IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 8/1 iphe. 3-4
  • Yintoni Eyoyikwa Ngabantu Abaninzi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni Eyoyikwa Ngabantu Abaninzi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Imfazwe Yenyukliya—Ngoobani Abasisisongelo?
    Vukani!—2004
  • Isisongelo Senyukliya—Asikazi Kuphela
    Vukani!—1999
  • Ithini IBhayibhile Ngemfazwe Yenyukliya?
    Imixholo Engakumbi
  • Ngaba Siphelile Isisongelo Senyukliya?
    Vukani!—1999
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 8/1 iphe. 3-4

Yintoni Eyoyikwa Ngabantu Abaninzi?

“Akuyomfuneko ukuba ube likholwa ukuze ubone ukuba uluntu lusengozini.”—UNJINGALWAZI WEYUNIVESITHI YASESOUTHERN CALIFORNIA, USTEPHEN O’LEARY.a

NGABA uyavumelana nale nto ithethwe ngasentla? La manqaku aza kuhlola ezinye zezizathu ezenza abantu baloyike ikamva. Kwakhona aza kukubonisa isizathu sokuba ufanele uqiniseke ukuba abantu baya kuhlala bekho kulo mhlaba. Kukho izizathu zokuba nethemba nangona iziganeko oza kufunda ngazo zisothusa.

Kusekho ingozi yemfazwe yenyukliya. Ngowama-2007 iphephancwadi iBulletin of the Atomic Scientists lalumkisa ngelithi: “Ihlabathi liye laba sengozini enkulu ukususela oko kwaqhushumbiswa iHiroshima neNagasaki ngeebhombu zeathom.” Kutheni bexhalabile nje abantu? IBulletin ithi ngonyaka wama-2007 kwakukho malunga nama-27 000 ezixhobo zenyukliya yaye ama-2000 azo “ayenokuqhushumbiswa nanini na.” Ezi zixhobo beziya kubangela intlekele emanyumnyezi enoba bekunokusetyenziswa ezimbalwa zazo.

Ngaba asisekho mngciphekweni wemfazwe yenyukliya ukususela ngoko? ISIPRI Yearbook yowama-2009 ithi amazwe amahlanu angawona axhobe ngenyukliya—iTshayina, iFransi, iRashiya, iUnited Kingdom kunye neMerika “aye asebenzisa okanye alungiselela ukusebenzisa ubuxhakaxhaka obutsha bezixhobo zenyukliya.”bc Kodwa ke le ncwadi iphinda ithi izixhobo zenyukliya azikho kuloo mazwe kuphela. Abaphandi bacingela ukuba amazwe anjengeIndiya, iPakistan noSirayeli aneebhombu zenyukliya ezimalunga nama-60 ukuya kuma-80 lilinye. Kwakhona bathi ehlabathini jikelele kukho izixhobo zenyukliya ezingama-8 392 ezinokusetyenziswa nanini na.

Ukutshintsha kwemozulu kunokubangela intlekele. IBulletin of the Atomic Scientists ekhankanywe ngasentla ithi “iingozi ezinokubangelwa kukutshintsha kwemozulu ziyafana nezo zinokubangelwa zizixhobo zenyukliya.” Izazinzulu ezihlonelwayo njengoStephen Hawking ongunjingalwazi odla umhlala phantsi weYunivesithi yaseCambridge kunye noMhlekazi uMartin Rees weTrinity College kwiYunivesithi yaseCambridge nazo ziyangqina. Bathi ukusetyenziswa kakubi kobugcisa nomonakalo owenziwe ngabantu kwimeko bume zinokubutshintsha kanobom ubomi emhlabeni yaye zinokude zibatshabalalise abantu.

Ukuqikelelwa kwentshabalalo kuyabaxhalabisa abantu abaninzi. Ngena kwi-Internet uze ubhale igama elithi “isiphelo sehlabathi” okanye unyaka “we-2012” yaye uya kufumana intlaninge yezinto ezithethwa ngabantu ngokufika kwesiphelo ngaloo nyaka. Ibangelwa yintoni le nto? Ikhalenda yamandulo yamaMaya ekuthiwa “yiLong Count” iphela ekupheleni konyaka wama-2012. Abantu abaninzi bacinga ukuba loo nto ithetha ukuba isiphelo soluntu siza kufika ngaloo nyaka.

Abantu abaninzi abahamba icawa bakholelwa ukuba iBhayibhile ithi umhlaba uza kutshatyalaliswa. Bathi amakholwa aza kusiwa ezulwini ngoxa abanye abantu beza kushiyeka ukuze bahlupheke kulo mhlaba okanye baphoswe esihogweni.

Ngaba iBhayibhile ithi umhlaba uza kutshatyalaliswa? Umpostile uYohane wathi: “Musani ukuwakholelwa onke amazwi aphefumlelweyo, kodwa wavavanyeni amazwi aphefumlelweyo ukuze nibone enoba aphuma kuThixo kusini na.” (1 Yohane 4:1) Kunokuba wamkele izinto ezithethwa ngabanye, kutheni ungazifundeli oko kuthethwa yiBhayibhile ngesiphelo sehlabathi? Kunokukumangalisa gqitha oko ikufundisayo.

[Imibhalo esemazantsi]

a La magqabaza athatyathwe kwinqaku elithi “Iintlekele Zenza Abantu Bathi Uluntu Lusengozini,” elapapashwa kwiWeb site yeMSNBC ngo-Oktobha 19, 2005.

b USIPRI umela iStockholm International Peace Research Institute.

c Ingxelo ekule SIPRI Yearbook yowama-2009 yabhalwa nguShannon N. Kile umphandi nomphathi wecandelo leSIPRI Arms Control and Non-proliferation Programme elijongene nezixhobo zenyukliya; uVitaly Fedchenko naye ongumphandi osebenza kwiSIPRI Arms Control and Non-proliferation Programme kunye noHans M.Kristensen umalathisi wecandelo elijongene nenkcazelo yenyukliya kwiFederation of American Scientists.

[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 4]

Mushroom cloud: U.S. National Archives photo; hurricane photos: WHO/League of Red Cross and U.S. National Archives photo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share