Ngaba Ubomi Bunayo Injongo?
“NGABA ubomi bunayo injongo?” Baninzi abantu abakhe bazibuza loo mbuzo. Okubuhlungu kukuba, enoba babujonga njani ubomi, abantu abaninzi abakwazi ukuphuncuka koko ugqirha wemithambo-luvo waseOstriya uViktor E. Frankl akubiza ngokuba bubomi “obungenanjongo nobulilize.”
Kutheni abantu abaninzi bevakalelwa ngaloo ndlela? Esinye isizathu kukuba izigidi zabantu ehlabathini jikelele ziphila ebugxwayibeni. Suku ngalunye zijongene nobuhlwempu, izifo, ubundlobongela nengcinezelo. Ubomi babo ‘buzele kukuphazamiseka,’ kanye njengokuba uYobhi watshoyo xa wayethetha ngokubandezeleka komntu. (Yobhi 14:1) Baphilela loo mini nje kuphela.
Izigidi zabanye abantu zihanjelwa kakuhle zizinto. Kubonakala ngathi banayo yonke into abayifunayo. Kodwa ke abaninzi abonwabanga. Kutheni? Kungenxa yokuba, maxa wambi, ‘iinkathazo nezinto ezenzakalisayo’—njengeengxaki zemali ezingalindelekanga okanye iintlekele, njengokufelwa ngumntwana—zidla ngokutshabalalisa amathemba namaphupha abantu.—INdumiso 90:10.
Kukho nesinye isizathu sokuba abantu baphile ubomi “obungenanjongo nobulilize.” Sisiphi? Sesokuba ubomi bufutshane. Kubantu abaninzi, ibonakala ingekho ngqiqweni into yokuba bathi abantu bekwazi ukwenza izinto ezininzi kodwa baphila ubomi obufutshane. Abaziqondi iimeko ezimaxongo esijamelana nazo sonke: Enoba singasinda kwizinto ezininzi ezehlela uluntu, ukufa kusihlutha yonke into esinayo.—INtshumayeli 3:19, 20.
Ngaba Ubomi Buya Kusoloko Bungenanjongo?
UKumkani uSolomon wakwaSirayeli wayishwankathela kakuhle le meko. Wabona indlela abantu ababezibhokoxa ngayo, besebenzisa iziphiwo zabo ekutyaleni, ekulimeni, ekwakheni nasekunyamekeleni iintsapho, njengokuba sisenza nathi namhlanje. Kwaba ngathi ubuza lo mbuzo, ‘Isisa phi yonke le nto?’ Wagqiba kwelokuba yonke into eyenziwa ngabantu, “ingamampunge nokusukelana nomoya.”—INtshumayeli 2:17.
Kodwa ngaba uKumkani uSolomon wayekholelwa ukuba yonke into eyenziwa luluntu iya kusoloko “ingamampunge nokusukelana nomoya”? Akunjalo. Wayechaza into eyenzeka ebomini kweli hlabathi lingafezekanga. Noko ke, iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo linokukuqinisekisa ukuba akuzukusoloko kunje!
Unokusifumana njani eso siqinisekiso? Nceda ufunde amanqaku amabini alandelayo. Anokukunceda uqonde isizathu sokuba ubomi bubonakale bungenanjongo, indlela eza kulungiswa ngayo nendlela onokuyifumana ngayo injongo ebomini bakho kwanangoku.