IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 2/1 iphe. 6-7
  • Yintoni Injongo Yobomi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni Injongo Yobomi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Oko Kuthethwa YiBhayibhile
  • Impendulo YeBhayibhile Izisa Uxolo Lwengqondo
  • Injongo Yokwenene Yobomi
    Vukani!—1992
  • UThixo Ufuna Siphile Ubomi Obunjani?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ukuphila Ubomi Obunenjongo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Umbuzo 1: Ngaba Ubomi Bam Bunayo Injongo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 2/1 iphe. 6-7

Yintoni Injongo Yobomi?

KUTHENI KUBALULEKILE UKUFUMANA IMPENDULO YALO MBUZO? Enye yezinto ezidandathekisayo kukucinga ukuba ubomi abunanjongo. Kwelinye icala, umntu oyazi kakuhle injongo yobomi uyakwazi ukunyamezela. UViktor E. Frankl, osisazi ngemithambo-luvo, nowasindayo xa kwakuBulawa Abantu Ngenkohlakalo wabhala: “Ndingathi, ayikho into ehlabathini enokunceda ubani aphumelele nakwezona meko zinzima, njengokwazi ukuba ubomi bunayo injongo.”

Noko ke, abantu baneembono ezininzi nezahlukahlukeneyo ngalo mba. Abaninzi bavakalelwa kukuba injongo yobomi ixhomekeke kumntu ngamnye. Kodwa ngokwahlukileyo, abo bakholelwa kwindaleko bafundisa ukuba ubomi abunantsingiselo.

Noko ke, eyona ndlela yokwazi injongo yobomi kukuphulaphula oko kuthethwa nguMniki-bomi, uYehova uThixo. Cinga ngoko kuthethwa liLizwi lakhe ngalo mbandela.

Oko Kuthethwa YiBhayibhile

IBhayibhile ifundisa ukuba uYehova uThixo wayenjongo xa wadala indoda nebhinqa. UYehova wabanika lo myalelo abazali bethu bokuqala.

Genesis 1:28. “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise, nibe nobukhosi kwiintlanzi zolwandle nakwizidalwa eziphaphazelayo emazulwini nakuzo zonke izidalwa eziphilayo ezinambuzelayo emhlabeni.”

Kwakuyinjongo kaThixo ukuba uAdam noEva nabantwana babo benze umhlaba wonke ube yiparadesi. Wayengenanjongo yokuba abantu baluphale baze bafe; yaye wayengafuni ukuba bonakalise umhlaba. Noko ke, ngenxa yokhetho olwenziwa ngabazali bethu bokuqala, sinesono yaye siyafa. (Genesis 3:2-6; Roma 5:12) Sekunjalo, injongo kaYehova ayikatshintshi. Kungekudala umhlaba uza kuba yiparadesi.—Isaya 55:10, 11.

UYehova wasidala ngendlela yokuba sikwazi ukuphumeza injongo yakhe. Wayengasidalelanga ukuba sizimele. Phawula indlela injongo kaThixo echazwa ngayo kwezi ndinyana zeBhayibhile zilandelayo.

INtshumayeli 12:13. “Ukuqosheliswa kombandela, emva kokuba yonk’ into iviwe, naku: Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu.”

Mika 6:8. “Yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?”

Mateyu 22:37-39. “‘Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.’ Lo ngowona myalelo mkhulu nowokuqala. Owesibini, njengawo, ngulo, ‘Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.’”

Impendulo YeBhayibhile Izisa Uxolo Lwengqondo

Ukuze umatshini ontsonkothileyo usebenze kakuhle umele usetyenziselwe injongo yawo. Ngokufanayo, ukuze siphephe ukuzenzakalisa—ngokomoya, engqondweni, ngokwemvakalelo okanye emzimbeni—sifanele siphile ngendlela uMdali wethu awayefuna siphile ngayo. Phawula indlela ukwazi injongo kaThixo okunokusinceda ngayo kwezi nkalo zilandelayo.

Xa becinga ngezinto eziza kuqala ebomini, abaninzi namhlanje bachitha ixesha elininzi beqokelela ubutyebi. Noko ke, iBhayibhile iyalumkisa: “Abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo.”—1 Timoti 6:9, 10.

Noko ke, abo bathanda uThixo kunemali bafumana ulwaneliseko. (1 Timoti 6:7, 8) Bayaqonda ukuba kubalulekile ukuzibhokoxa emsebenzini ukuze baziphilise. (Efese 4:28) Kodwa basithabatha ngokunzulu isilumkiso sikaYesu esithi: “Akukho bani unokukhonza iinkosi ezimbini; kuba usenokuyithiya enye aze ayithande enye, okanye anamathele kwenye aze ayidele enye. Aninakukhonza uThixo nobuTyebi.”—Mateyu 6:24.

Ngoko ke, eyona nto ibalulekileyo kwabo bathanda uThixo kukwenza ukuthanda kwakhe, kunokubeka umsebenzi wempangelo nokufuna izinto eziphathekayo kwindawo yokuqala. Bayazi ukuba xa bexakeke kukwenza ukuthanda kukaThixo, uYehova uya kubanyamekela. Eneneni, uYehova ukugqala njengembopheleleko yakhe oko.—Mateyu 6:25-33.

Xa besebenzisana nabanye, abantu abaninzi bazibeka kwindawo yokuqala. Into ebangela ukuba lungabikho kangaka uxolo emhlabeni namhlanje kukuba abantu abaninzi ‘bayazithanda yaye abanawo umsa wemvelo.’ (2 Timoti 3:2, 3) Xa bedaniswe ngomnye umntu okanye bengavumelani naye, baba ‘nomsindo nengqumbo bamemeze yaye batshabhise.’ (Efese 4:31) Kunokuba babangele uxolo lwengqondo, ngenxa yokungakwazi ukuzeyisa ‘baxhokonxa usukuzwano.’—IMizekeliso 15:18.

Ngokwahlukileyo koko, abo bathobela umthetho kaThixo wokuthanda ummelwane njengoko bezithanda ‘banobubele omnye komnye, banemfesane, yaye baxolelana ngesisa.’ (Efese 4:32; Kolose 3:13) Nokuba abanye babaphatha kakubi, bazama ukuxelisa uYesu, kuba xa wayetshabhiswa, “akazange aphindise atshabhise.” (1 Petros 2:23) NjengoYesu, bayaqonda ukuba ukukhonza abanye kuquka abo bangenambulelo, kubangela ulwaneliseko. (Mateyu 20:25-28; Yohane 13:14, 15; IZenzo 20:35) UYehova uThixo ubanika umoya wakhe abo balinganisa uNyana wakhe yaye loo moya ubangela ukuba babe seluxolweni.—Galati 5:22.

Noko ke, oko ukucingayo ngekamva kunokuluchaphazela njani uxolo lwakho lwengqondo?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]

Umntu kufuneka ayazi kakuhle injongo yobomi

[Umfanekiso okwiphepha 7]

UYesu usifundisa indlela yokufumana uxolo lwengqondo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share