IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w07 10/1 iphe. 21-25
  • Ukufeza Injongo KaThixo Namhlanje

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukufeza Injongo KaThixo Namhlanje
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukwenza Inkqubela Nokulungelelana
  • Funda Ukuba Nolungelelwano
  • Usukelo Lokufeza Injongo KaThixo
  • Usukelo Olubaluleke Ngokwenene Ebomini
  • Ukuphila Ubomi Obunenjongo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Lutsha—Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu?
    Lutsha Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu?
  • Ungabalibali Abo Bakwinkonzo Yexesha Elizeleyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • ‘Ukufuna UBukumkani Tanci’
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
w07 10/1 iphe. 21-25

Ukufeza Injongo KaThixo Namhlanje

“[UKristu] wafela bonke ukuze abo baphilayo bangabi saziphilela.”—2 KORINTE 5:15.

1. Chaza amava omnye umvangeli wasemazweni.

“INQWELO-MAFUTHA yethu yaba yeyokuqala engeyoyasemkhosini ukungena kuloo lali yaseAfrika emva kokugquba kwemfazwe yamakhaya apho. Unxibelelwano kunye nebandla elincinane lalapho lwalunqamkile, yaye sasimele sinyamekele iintswelo zabazalwana abalapho. Sasiphethe ukutya, uncwadi lweBhayibhile, kunye nevidiyo ethi Jehovah’s Witnesses—The Organization Behind the Name.a Kwathontelana abantu abaninzi abanomdla beze kubukela le vidiyo, kangangokuba kwafuneka siyibonise kabini. Kwaphuma izifundo zeBhayibhile ezininzi apho. Ngokuqinisekileyo, yonke imigudu yethu yaba nomvuzo,” watsho njalo omnye umvangeli wasemazweni ogama linguAaron.b

2. (a) Kutheni amaKristu ezimisele ukusebenzisela ubomi bawo enkonzweni kaThixo? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyihlolisisa?

2 Kutheni uAaron nabo wayekunye nabo bakhetha ukwenza umsebenzi onzima kangako? Ngenxa yoxabiso abanalo ngedini lentlawulelo likaYesu Kristu, baye banikela ubomi babo kuThixo yaye bafuna ukubusebenzisela ukufeza injongo yakhe. Ngokufanayo, onke amaKristu azinikeleyo azimisele ‘ukungabi saziphilela,’ kodwa ayazibhokoxa “ngenxa yeendaba ezilungileyo.” (2 Korinte 5:15; 1 Korinte 9:23) Ayazi ukuba ekuphelisweni kwale nkqubo yezinto, yonke imali nodumo umntu analo kweli hlabathi alusayi kunceda nganto. Ngoko afuna ukusebenzisela ubomi bawo ukufeza injongo kaThixo. (INtshumayeli 12:1) Sinokukwenza njani oku? Sinokuyifumana phi inkalipho namandla okwenjenjalo? Yaye ngawaphi amathuba enkonzo asivulekeleyo?

Ukwenza Inkqubela Nokulungelelana

3. Ngawaphi amanqanaba abandakanyekileyo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo?

3 AmaKristu okwenyaniso aphilela ukwenza ukuthanda kukaThixo ubomi bawo bonke. Ngokuqhelekileyo aqala kancinane ngokuthi abhalise kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, afunde iBhayibhile imihla ngemihla, abe nesabelo kumsebenzi wokushumayela, aqhubeke enze inkqubela ade abhaptizwe. Njengoko sisenza inkqubela, sikhumbula amazwi ompostile uPawulos athi: “Ziphonononge ezi zinto; wendele kuzo, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale ebantwini bonke.” (1 Timoti 4:15) Le nkqubela asiyenzeli ukuze sifumane udumo, kodwa ibonisa ukuzimisela kwethu ukwenza ukuthanda kukaThixo. Ikwabonisa nokuba sivumela uThixo asalathise kuzo zonke iinkalo zobomi, yaye ulwalathiso lwakhe lugqibelele.—INdumiso 32:8.

