IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 7/1 iphe. 4-9
  • Ukuhlangabezana Nentlungu Yokufelwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuhlangabezana Nentlungu Yokufelwa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Yintoni Intlungu?
  • Ukuhlangabezana Nentlungu
  • Sondela KuThixo
  • Ithemba Lovuko
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nentlungu Endikuyo?
    Xa Umntu Omthandayo Esifa
  • “Lilani Kunye Nabantu Abalilayo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Kulo Vukani: Ukuthuthuzela Abantu Abaswelekelweyo
    Vukani!—2018
  • Intshayelelo
    Vukani!—2018
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 7/1 iphe. 4-9

Ukuhlangabezana Nentlungu Yokufelwa

“Besuka bonke oonyana bakhe nazo zonke iintombi [zikaYakobi] zakhe, beza kumthuthuzela akavuma kuthuthuzelwa, wathi, ndiya kuhla ndiye kunyana wam kwelabafileyo ndisenza isijwili.’ Uyise wamlilela ke.”GENESIS 37:35, IBhayibhile YesiXhosa.

USOLUSAPHO uYakobi waba buhlungu gqitha kukufa konyana wakhe. Wayecinga ukuba uza kuba buhlungu kude kube yimini yokufa kwakhe. NjengoYakobi usenokucinga ukuba intlungu yokufelwa sisalamane sakho ayisayi kuze iphele. Ngaba intlungu enjalo ibonisa ukuba awunalo ukholo kuThixo? Nakanye!

IBhayibhile imchaza uYakobi njengendoda eyayinokholo. Ukhankanywa njengomnye wabantu ababenokholo olubalaseleyo njengoyise mkhulu uAbraham, noyise uIsake. (Hebhere 11:8, 9, 13) Ngesinye isihlandlo, wasukuzana nengelosi ubusuku bonke ukuze afumane intsikelelo kaThixo. (Genesis 32:24-30) Kucacile ukuba uYakobi, wayeyindoda eyayizixabisa izinto zokomoya. Yintoni esinokuyifunda kwintlungu kaYakobi? Xa umntu ebuhlungu kakhulu ngenxa yentlungu eye yamehlela oko akuthethi ukuba ukholo lwakhe lubuthathaka kuThixo. Kungokwemvelo ukuba buhlungu xa ubhujelwe sisalamane sakho.

Yintoni Intlungu?

Intlungu inokusichaphazela ngeendlela ezininzi, kodwa kubantu abaninzi eyona inobuzaza yintlungu yomphefumlo. Khawucinge ngoko kwenzeka kuLeonardo, owayeneminyaka eli-14 ubudala xa uyise wafa ngesiquphe ngenxa yeengxaki ezinokuthanani nentliziyo nemiphunga. ULeonardo akasayi kuze ayilibale imini abaxelelwa ngayo loo mphanga nguninakazi. Ekuqaleni akazange akholelwe. Emngcwabeni wawubona umzimba kayise, kodwa waba ngathi uyaphupha. Kwadlula iinyanga ezintandathu engakwazi ukulila. Wayedla ngokuhlala elindele ukuba uyise uza kubuya emsebenzini. Kwadlula unyaka ngaphambi kokuba ayamkele into kokuba uyise wayengasekho. Wayeziva elilolo. Izinto eziqhelekileyo njengobuyela ekhaya uze ufike indlu ikhal’ ibhungane zazimkhumbuza uyise ongasekhoyo. Ngezihlandlo ezinjalo, wayedla ngokucuntsula kulento yabantwana. Wayemkhumbula kakhulu uyise.

Njengokuba sibona kuLeonardo, intlungu inokuzinga. Indaba ezimnandi kukuba unako ukuchacha. Noko ke, kunokuthabatha ixesha. Kanye njengokuba kuthabatha ixesha ngaphambi kokuba inxeba liphole, kukwanjalo naxa usentlungwini. Ukuchacha xa usentlungwini kusenokuthabatha iinyanga eziliqela, iminyaka embalwa, nangaphezulu. Njengokuba ixesha lihamba intlungu oyivayo iza kudamba, nobomi buza kuyeka ukubonakala bungenantsingiselo.

