IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 2/1 iphe. 4-5
  • Savela Phi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Savela Phi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Oko Kuthethwa YiBhayibhile
  • Impendulo YeBhayibhile Izisa Uxolo Lwengqondo
  • Ngaba Indaleko Iyavisisana NeBhayibhile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Sifanele Simdumise UMdali
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha”
    “Uyabona! Izinto Zonke Ndizenza Ntsha”
  • Ngaba UThixo Wasebenzisa Indaleko Ukudala Ubomi?
    Vukani!—2006
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 2/1 iphe. 4-5

Savela Phi?

KUTHENI KUBALULEKILE UKUFUMANA IMPENDULO YALO MBUZO? Abantu abaninzi bafundiswe ukuba sazivelela. Bafundiswe ukuba abantu abaneemvakalelo, ingqondo nabakwaziyo ukucinga ngentsingiselo yobomi, bavela kwindaleko.

Kodwa khawucinge ngoku: Ukuba ngokwenene savela kwindaleko yaye akukho Mdali, loo nto ithetha ukuba abantu baziinkedama. Oko bekuya kuthetha ukuba abanawo umthombo wobulumko—wokubanceda bakwazi ukusombulula iingxaki. Bekuya kufuneka sithembele kubulumko babantu ukuze siphephe iintlekele, sicombulule iingxaki zopolitiko nezobuqu.

Ngaba oko kukwenza ube noxolo lwengqondo? Ukuba akunalo, cinga ngenye indlela yokufumana ubulumko obuvela kowona mthombo uphakamileyo. Le ndlela ayibangeli mdla kuphela kodwa isengqiqweni.

Oko Kuthethwa YiBhayibhile

IBhayibhile ifundisa ukuba abantu badalwa nguThixo. Asizange sivele kwindaleko. Kunoko, sinoTata osithandayo nokrelekrele. Phawula oku kuthethwa yiBhayibhile.

Genesis 1:27. “UThixo wamdala umntu ngokomfanekiso wakhe, wamdala ngokomfanekiso kaThixo; wadala indoda nebhinqa.”

INdumiso 139:14. “Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo. Imisebenzi yakho iyamangalisa, njengoko umphefumlo wam uqonda kakuhle.”

Mateyu 19:4-6. “Anizange nifunde na ukuba lowo wabadalayo ukususela ekuqaleni wabenza baba yindoda nebhinqa waza wathi, ‘Ngenxa yesi sizathu indoda iya kumshiya uyise nonina ize inamathele emfazini wayo, baze abo babini babe nyama-nye’? Ngako oko abasebabini, kodwa banyama-nye. Ngoko ke, oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu.”

IZenzo 17:24, 25. “UThixo owenza ihlabathi nazo zonke izinto ezikulo, ekubeni Yena, eyiNkosi yezulu nomhlaba, akahlali zitempileni zenziwe ngazandla, enganyanyekelwa nazizandla zabantu ngokungathi ebeswele nantoni na, ngenxa yokuba yena ubanika bonke abantu ubomi nempefumlo nezinto zonke.”

ISityhilelo 4:11. “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.”

Impendulo YeBhayibhile Izisa Uxolo Lwengqondo

Ukwazi ukuba ‘yonke intsapho esemhlabeni’ ibizwa ngoThixo kuyayijika indlela esibajonga ngayo abanye. (Efese 3:15) Olo lwazi lukwachaphazela indlela esizijonga ngayo nendlela esihlangabezana ngayo neengxaki zethu. Oko kuya kusinceda kwezi meko zilandelayo.

Xa kufuneka senze izigqibo ezinzima, asiyi kukhathazeka ngokugqithisileyo ngeembono zabantu ezingqubanayo. Kunoko, siya kuthembela kwisiluleko seBhayibhile. Ngoba? Kuba “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.”—2 Timoti 3:16, 17.

Liyinyaniso elokuba, ukusebenzisa isiluleko seBhayibhile kufuna umgudu nokuzeyisa. Maxa wambi icebiso layo lisenokufuna senze izinto esingathandiyo ukuzenza. (Genesis 8:21) Kodwa ke, xa sivuma ukuba sadalwa nguBawo osemazulwini osithandayo, kusengqiqweni ukugqiba kwelokuba uyayazi eyona ndlela sifanele siphile ngayo. (Isaya 55:9) Ngoko ke, iLizwi lakhe liyasiqinisekisa: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” (IMizekeliso 3:5, 6) Xa sisebenzisa eso siluleko, asisayi kuba naxhala kangako xa sijamelene neengxaki kwanaxa kufuneka senze izigqibo.

Xa sicalucalulwa, asiyi kuzeya sicinge ukuba abantu bolunye uhlanga babalulekile kunathi. Kunoko, siya kuzigqala njengabantu abaxabisekileyo. Ngoba? Ngenxa yokuba uBawo wethu, uYehova uThixo, “akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:34, 35.

Ukwazi oko kuya kusithintela ukuba singavumeli ikhethe lichaphazele indlela esibajonga ngayo abanye. Siya kuqonda ukuba akukho sizathu sokuzibona sibhetele kunabanye abantu bolunye uhlanga, kuba uThixo “wazenza ngokuphuma kumntu omnye zonke iintlanga zabantu, ukuba zihlale phezu komhlaba uphela.”—IZenzo 17:26.

Ngokuqinisekileyo, ukwazi ukuba sadalwa yaye uMdali wethu usikhathalele kusenza sibe noxolo lwengqondo. Kodwa kuninzi okufunekayo ukuze sihlale sinolo xolo.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]

Ngaba abantu bavela kwindaleko?

[Umfanekiso okwiphepha 5]

Ukwazi ukuba sadalwa yaye uMdali wethu usikhathalele kusenza sibe noxolo lwengqondo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share