4. Sinokuwaphelisa njani amaxhala angeyomfuneko?

4 Noko ke, ukuzilazila nokuxhalaba ngokugqithiseleyo kusenokusithintela ekwenzeni inkqubela ekukhonzeni uThixo. (INtshumayeli 11:4) Ngoko ngaphambi kokuba sikunandiphe ukukhonza uThixo nabanye abantu, simele siqale soyise amaxhala esinawo. Ngokomzekelo, uErik wayecinga ngokuya kukhonza kwibandla elithetha olunye ulwimi. Kodwa wayexhalabile, ezibuza ukuba: ‘Ngaba liza kundilungela elo bandla? Ngaba ndiza kubathanda abazalwana abakulo? Ngaba bona baza kundithanda?’ Uthi: “Ekugqibeleni ndaqonda ukuba ndifanele ndizixhalabise ngakumbi ngabazalwana kunokuxhalabela isiqu sam. Ndagqiba kwelokuba ndiyeke ukuxhalaba ndize ndizinikele ngokupheleleyo ekwenzeni oko ndinokukwenza. Ndathandaza ndicela uncedo ndaza ndaqhubeka namalungiselelo am. Ngoku, ndiyinandipha gqitha inkonzo yam kwelo bandla.” (Roma 4:20) Ewe, ukuzibhokoxa ekukhonzeni uThixo nabanye abantu, kuya kusizisela uvuyo nolwaneliseko.

5. Kutheni sifanele silungelelane ukuze sifeze injongo kaThixo? Zekelisa.

5 Kwakhona, ukuze sifeze injongo kaThixo sifanele sibe ngabantu abalungeleleneyo. Simele sikulumkele ukwenza amatyala aya kusenza amakhoboka ale nkqubo aze anciphise inkululeko yethu yokukhonza uThixo. IBhayibhile isikhumbuza oku: “Obolekayo ngumkhonzi kumntu obolekisayo.” (IMizekeliso 22:7) Ukukholosa ngoYehova nokubeka izinto zokomoya kuqala kuya kusinceda ukuba silungelelane. Ngokomzekelo, uGuoming noodadewabo ababini bahlala nonina kwindawo enezindlu ezikwixabiso eliphezulu nekunzima kuyo ukufumana umsebenzi wempangelo. Ngenxa yokuba beyonga imali yaye bencedisana ekuhlawuleni iindleko, bayaphumelela nangona bengaphangeli bonke. Uthi uGuoming: “Maxa wambi, abanye bethu abafumani mvuzo. Sekunjalo, siyaqhubeka nenkonzo yobuvulindlela yaye siyakwazi nokunyamekela umama. Siyayivuyela into yokuba umama engasiyekisi kusukelo lwethu lokomoya ukuze simnyamekele ngezinto eziphathekayo.”—2 Korinte 12:14; Hebhere 13:5.

6. Nguwuphi umzekelo obonisa indlela esinokwenza ngayo ubomi bethu buvisisane nenjongo kaThixo?

6 Ukuba ungene zwabha kusukelo lweli hlabathi—enoba kukusukela imali okanye nantoni na enye—kuya kufuneka wenze uhlengahlengiso olukhulu ukuze ukwazi ukufeza injongo kaThixo. Olo hlengahlengiso alunakwenziwa ngemin’ enye, yaye xa kukho amagingxi-gingxi ekuqaleni musa ukukhawuleza unikezele. Khawucinge nje ngomzekelo kaKoichi, owayenengxaki yokuchitha ixesha elininzi ngokugqithiseleyo kwiziyolo. UKoichi wayeyifundile iBhayibhile ebutsheni bakhe, kodwa kangangeminyaka wayethanda kakhulu imidlalo yevidiyo. Ngenye imini uKoichi waziluleka esithi: ‘Yintoni le uyenzayo? Sowugqibe iminyaka engama-30 kodwa akukho nt’ ibhadlileyo uyenzayo ebomini!’ UKoichi waphinda waqalisa ukufunda iBhayibhile waza walwamkela noncedo lwebandla. Nangona engazange atshintshe ngoko nangoko, kodwa akazange anikezele. Ngenxa yokuthandaza kwakhe ngokuzingisileyo nangokuncedwa ngabanye, ekugqibeleni waboyisa ubuthathaka bakhe. (Luka 11:9) Ngoku uKoichi ukhonza njengesicaka solungiselelo.