Sisibakala esivunyiweyo ukuba, ukuba buhlungu kuyafuneka ukuze uchache nokufunda ukuzivisisanisa nemeko entsha. Kubakho isikhewu esibangelwa kukubhubha kwakhe. Kufuneka siphile ngaphandle kwaloo mntu. Kakade ke, asinguye wonke ubani osabela ngendlela efanayo xa esentlungwini. Noko ke kubonakala kukho izinto ezingenakujika: Ukuzibamba kunokuba yingozi engqondweni, kwiimvakalelo nasemzimbeni. Ungakubonisa njani ukuba sentlungwini? IBhayibhile inamacebiso aluncedo.a

Ukuhlangabezana Nentlungu

Abantu abaninzi abasentlungwini baye bafumanisa ukuba ukuphalaz’ imbilini yakho kunokuzisa isiqabu. Ngokomzekelo, khawuhl’ amahlongwane amazwi awathethwa nguYobhi, owaphulukana nabantwana bakhe abalishumi waze wehlelwa nazezinye iintlekele. Wathi: “Ngokuqinisekileyo umphefumlo wam uziva uzothekile bubomi bam. Ndiza kukukhupha ukuxhalaba kwam ngesiqu sam. Ndiza kuthetha ngobukrakra bomphefumlo wam.” (Yobhi 1:2, 18, 19; 10:1) Phawula ukuba uYobhi wayefuna “ukunikel’ ingqalelo kwizinto ezazimkhathaza.” Wayeza kuyinikela njani? Wathi: “Ndiza kuthetha.”

UPaulo owabhujelwa ngunina, uthi: “Enye yezinto eye yandinceda kukuthetha ngaye.” Ukuzityand’ igila kumhlobo wakho osenyongweni kunokuzisa isiqabu. (IMizekeliso 17:17) Emva kokuba ebhujelwe ngunina, uYone wacela abazalwana ukuba bamtyelele rhoqo. UYone uthi, ukuthetha kwamnceda.” Nawe usenokufumanisa ukuba ukuzityand’ igila kumntu onovelwano kuya kukunceda.

Ukubhala nako kunokuzisa isiqabu. Abantu abangakwaziyo ukuphalaza imbilini yabo basenokufumanisa kulula ukubhala indlela abavakalelwa ngayo. Emva kokufa kukaSawule noYonatan, uDavide waqamba ingoma evakalis’ intlungu yakhe. Ekugqibeleni le ngoma yaba yinxalenye yencwadi yeBhayibhile kaSamuweli.—2 Samuweli 1:17–27.

Nokukhala kunokunceda. IBhayibhile ithi: “Yonke into inexesha layo elimisiweyo . . . ixesha lokwenza isijwili.” (INtshumayeli 3:1, 4) Xa kubhubhe isalamane elo ‘lixesha lesijwili.’ Awumele ube nentloni xa ulila kuba usentlungwini. IBhayibhile inemizekelo emininzi yamadoda nabafazi abathembekileyo ababonisa ukuba sentlungwini kwabo ngokulila. (Genesis 23:2; 2 Samuweli 1:11, 12) NakuYesu Kristu “zathi waxa iinyembezi” xa wayekufutshane nengcwaba lomhlobo wakhe uLazaro owayesandula ukufa.—Yohane 11:33, 35.

Kufuneka ube nomonde xa usentlungwini, kuba imvakalelo zakho zisenokutshintsha tshintsha. Khumbula ukuba awumele ube nentloni kuba ulila. Abantu abaninzi abathembekileyo baye bafumanisa ukuba ukulila xa usentlungwini kufanelekile kuba yinxalenye yokuchacha.

