namhlanje?
8 Ngokuphathelele indlu yakhe yokomoya yonqulo, uYehova waxela kwangaphambili esithi: “Ndiya kuzinyikimisa zonke iintlanga, zize izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga zingene; yaye ndiya kuyizalisa ngozuko le ndlu.” (Hagayi 2:7) Esi siprofeto simangalisayo sazaliseka ngomhla kaHagayi xa intsalela ebuyiselweyo yabantu bakaThixo yaphinda yakha itempile eYerusalem. Namhlanje, amazwi kaHagayi azaliseka ngokubanzi ngokuphathelele itempile enkulu kaYehova yokomoya.
9 Izigidi ziye zathontelana ukuza kule tempile yokomoya ukuza kunqula uThixo “ngomoya nenyaniso,” ibe nyaka ngamnye amakhulu amawaka ‘ezinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga’ aqhubeka engena. (Yohane 4:23, 24) Ngokomzekelo, ingxelo yehlabathi yonyaka wenkonzo wama-2006 ibonisa ukuba bangama-248 327 abantu abaye babhaptizwa befuzisela ukuzahlulela kwabo kuYehova. Elo nani ngumlinganiselo wabantu abatsha abangama-680 suku ngalunye! Ukuthanda kwabo inyaniso nomnqweno wokukhonza uYehova njengabavakalisi boBukumkani kungqina ukuba batsalwe nguThixo ngokwenene.—Yohane 6:44, 65.
10, 11. Balisa amava abonisa indlela abantu abayixabisa ngayo inyaniso yeBhayibhile.
10 Abaninzi kwaba bantliziyo zinyanisekileyo baye batsalwa yinyaniso ngenxa yokubona “umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonzanga.” (Malaki 3:18) Khawucinge ngamava kaWayne noVirginia, isibini esitshatileyo esasihamba icawa yamaProtestanti kodwa esasinemibuzo emininzi engaphendulekiyo. Babeyithiyile imfazwe ibe babedideka baze baphazamiseke xa bebona abefundisi besikelela amajoni nezixhobo. Njengoko esi sibini sisaluphala, saziva singakhathalelwanga ngamanye amarhamente, nangona uVirginia wayefundise kwisikolo seCawa kangangeminyaka. Bathi: “Akukho mntu wayesityelela okanye abonise umdla kwimeko yethu yokomoya. Eyona nto yayifunwa yicawa yimali yethu kuphela. Saziva sididekile.” Badideka nangakumbi xa icawa yabo yamkela ubufanasini.
11 Ngelo xesha, umzukulwana kaWayne noVirginia waba liNgqina likaYehova kwaza emva koko kwalandela intombi yabo. Nangona uWayne noVirginia bacatshukiswayo koku ekuqaleni, batshintsha isimo sengqondo baza bamkela isifundo seBhayibhile. UWayne wathi: “Kwiinyanga nje ezintathu, safunda okungakumbi ngeBhayibhile kunoko sasikufunde kwiminyaka engama-70 ngaphambili! Sasingazi ukuba igama likaThixo nguYehova, ibe sasingazi nto ngoBukumkani nomhlaba oyiParadesi.” Kungekudala, esi sibini sinyanisekileyo saqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaKristu nokuba nenxaxheba kubulungiseleli. UVirginia wathi: “Sifuna ukuxelela wonk’ umntu ngenyaniso.” Bobabini babhaptizwa ngowama-2005, bekwiminyaka yama-80 ubudala. Bathi: “Sifumene amaKristu okwenyaniso ibe siziva sisekhaya.”
Yixabise Into Yokuba ‘Uwuxhobele Ngokupheleleyo Wonke Umsebenzi Olungileyo’
12. Yintoni uYehova asoloko eyilungiselela abakhonzi bakhe, ibe yintoni esimele siyenze ukuze singenelwe?
12 UYehova usoloko enceda abakhonzi bakhe benze ukuthanda kwakhe. Ngokomzekelo, uNowa wafumana imiyalelo ecacileyo nengqalileyo yokwakha umkhombe—umsebenzi owawufanele wenziwe ngokuchanileyo nakuba wawuqala ukwenziwa! Eneneni wawenza kanye ngaloo ndlela. Kwakutheni ukuze akwazi? Kungenxa yokuba uNowa ‘wenza njengako konke oko uThixo wayemyalele kona. Wenza kanye njengoko.’ (Genesis 6:14-22) Nanamhlanje, uYehova ubaxhobisa ngokupheleleyo abakhonzi bakhe ukuba benze ukuthanda kwakhe. Kakade ke, owona msebenzi wethu uyintloko kukushumayela iindaba ezilungileyo zokumiselwa koBukumkani bukaThixo nokunceda abo bafanelekayo babe ngabafundi bakaYesu Kristu. Neyethu impumelelo ixhomekeke ekuthobeleni, njengokuba kwakunjalo kuNowa. Ngentobelo simele silandele ulwalathiso uYehova aludlulisela ngeLizwi lakhe nangentlangano yakhe.—Mateyu 24:14; 28:19, 20.