Funda Ukuba Nolungelelwano

7. Kutheni simele silungelelane ekwenzeni umsebenzi kaThixo?

7 Ukufeza injongo kaThixo kufanele kube yinto yomphefumlo wethu uphela. Asimele sirhuq’ iinyawo okanye sonqene. (Hebhere 6:11, 12) Kwangaxeshanye, uYehova akafuni sizibhokoxe side sidinwe—emzimbeni, engqondweni, nangokweemvakalelo. Ukuyamkela into yokuba asinakuwenza ngamandla ethu umsebenzi kaThixo, kuyamzukisa yaye kukwabonisa ukuba silungelelene. (1 Petros 4:11) UYehova uyasinika amandla ayimfuneko ukuze senze ukuthanda kwakhe, kodwa asimele sizibhokoxe ngokugqithiseleyo, sizame ukwenza izinto angalindelanga ukuba sizenze. (2 Korinte 4:7) Ukuze singadinwa ekukhonzeni kwethu uThixo, simele siwasebenzise ngobulumko amandla ethu.

8. Yintoni eyenzekayo xa omnye umKristu oselula wazama ukuzibhokoxa ehlabathini nasenkonzweni kaYehova, yaye luluphi utshintsho awalwenzayo?

8 Makhe sihlolisise umzekelo womnye udade ogama linguJi Hye ohlala kuMbindi Asia. Kangangeminyaka emibini wayesenza umsebenzi omqoba amandla, kodwa kwangaxeshanye enguvulindlela. Uthi: “Ndandizama ukuzibhokoxa enkonzweni kaYehova nakumsebenzi wempangelo, kodwa ndandilala iiyure ezintlanu kuphela ngosuku. Ekugqibeleni, ingqondo yam yayingasakwazi ukuzikisa enyanisweni, yaye ndandingasazinandiphi izinto zokomoya.” Ukuze akwazi ukukhonza uYehova ‘ngentliziyo, umphefumlo, ingqondo, namandla akhe ephela,’ uJi Hye wafuna umsebenzi wengqesho ongaqobiyo. (Marko 12:30) Uthi: “Nangona intsapho yayizama ukundinyanzela ukuba ndifune umsebenzi onemali eninzi, ndazimisela ukubeka injongo kaThixo kuqala ebomini bam. Umvuzo endiwufumanayo wanele ukuba ndingathenga izinto eziyimfuneko, njengempahla efanelekileyo. Yaye akusemnandi nje ngako ukulala ngokwaneleyo! Ndiyabunandipha ubulungiseleli, yaye ngoku ndomelele ngokomoya. Oko kubangelwa kukuba andisaphazanyiswa zizinto ezinomtsalane zeli hlabathi.”—INtshumayeli 4:6; Mateyu 6:24, 28-30.

9. Imizamo yethu inokubachaphazela njani abantu entsimini?

9 Asinguye wonk’ ubani onako ukungenela inkonzo yexesha elizeleyo. Ukuba waluphele, ukhathazwa yimpilo, okanye unezinye iingxaki, khumbula ukuba uYehova ukuxabisa gqitha ukuthembeka kwakho nokumkhonza kwakho ngentliziyo iphela ngokwamandla akho. (Luka 21:2, 3) Sisonke nje, asimele siyithathe lula indlela imizamo yethu enokubachaphazela ngayo abanye, enoba mincinane kangakanani na. Ngokomzekelo, kusenokungabikho mntu unomdla kwisigidimi sethu xa sishumayela. Kodwa emva kweeyure okanye iintsuku eziliqela, abaninimzi basenokuthetha ngokutyelela kwethu, kuquka abo bangakhange basamkele! Asilindelanga ukuba wonk’ ubani azamkele iindaba ezilungileyo, kodwa abanye bayazamkela. (Mateyu 13:19-23) Abanye basenokuzamkela kamva xa kutshintsha iimeko zehlabathi okanye ubomi babo. Kodwa okona kubalulekileyo kukuba, ngokuzibhokoxa kwethu ekushumayeleni, senza umsebenzi kaThixo. “Singabasebenzi abangamadlelane kaThixo.”—1 Korinte 3:9.

10. Ngawaphi amathuba abanawo bonke abasebandleni?

10 Ukongezelela, sonke sinako ukuwanceda amalungu eentsapho zethu nabazalwana noodadewethu bokomoya. (Galati 6:10) Sinokuba nempembelelo entle kwabanye kangangethuba elide. (INtshumayeli 11:1, 6) Xa abadala nezicaka zolungiselelo bezenza ngenkuthalo izabelo zabo, ibandla liyomelela ngokomoya lize lizibhokoxe kwimisebenzi yobuKristu. Siqinisekiswa ukuba xa ‘sinokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi, ukusebenza kwethu akulolize.’—1 Korinte 15:58.