Sondela KuThixo

IBhayibhile ithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Enye yeendlela zokusondela kuThixo kukuthandaza. Ungawujongeli phantsi umthandazo. IBhayibhile yenza esi sithembiso sithuthuzelayo: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.” (INdumiso 34:18) Kwakhona isiqinisekisa isithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa.” (INdumiso 55:22) Khumbula ukuba, abantu abaninzi baye bakufumanisa kuluncedo ukuzityand’ igila kumhlobo osenyongweni. Ngaba bekungayi kuba luncedo nangakumbi ukuzityand’ igila kuThixo othembisa ukuba uza kuzithuthuzela iintliziyo zethu?—2 Tesalonika 2:16, 17.

UPaulo ebesithethe ngaye ngaphambili uthi: “Xa kwakunzima ukunyamezela ndiphelelwe nalithemba, ndandiguqa ngamadolo ndize ndithandaze kuThixo. Ndandimkhunga ukuba andincede.” UPaulo ukholelwa ukuba imithandazo yakhe yenza umahluko. Nawe usenokufumanisa ukuba ukuphendula imithandazo yakho ezingisileyo, ‘uThixo wentuthuzelo yonke’ uya kunika inkalipho namandla okunyamezela.—2 Korinte 1:3, 4; Roma 12:12.

Ithemba Lovuko

UYesu wathi: “Ndim uvuko nobomi. Lowo ubonisa ukholo kum, nokuba uyafa, uya kubuyela ebomini.” (Yohane 11:25) IBhayibhile ifundisa ukuba abantu abafileyo baza kuphila kwakhona.b Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wabonisa ukuba wayekwazi ukuvusa abantu abafileyo. Ngesinye isihlandlo, wavusa intwazana eneminyaka eli-12 ubudala. Basabela njani abazali bayo? ‘Bathabatheka ngokugqithiseleyo.’ (Marko 5:42) Ngaphantsi kolawulo loBukumkani, uKumkani wasezulwini uYesu Kristu uza kuvusa inginginya yabantu abaza kuphila apha emhlabeni—kodwa ngaphantsi kweemeko zoxolo nobulungisa. (IZenzo 24:15; 2 Petros 3:13) Khawufan’ ucinge xa kuvuswa amaqela ngamaqela abantu ukuze badibane nezalamane zabo kwakhona.

UClaudete, owabhujelwa ngunyana wakhe kwingozi yenqwelo-moya, wabeka ifoto yakhe efrijini. Udla ngokukhangela kulo foto aze athi, “Sakudibana kwakhona, eluvukweni.” ULeonardo unombono kayise ebuyela ebomini kwakhona kwihlabathi elitsha likaThixo. Ewe ithemba lovuko yinto yokwenene lithuthuzela bona nenye inginginya yabantu eye yabhujelwa zizalamane zabo. Linokuba njalo nakuwe.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ukuba ufuna indlela yokunceda abantwana bahlangabezane nengxaki yokubhujelwa sisalamane, funda inqaku elinomxholo othi Ukunceda Umntwana Wakho Anyamezele Intlungu elikwiphepha 18-20 leli phephancwadi.

b Ukuba ufuna inkcazelo engakumbi ngethemba lovuko eliseBhayibhileni funda isahluko 7 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 7]

“UThixo Wentuthuzelo Yonke”

“Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke.”—2 Korinte 1:3.

Le ndinyana yeBhayibhile ibonisa ukuba uThixo unokunceda abakhonzi bakhe abathembekileyo banyamezele nayiphi ingxaki okanye ucelomngeni olunokubavelela. UYehova unokukuthuthuzela ngomhlobo okanye umzalwana wakho.

