Imibuzo Yabafundi . . .
AmaNgqina KaYehova Akujonga Njani Ukunqula Ndawonye Nezinye Iinkonzo?
▪ IWorld Christian Encyclopedia ithi kukho “iicawa ezahlukahlukeneyo ezili-10 000 ehlabathini.” Ngenxa yokuxabana kwezi cawa okuye kwenzakalisa abantu abaninzi, amakholwa angakuvuyela ukumanyaniswa kwemvaba ngeemvaba. Akholelwa ukuba loo nto inokuzisa uxolo nomanyano kweli hlabathi lizintlaba zahlukane.
NeBhayibhile iyalukhuthaza umanyano. Umpostile uPawulos wafanisa ibandla lamaKristu nomzimba womntu esithi ilungu ngalinye ‘limanyaniswe ndawonye namanye ngemvisiswano ukuze asebenzisane.’ (Efese 4:16) Nompostile uPetros wabongoza amakholwa awayekhonza nawo esithi: “Cingani nto-nye nonke.”—1 Petros 3:8.
AmaKristu enkulungwane yokuqala ayephila nabantu beenkcubeko neenkonzo ezahlukahlukeneyo. Sekunjalo, ngokuphathelele ukudibana kweenkonzo ezahlukahlukeneyo uPawulos wabuza lo mbuzo: “Unakwahlulelana kuni na umntu okholwayo nongakholwayo?” Emva koko wathi kumaKristu: “Phumani phakathi kwabo.” (2 Korinte 6:15, 17) Kuyacaca ke ngoko ukuba uPawulos wayekugxeka ukudibana kweenkonzo. Kwakutheni ukuze akugxeke?
Lo mpostile wachaza ukuba ukunqula ndawonye komntu ongumKristu nongenguye kwakungayi kufaneleka. (2 Korinte 6:14) Kwakuza kulwenzakalisa ukholo lomKristu. UPawulos wayexhalabe oku kotata owaziyo ukuba abantwana abathile basekuhlaleni abalunganga. Ubawo onjalo uye angabavumeli abantwana bakhe ukuba badlale nabo bantwana. Abanye basenokungayithandi imida ayimisela umntwana wakhe. Noko ke loo mida iza kumkhusela umntwana wakhe kwabo bantwana basileyo. NoPawulos wayesazi ukuba amaKristu ayeza kukhuseleka xa ezahlula kwezinye iinkonzo.
Xa wayethetha loo nto uPawulos wayexelisa uYesu. UYesu akazange anqule nabantu awayengakhonzi kunye nabo nangona wayengumzekelo obalaseleyo wokukhuthaza uxolo phakathi kwabantu. Kwakukho iinkonzo eziliqela xa uYesu wayeshumayela emhlabeni, njengabaFarisi nabaSadusi. Phofu ezi nkonzo zada zancedisana ekuqulunqeni iyelenqe lokumbulala. Kwelinye icala uYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba “baphaphele. . .imfundiso yabaFarisi nabaSadusi.”—Mateyu 16:12.
Kuthekani namhlanje? Ngaba isilumkiso seBhayibhile sokunganquli nezinye iinkonzo sisasebenza? Ewe kunjalo. Le nto ibangelwa kukuba iinkonzo ezahlukeneyo azinako ukumanyana ngokuthi zinqule kunye kanye njengokuba amanzi neoli zingenakudibana ngenxa nje yokuba uzifake embizeni enye. Ngokomzekelo, xa abantu beenkonzo ezahlukeneyo bedibana ukuze bathandazele uxolo, bathandaza kuwuphi uthixo? Ngaba bathandaza kuThixo weNgqobhoko oneziqu ezithathu? Okanye kuBrahma wamaHindu? Okanye kuBhuda? Okanye komnye uthixo?
Umprofeti uMika waprofeta ukuba “ekupheleni kwemihla” abantu beentlanga zonke baya kuthi: “Yizani, masinyuke siye entabeni kaYehova nasendlwini kaThixo kaYakobi; yaye uya kusiyalela ngeendlela zakhe, kwaye siza kuhamba emendweni wakhe.” (Mika 4:1-4) Umphumo uya kuba luxolo nomanyano ehlabathini kungekhona ngenxa yokudityaniswa kweenkonzo ezahlukeneyo kodwa ngenxa yokuba abantu baya kuba kwinkonzo enye yokwenyaniso.
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Amarhamente eecawa ezinkulu ehlabathini ekwingqungquthela yeemvaba ngeemvaba ngowama-2008
[Inkcazelo]
REUTERS/Andreas Manolis