Kunjani Ezulwini?
ABANYE abantu bacinga ukuba asinako ukwazi ukuba kunjani ezulwini ekubeni engekho umntu ovela khona. Mhlawumbi balibele ukuba uYesu wakha wathi: “Ndihle emazulwini.” (Yohane 6:38, iBhayibhile yesiXhosa) Kwakhona, wathi kwezinye iinkokeli zonqulo: “Nina nivela kummandla ongezantsi; mna ndivela kummandla ongaphezulu.” (Yohane 8:23) Wathini uYesu ngezulu?
UYesu wathi uYehova uhlala ezulwini. Wabiza uThixo ngokuba ‘nguBawo osezulwini.’ (Mateyu 12:50) Kodwa uYesu wasebenzisa igama elithi “izulu” ukubhekisela kwizinto eziliqela. Ngokomzekelo, wabhekisela kwisibhakabhaka ‘njengezulu’ xa wathi: “Qwalaselani ngenyameko iintaka zezulu.” (Mateyu 6:26) Kodwa ke, uYehova uhlala ngaphaya kwesibhakabhaka. IBhayibhile ithi: “Kukho Lowo uhlala phezu kwesazinge somhlaba.”—Isaya 40:22.
Ngaba “uBawo osezulwini” uhlala ezinkwenkwezini? Nesibhakabhaka kuthiwa “lizulu” kwiZibhalo eZingcwele. Ngokomzekelo, omnye umdumisi wabhala wathi: “Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozilungiseleleyo, uyintoni na umntu ofayo le nto umkhumbulayo, nonyana womntu wasemhlabeni le nto umnyamekelayo?”—INdumiso 8:3, 4.
UYehova akahlali kumazulu abonakalayo awawadalayo, kaloku nomchweli akahlali kwiikhabhathi azenzileyo. Ngenxa yoko, xa wayenikezela itempile yaseYerusalem kuYehova, uKumkani uSolomon wathi: “Kodwa ngaba ngokwenene uThixo uya kuhlala emhlabeni? Khangela! Amazulu, ewe, izulu lawo amazulu, alikulingene; kobeka phi, ke, kule ndlu ndiyakhileyo!” (1 Kumkani 8:27) Ukuba uYehova akahlali kumazulu abonakalayo, ngawaphi la mazulu kuthiwa uhlala kuwo?
Nangona abantu beye bapopola isibhakabhaka baza baya nasemajukujukwini, la mazwi eBhayibhile aya kuhlala eyinyaniso: “Akukho mntu umbonileyo uThixo nangaliphi na ixesha.” (Yohane 1:18) UYesu wachaza isizathu, esithi: “UThixo unguMoya.”—Yohane 4:24.
Umoya luhlobo lobomi obungaphezu kobomntu. Umntu womoya akenziwanga ngezinto ezibonakalayo njengenyama negazi. Ngoko ke, xa uYesu wayesithi wayehlala noYise “ezulwini,” wayethetha ukuba wayephila ubomi obuzuke ngakumbi kunobabantu. (Yohane 17:5; Filipi 3:20, 21) EBhayibhileni ubizwa ngokuba “lizulu” ummandla wokomoya awayehlala kuwo noYise uYesu. Kunjani ezulwini? Kwenziwa ntoni apho?
Indawo Ekusetyenzwa Kuyo Konwatyiwe
IBhayibhile ithi kuyasetyenzwa ezulwini. Ithi kukho amakhulu ezigidi zezidalwa zomoya ezihlala apho. (Daniyeli 7:9, 10) Sidalwa ngasinye kwezi, sinobuntu baso obahlukileyo. Sazi njani? Kuyo yonke indalo kaThixo ebonakalayo azikho izinto ezimbini ezifana twatse, ngoko sinokuqiniseka ukuba nasezulwini kunjalo. Umnqa ke kukuba zonke ezi zidalwa zasezulwini zitsala ngaxhathalinye, nto leyo eyahluke ngokupheleleyo kwindlela ezenziwa ngayo izinto emhlabeni apho abantu beziintlaba zahlukane.
Khawuve ukuba iBhayibhile iwuchaza njani umsebenzi wasezulwini. “Mbongeni uYehova, nina zingelosi zakhe, zomeleleyo ngamandla, zenza ilizwi lakhe, Ngokuphulaphula isandi selizwi lakhe. Mbongeni uYehova, nonke nina mikhosi yakhe, Niba balungiseleli bakhe, abenza ukuthanda kwakhe.” (INdumiso 103:20, 21) Ngoko ke kuyasetyenzwa ezulwini, yaye siqinisekile ukuba ngumsebenzi omnandi lowo.
Iingelosi bezikhonza uThixo ngolonwabo kwakude kudala ngaphambi kokuba kudalwe umhlaba. IZibhalo zithi xa uYehova wadala umhlaba, oonyana bakaThixo ‘bamemelela kunye ngovuyo,’ yaye “bakhwaza bencoma.” (Yobhi 38:4, 7) Omnye waba nyana bakaThixo waba nenyhweba yokusebenza noThixo ukuze kudalwe zonke ezinye izinto. (Kolose 1:15-17) Ukuva ukuba ezulwini kusetyenzwa konwatyiwe kunokukwenza uzibuze umbuzo ngezulu nangabantu.
Ngaba Abantu Babedalelwe Ukuya Kuphila Ezulwini?
Ekubeni iingelosi zazikhonza uThixo ezulwini ngaphambi kokudalwa komhlaba, kuyacaca ukuba indoda nomfazi bokuqala babengadalelwanga ukuphila ezulwini. Kunoko, uThixo wathi kubo: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba.” (Genesis 1:28; IZenzo 17:26) UAdam wayengumntu wokuqala ukudalelwa ukuphila emhlabeni, emazi uThixo yaye ekwazi nokumkhonza. Wayeza kuzala abantu ababeza kuphila emhlabeni. “Wona ke amazulu, ngamazulu kaYehova, Kodwa umhlaba uwunike oonyana babantu.”—INdumiso 115:16.
Abantu abakuthandi ukufa ibe babengadalelwanga kufa. UThixo waxelela uAdam ukuba ukufa kwakuza kuba sisohlwayo sokungathobeli kuphela. UAdam wayengayi kufa ukuba wayethobele.—Genesis 2:17; Roma 5:12.
Akothusi ke ngoko ukuba uThixo engazange athethe noAdam ngokuya ezulwini. Umhlaba wawungazi kuba yindawo yokuvavanya ukuba abantu bakulungele ukuphila ezulwini kusini na. Umntu wayedalelwe ukuphila emhlabeni ngonaphakade yaye loo njongo kaThixo iseza kuzaliseka. IBhayibhile ithembisa ukuba “amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) Kucace mhlophe ke ngoko ukuba abantu babengadalelwanga ukuba baye ezulwini. Ukuba kunjalo, kwakutheni ukuze uYesu athembise abapostile bakhe ngokuya ezulwini? Ngaba wayethetha ukuba bonke abantu abalungileyo baya ezulwini?