Ukufuna Inyaniso Ngezulu
KUNQWENELEKA ngokwenene ukuya ezulwini. AmaSilamsi, amaHindu, amaBhuda, iimvaba ngeemvaba zeecawa zeNgqobhoko, nkqu nabantu abaninzi abangakholwayo banethemba lokuqhubeka bephila emva kokufa. Abantu badla ngokucinga ukuba izulu yindawo entle nekumnandi ukuphila kuyo, apho abantu bengasahlupheki yaye bephinda badibane “nezalamane zabo ezingasekhoyo.” Kodwa ke, le ntetho yakudala ithi: “Bonke abantu” bafuna ukuya ezulwini, kodwa akakho umntu ofuna ukufa,” iyinyaniso kubantu abaninzi. Ibangelwa yintoni loo nto?
Ukuba sasenzelwe ukuba sife size siye ezulwini, ngaba abantu abaninzi bebengayi kukulangazelela ukuya kulo, kanye njengokuba nomntwana ekulangazelela ukukhula abe ngumntu omdala okanye njengokuba umntu omtsha ekhangela phambili emtshatweni? Kodwa ke inkoliso yabantu ayikufuni ukufa.
Nakuba kunjalo, abashumayeli bathi siziindwendwe kulo mhlaba, ikhaya lethu lisezulwini. Ngokomzekelo, ubhishophu omkhulu waseWashington, D.C., uKhadinali uTheodore Edgar McCarrick, wakha wathi: “Sasingadalelwanga ukuphila obu bomi. Sasenzelwe ukuphila ezulwini.” Nomongameli weU.S. National Association of Evangelicals, uTed Haggard wakha wathi: “Injongo yobomi kukuzukisa uThixo uze uye ezulwini . . . kuba izulu likhaya lethu.”
Abo bakholelwa ukuba abantu baya ezulwini badla ngokuyisekela kulwazi oluncinane inkolelo yabo. UGeorge Barna, umongameli wenkampani ephanda ngeembono zonqulo wafumanisa ukuba abantu abaninzi bamkela “iimbono zobu bomi nobo basemva kokufa ezisekelwe kwimithombo eyahlukahlukeneyo njengeefilimu, umculo neencwadi.” Omnye umfundisi waseFlorida wakha wathi: “Akukho nto siyaziyo ngezulu ngaphandle kokuba ezulwini kulapho ahlala khona uThixo.”
Kodwa ke, izulu libalulekile yaye kuyathethwa ngalo eBhayibhileni. ILizwi likaThixo lithi linjani izulu? Ngaba umntu wayedalelwe ukuphila ezulwini? Ukuba abantu baya ezulwini, bayo kwenza ntoni apho?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 3]
Kutheni abantu abaninzi befuna ukuya ezulwini kodwa bembalwa abafuna ukufa ukuze baye khona?