Usukelo Lokufeza Injongo KaThixo

11. Ngawaphi amathuba asenokuvuleka, ngaphandle kokusebenza nebandla lasekuhlaleni?

11 NjengamaKristu siyabunandipha ubomi, yaye sinqwenela ukuzukisa uThixo kwinto yonke esiyenzayo. (1 Korinte 10:31) Xa sizibhokoxa ngokuthembekileyo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani nasekufundiseni abanye ukuba bazigcine izinto awaziyalelayo uYesu, siya kuvulekelwa ngamathuba amaninzi avuyisayo enkonzo. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Ngaphandle kokusebenza nebandla lasekuhlaleni, kukho amathuba okukhonza apho kukho imfuneko enkulu khona, enoba kukwintsimi, ulwimi, okanye ilizwe elahlukileyo. Abadala nezicaka zolungiselelo ezifanelekayo nezingatshatanga zisenokumenywa ukuba ziye kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli, zize emva koko zikhonze kumabandla afuna uncedo lwamaKristu aqolileyo, enoba ngawasekuhlaleni okanye kweminye imimandla. Abatshatileyo abakubulungiseleli bexesha elizeleyo basenokukufanelekela ukuqeqeshwa eGiliyadi njengabavangeli basemazweni baze bakhonze kwamanye amazwe. Yaye kusoloko kufuneka amatsha-ntliziyo okusebenza eBheteli nawokwakha nokulungisa izakhiwo zonqulo neeofisi zamasebe.

12, 13. (a) Unokugqiba njani enoba ngawaphi amathuba enkonzo omele uwaxhakamfule? (b) Chaza umzekelo obonisa indlela amava azuzwe kwisabelo esithile anokuba luncedo ngayo nakwezinye izabelo?

12 Ngawaphi amathuba enkonzo ofanele uwaxhakamfule? Njengomkhonzi ozahluleleyo kaYehova, ngalo lonke ixesha landela ulwalathiso lwakhe nolwentlangano yakhe. ‘Umoya wakhe olungileyo’ uya kukunceda wenze isigqibo esichanileyo. (Nehemiya 9:20) Esinye isabelo sidla ngokukhokelela kwesinye, yaye uqeqesho nobuchule obufumene kwisabelo esithile senkonzo bunokuba luncedo nakwesinye isabelo kwixesha elizayo.

13 Ngokomzekelo, uDennis noJenny umkakhe, bancedisa rhoqo ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani. Emva kokuhlaselwa kwemimandla esemazantsi kweUnited States yiNkanyamba uKatrina, bafak’ isandla ekuncedeni abo babedilikelwe ngamakhaya abo. UDennis uthi: “Kusivuyise gqitha ukusebenzisa ubuchule esasibufunde ekwakheni kwethu iiHolo zoBukumkani ukuze sincede abazalwana. Kusichukumise ngokwenene ukubona indlela abaluxabise ngayo uncedo lwethu. Inkoliso yamanye amaqela akha izindlu ezidilizwe yiloo nkanyamba ayibanga nampumelelo kangako. Kodwa wona amaNgqina kaYehova sele elungise aza akha amakhaya angaphezu kwama-5 300 kwakunye neeHolo zoBukumkani eziliqela. Abantu abaninzi baye bakuphawula oku yaye ngoku banomdla ongakumbi kwisigidimi sethu.”

14. Yintoni onokuyenza ukuba ulangazelela ukungenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo?

14 Ngaba unokufeza injongo kaThixo ngokuthi uzibekele usukelo lokungenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo? Ukuba wenjenjalo, ngokuqinisekileyo uya kufumana iintsikelelo ezininzi. Ukuba iimeko zakho azikuvumeli, mhlawumbi usenokuzitshintsha ngandlel’ ithile. Thandaza njengoNehemiya xa wayelangazelela ukufeza isabelo esibalulekileyo. Wathi: “Awu, Yehova, nceda, . . . mnike impumelelo umkhonzi wakho.” (Nehemiya 1:11) Thembela ‘kuMphulaphuli wemithandazo,’ uze wenze ngokuvisisana nomthandazo wakho. (INdumiso 65:2) Ukuze uYehova ayisikelele imigudu yakho yokumkhonza ixesha elizeleyo, umele uqale uyenze loo migudu. Wakuba wenze isigqibo sokungenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo, namathela kwisigqibo sakho. Ekuhambeni kwexesha, amava nobuchule bakho buya kwanda, ngokunjalo novuyo lwakho.