13. Ziziphi iindlela uYehova asiqeqesha ngazo?
13 Ukuze sikwazi ukwenza lo msebenzi, simele sifunde ‘ukusiphatha ngokufanelekileyo’ esona sixhobo sethu siyintloko—iLizwi likaThixo—‘esiyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’ (2 Timoti 2:15; 3:16, 17) Njengakwinkulungwane yokuqala, uYehova usinika uqeqesho olubalulekileyo ngebandla lamaKristu. Namhlanje, kumabandla angama-99 770 ehlabathini lonke, iSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani neNtlanganiso Yenkonzo zibakho veki nganye ukuze zisincede kubulungiseleli. Ngaba ubonisa uxabiso ngezi ntlanganiso zibalulekileyo ngokubakho rhoqo kuzo nangokusebenzisa izinto ozifundayo?—Hebhere 10:24, 25.
14. Abakhonzi bakaYehova balubonisa njani uxabiso ngelungelo lokukhonza uThixo? (Gqabaza nangesicangca esikwiphepha 27-30.)
14 Izigidi zabantu bakaThixo ehlabathini zibonisa uxabiso ngoqeqesho ezilufumanayo ngokuzibhokoxa kubulungiseleli. Ngokomzekelo, ebudeni bonyaka wenkonzo yowama-2006, abavakalisi boBukumkani abazizi-6 741 444 baye bachitha iiyure ezili-1 333 966 199 kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zalo msebenzi, kuquka ukuqhuba izifundo zeBhayibhile ezizi-6 286 618. Ezi zezinye zeenkcukacha ezikhuthazayo ezikwingxelo yehlabathi lonke. Nceda uhlolisise le ngxelo ukuze ikukhuthaze, kanye njengokuba abazalwane bethu benkulungwane yokuqala ngokungathandabuzekiyo babekhuthazwa ziingxelo zolwando kumsebenzi wokushumayela ngomhla wabo.—IZenzo 1:15; 2:5-11, 41, 47; 4:4; 6:7.
15. Kutheni kungekho mntu umele adimazeke yinkonzo yomphefumlo uphela ayinikela kuYehova?
15 Indumiso engathethekiyo eya kuThixo nyaka ngamnye ibonisa uxabiso olunzulu abakhonzi bakaYehova abanalo ngelungelo lokwazi uYehova nokunikela ubungqina ngaye. (Isaya 43:10) Enyanisweni, umbingelelo wendumiso onikelwa ngabazalwana noodadewethu abalupheleyo nabagulayo unokuthelekiswa nomnikelo womhlolokazi. Masingaze silibale ukuba uYehova noNyana wakhe babaxabisa ngokwenene bonke abo bakhonza uThixo ngomphefumlo uphela, njengoko besenza konke okusemandleni abo.—Luka 21:1-4; Galati 6:4.
16. Ziziphi izixhobo uThixo aye wazilungiselela kumaxesha akutshanje?
16 UYehova, ngentlangano yakhe akasiniki uqeqesho nje kuphela, kodwa usinika nezixhobo zokufundisa ezisemagqabini. Kumashumi eminyaka adluleyo, ezi zixhobo ziye zaquka incwadi ethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade, Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, ibe kutshanje ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Abo bawaxabisa ngokwenene la malungiselelo bawasebenzisa kakuhle kubulungiseleli.
Yisebenzise Kakuhle Incwadi Ethi Okufundiswa YiBhayibhile
17, 18. (a) Ziziphi iindawo othanda ukuzibalaselisa kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile entsimini? (b) Yintoni eyathethwa ngomnye umveleli wesiphaluka ngencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile?
17 Le ncwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? enezahluko ezili-19, nesihlomelo esineenkcukacha, nebhalwe ngolwimi olucacileyo nolulula, iyintsikelelo kubulungiseleli. Ngokomzekelo, isahluko 12 sinomxholo othi “Ukuphila Ngendlela Ekholisa UThixo.” Esi sahluko sichazela umfundi indlela anokuba ngumhlobo kaThixo ngayo, into abaninzi abangazange bacinga ukuba ingenzeka. (Yakobi 2:23) Iye yamkelwa njani le incwadi?