ULeonardo, owabhujelwa nguyise, ukhumbula isiganeko esamomelezayo saza samthuthuzela. Wafika ekhaya kukhal’ ibhungane yaye wenza isijwili. Waya epakini waze wahlala esitulweni, apho waqhubeka ekhala. Wathi esakhala njalo, wacela uThixo ukuba amncede. Akuzange kube kudala, kwegqi imoto, eyayiqhutywa ngumzalwana. Lo mzalwana wayehambisa impahla ethengwe ngabantu wajika kwindawo engafanelekanga. Wathuthuzeleka akubona loo mzalwana.

Ngesinye isihlandlo, omnye umhlolokazi wayeziva elilolo edandathekile. Wayesenza isimbonono kuba yonke into yayinganik’ ithemba. Wabongoza uThixo ecela uncedo. Wathi esathandaza njalo kwakhala ifowuni. Yayingumzukulwana wakhe lo wayemfowunela. Uthi: “Incoko yethu yandomeleza gqitha. Ndaqonda ukuba kwakuphendulwa umthandazo wam.”

[Ibhokisi ekwiphepha 9]

Ukuthuthuzela Abanye

“[UThixo] osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sikwazi ukuthuthuzela abo bakulo naluphi na uhlobo lwembandezelo ngayo intuthuzelo nathi ngokwethu esithuthuzelwa ngayo nguThixo.”—2 Korinte 1:4.

AmaKristu amaninzi aye azibonela intsingiselo yala mazwi. Ekubeni eye athuthuzelwa ukuze akwazi ukuhlangabezana nentlungu yokubhujelwa, aye afumanisa ukuba ayakwazi ukukhuthaza nokuthuthuzela abanye.

Cinga ngomzekelo kaClaudete, odla ngokutyelela abanye abantu ukuze abelane nabo ngeemfundiso zeBhayibhile. Ngaphambi kokuba abhujelwe ngunyana wakhe, wayetyelela ibhinqa elalibhujelwe ngunyana walo ngenxa yeleukemia. Eli bhinqa lalikunandipha ukutyelelwa, kodwa lalivakalelwa kukuba uClaudete akanakuze ayiqonde ngokupheleleyo intlungu yalo. Noko ke, emva kokubhubha konyana kaClaudete, eli bhinqa lamtyelela laze lathi lalize kuye ukuza kubona ukuba ingaba usabambelele kukholo lwakhe na ekubeni wayebhubhile ngoku unyana wakhe. Lichukunyiswe lukholo olomeleleyo lukaClaudete, ngoku liqhutyelwa isifundo seBhayibhile rhoqo nguClaudete yaye lithuthuzelwa liLizwi likaThixo.

Emva kokuba uLeonardo, ebhujelwe nguyise, wagqiba ekubeni afunde ulwimi lwezandla ukuze akwazi ukwabelana nabantu abangevayo ngesigidimi esithuthuzelayo seBhayibhile. Uye wafumanisa ukuba imigudu yakhe yokunceda abantu abangevayo iye yaza amaduna namathokazi. Uthi: “Enye yezinto eye yandinceda ndahlangabezana nale ntlungu ngumnqweno wam wokunceda abantu abangevayo bafunde ngoThixo. Ndiye ndachitha ixesha namandla amaninzi ukuze ndibancede. Intlungu endandikuyo yajika yaba luvuyo xa ndabona isifundo sam sokuqala seBhayibhile sibhaptizwa. Enyanisweni, sisihlandlo sokuqala ukuba ndizive ndonwabe kangaka ukususela oko kwabhubha utata.”—IZenzo 20:35.

[Umfanekiso okwiphepha 5]

Ukuphalaz’ imbilini yakho kunokuzisa isiqabu

[Umfanekiso okwiphepha 6]

Ukufunda ngethemba lovuko kunokukuthuthuzela

[Umfanekiso okwiphepha 6]

Ukubhala kunokuba luncedo xa uphalaza imbilini yakho

[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]

UYesu wabathembisa uvuko abo baqhelisela ukholo kuye

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share