INgqungquthela Yeenkonzo Zehlabathi—Ngaba Iya Kuphumelela?
AMAKHULU eenkokeli zonqulo ayehlanganisene kwiNgqungquthela Yeenkonzo Zehlabathi yesibini eChicago, eIllinois, eUnited States, ngehlobo lowe-1993. Kwakukho abameli bobuBhuda, abeNgqobhoko, abobuHindu, abobuYuda, nabobuSilamsi. Kwakukho namagqwirha kunye nabanquli bezithixo. Babexubusha ngendima yabo ekupheliseni imfazwe. Usihlalo wengqungquthela wavuma ukuba “kwezona mfazwe zinkulu ziliwayo ehlabathini namhlanje ezimbini kwezintathu kuzo zibandakanya unqulo.”
Kwiminyaka Elikhulu Eyadlulayo
Ngaba le ngqungquthela yaba nempumelelo? Khawuphos’ iliso koko kwenzekayo kwiminyaka elikhulu eyadlulayo kwiNgqungquthela Yeenkonzo Zehlabathi yokuqala. Nayo yayibanjelwe eChicago, ngehlobo lowe-1893, yaye kwakukho abameli beenkonzo ezingaphezu kwama-40. IBhunga leNgqungquthela Yeenkonzo Zehlabathi liyavuma ukuba abo babekho kwingqungquthela yowe-1893 “babekholelwa ukuba yayiya kuba yeyokuqala kuthotho lweentlanganiso zikazwelonke eyayiya kufak’ isandla kwimvisiswano, uxolo nenkqubela. Ngelishwa akuzange kube njalo. Ikhethe kunye nogonyamelo olubangelwa lunqulo ziye zayinxalenye yeemfazwe ebezisiliwa kwiminyaka eli-100 edlulileyo, ezisaqhubekayo nangoku sithethayo.” Kutheni isilela nje? Kungenxa yokuba yonke ingcamango kazwelonke ayamkelekanga kuThixo. IBhayibhile ithi: ‘Musani ukunxulumana nabangakholwayo.’—2 Korinte 6:14-17.
Ngokufanelekileyo, inkupho yeZion’s Watch Tower kaSeptemba 1893 yabalaselisa isibakala sokuba iNgqungquthela Yeenkonzo Zehlabathi ayixhaswa ziziBhalo xa yathi, ngeliyigxekayo: “Baye bemba iingqayi zodongwe ezininzi ezenziwe kakuhle kumanxuwa aseBhabhiloni nakwezinye izixeko zamandulo, kodwa kusekho ezithile abangekazifumani. . . . Abafumananga nanye ethetha ngoMoses noYoshuwa behlanganisa ‘iNgqungquthela Yeenkonzo,’ zamaMowabhi nezama-Amon namaEdom . . . Abafumananga nanye ethetha ngoSamuweli okhulileyo owomeleleyo ethumela kwaGati nase-Ekron ukuba kubizwe abameli bababingeleli bakaDagon baye eShilo ukuze babambe ingqungquthela nababingeleli bakaYehova . . . Akukho nanye abayifumene ithetha ngoEliya okhulileyo onombhinqo wentlonze ecela ‘intlanganiso’ yeveki nababingeleli bakaBhahali nabakaMoleki apho baza kuxubusha ngeemfundiso zokholo lwabo olwahlukeneyo, ngenjongo yokukhuthaza ukuhlonelana phakathi kweenkonzo zabo.”
UBukumkani BukaThixo—Obukuphela Kwethemba
INgqungquthela Yeenkonzo Zehlabathi ayisokuze iphumelele. Amaphephandaba nabameli beenkonzo basebenzisa amabinzana anjengelithi “ingxushungxushu,” “isiphithiphithi,” nelithi “isaqunge” xa babethetha ngale ngqungquthela. Ngokutsho kwenye ingxelo, kwabandakanyeka namapolisa ekuzoliseni izidubedube ezibini ezazibangelwa yiyantlukwano kwezobupolitika. Kuxwebhu lowe-1952, ingqungquthela yabhala oku njengenye yeenjongo zayo: “Ukumisela iNgqungquthela Yeenkonzo Zehlabathi esisigxina ukuze isebenzisane neZIZWE EZIMANYENEYO ekuziseni uxolo lwehlabathi nemvisiswano kubantu bonke.” Ngokwahlukileyo koko, uYesu wathi uBukumkani bakhe babungebubo obeli hlabathi. IBhayibhile yalatha kuBukumkani bukaThixo njengobukuphela kwesicombululo kwiingxaki zoluntu.—Daniyeli 2:44; Yohane 18:36.