18 Omnye umveleli wesiphaluka eOstreliya uthi incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile “ikhawuleza ibangele umdla kumninimzi nto leyo emenza naye ahlomle.” Wongezelela esithi kulula gqitha ukusebenzisa le ncwadi kangangokuba “yenze abavakalisi boBukumkani baphinda banentembelo novuyo kubulungiseleli. Akumangalisi ke ngoko abanye besithi Sisitena Segolide!”
19-21. Balisa amava abalaselisa ukuba luncedo kwencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile.
19 Elinye ibhinqa laseGuyana lathi komnye uvulindlela: “Uthunyelwe nguThixo.” Eli bhinqa lalisandul’ ukushiywa yindoda elalihlala nayo, lasala nabantwana ababini abancinane. Uvulindlela wavula kwisahluko 1 sencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile waza wafunda ngokuvakalayo isiqendu 11, phantsi komxholwana othi “Uvakalelwa Njani UThixo Ngokungabikho Kokusesikweni?” Lo vulindlela uthi: “Iingongoma endazifundayo zalichukumisa gqitha. Enyanisweni, laphakama laya emva kwevenkile yalo, laza lakhala kanobom.” Eli bhinqa lavuma ukuqhutyelwa rhoqo isifundo seBhayibhile ngudade wasekuhlaleni ibe ngoku lenza inkqubela.
20 UJosé, ohlala eSpeyin, wafelwa ngumfazi wakhe kwingozi yemoto. Wazithuthuzela ngokusebenzisa iziyobisi waya nakoogqirha. Noko ke, abo gqirha abazange bakwazi ukuphendula umbuzo owawumkhathaza gqitha, othi: “Kutheni uThixo evumele umfazi wam afe?” Ngenye imini uJosé wadibana noFrancesc, osebenzela inkampani enye naleyo yakhe. UFrancesc wacebisa ukuba baxubushe isahluko 11 kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, kumxholo othi “Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?” Ingcaciso yeZibhalo nomzekeliso katitshala nomfundi zamchukumisa gqitha uJosé. Waqalisa ukufunda ngenyameko, waya kwindibano yesiphaluka ibe ngoku uya kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani yasekuhlaleni.
21 URoman, usomashishini wasePoland oneminyaka engama-40 ubudala, ebesoloko elihlonela iLizwi likaThixo. Kodwa ngenxa yokuxakeka gqitha ngumsebenzi, akazange enze nkqubela ingako kwisifundo sakhe seBhayibhile. Sekunjalo, waya kwindibano yesithili waza wafumana incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Emva koko wenza inkqubela ephawulekayo. Uthi: “Le ncwadi izenze zacaca gca zonke iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko.” Ngoku ufunda iBhayibhile rhoqo ibe wenza inkqubela.
Hlala Unoxabiso
22, 23. Sinokuqhubeka njani sibonisa uxabiso ngethemba esilithenjisiweyo?
22 Njengoko kuye kwachazwa kwiiNdibano Zesithili ‘Zokusondela Kwentlangulo!’ amaKristu okwenyaniso alangazelela “intlangulo engunaphakade” ethenjiswe nguThixo neza kubakho ngenxa yegazi likaYesu Kristu elaphalalayo. Indlela esinokubonisa ngayo ukuba sinoxabiso olunzulu ngeli themba lingenakuthelekiswa nanto, kukuqhubeka sihlanjululwa “kwimisebenzi efileyo ukuze sinikele inkonzo engcwele kuThixo ophilayo.”—Hebhere 9:12, 14.
23 Ewe, ngummangaliso ngokwenene into yokuba kubekho abavakalisi boBukumkani abangaphezu kwezigidi ezithandathu abanyamezele ngokuthembeka kwinkonzo kaThixo ngoxa kugquba ingcinezelo yokuzingca. Oku kungqina nento yokuba abakhonzi bakaYehova balixabisa ngokwenene ilungelo lokukhonza uThixo, besazi ukuba ‘ukusebenza kwabo akulolize eNkosini.’ Kwanga olo xabiso lungahlala lukho!—1 Korinte 15:58; INdumiso 110:3.
Ungaphendula Uthini?
• Umdumisi usifundisa ntoni ngokuxabisa uThixo namalungiselelo akhe okomoya?
• Amazwi kaHagayi 2:7 azaliseka njani namhlanje?
• UYehova ubaxhobise njani abakhonzi bakhe ukuze bamkhonze ngempumelelo?
• Yintoni onokuyenza ukubonisa ukuba uyakuxabisa ukulunga kukaYehova?
[Isicangca esikwiphepha 27-30]
INGXELO YONYAKA WENKONZO WAMA-2006 YAMANGQINA KAYEHOVA EHLABATHINI LONKE
(Bona imiqulu)
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
UYehova usixhobisa ngokupheleleyo ukuze senze ukuthanda kwakhe