Usukelo Olubaluleke Ngokwenene Ebomini

15. (a) Sinokungenelwa njani ngokuthetha nokufunda ngabo bebekhonza uThixo kangangethuba elide? (b) Chaza ibali lobomi eliye lakukhuthaza ngokukhethekileyo.

15 Ukuzimisela ukufeza injongo kaThixo kunokuba nayiphi imiphumo? Thetha nabo bebekhonza uYehova kangangethuba elide, ingakumbi abo bachithe iminyaka emininzi kubulungiseleli bexesha elizeleyo. Ezinjani zona iintsikelelo abaye bazifumana ebomini! (IMizekeliso 10:22) Baya kukuchazela ukuba uYehova akazange ayeke ukubanyamekela kwanakwiimeko ezinzima. (Filipi 4:11-13) Ukususela ngowe-1955 ukusa kowe-1961 IMboniselo yesiNgesi yapapasha uludwe lwamabali obomi babakhonzi abathembekileyo, ngaphantsi komxholo othi “Pursuing My Purpose in Life [Ukusukela Injongo Yam Ebomini].” Ukususela ngoko, kuye kwapapashwa amakhulukhulu amabali obomi. Ngalinye kula mabali obomi livuselela inzondelelo novuyo lwethu ukuba lufane nolo luchazwe kwincwadi yeBhayibhile yeZenzo. Ukufunda la mabali achukumisayo kuya kusishukumisela ekubeni sithi, ‘Yindlela le nam endifuna ukuphila ngayo!’

16. Yintoni eyenza ubomi bomKristu bube nenjongo yaye buyolise?

16 UAaron okhankanywe ekuqaleni, uthi: “EAfrika ndandidla ngokudibana nabantu abaselula ababetyhutyha amazwe alapho befuna ubomi obunenjongo. Inkoliso yabo ayizange ibufumane. Kodwa thina sazibekela usukelo lokufeza injongo kaThixo ngokuthi sishumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani, yaye siye sanandipha ubomi obunenjongo. Sizibonele ngokwethu ukuba ukupha kunoyolo ngakumbi kunokwamkela.”—IZenzo 20:35.

17. Kutheni simele sibe nosukelo lokufeza injongo kaThixo ngoku?

17 Kuthekani ngawe? Luyintoni usukelo lwakho ebomini? Ukuba akunalo usukelo olungqalileyo lokomoya, ixesha namandla akho aya kugqitywa zezinye izinto ezingabalulekanga. Kutheni uchitha ubomi bakho obuxabisekileyo kwizinto ezingabalulekanga zale nkqubo yehlabathi likaSathana? Ekufikeni ‘kwembandezelo enkulu’ kungekudala, ubutyebi nezikhundla zeli hlabathi ziya kuphelelwa lixesha. Into ebalulekileyo iya kuba lulwalamano lwethu noYehova. Hayi indlela esiya kuvuya ngayo kuba siye sakhonza uThixo kunye nabanye abantu, saza sazimisela ngokupheleleyo ukufeza injongo yakhe ebomini bethu!—Mateyu 24:21; ISityhilelo 7:14, 15.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

b Amanye amagama atshintshiwe.

Ungachaza Na?

• Uvakalelwa njani uYehova ngokumkhonza kwethu?

• Ukulungelelana kunokusinceda njani ukuba sikhonze uThixo kunye nabanye abantu?

• Ngawaphi amathuba enkonzo asivulekeleyo?

• Sinokubuphila njani ubomi obunenjongo ngokwenene?

[Imifanekiso ekwiphepha 23]

Kufuneka ulungelelwano ukuze sikwazi ukukhonza uYehova ngomphefumlo uphela

[Imifanekiso ekwiphepha 24]

Sinokuyinikela ngeendlela ezahlukahlukeneyo inkonzo engcwele

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share