IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 8/1 iphe. 14-15
  • Isizathu Sokuba UDorkas Athandwe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isizathu Sokuba UDorkas Athandwe
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuthembela NgoYehova Kundenze Ndakhuseleka Nyhani
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • MKristu Ngamnye Uxhomekeke Komnye
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • IYopa—Izibuko Elibalulekileyo Lamandulo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Lisebenzise Kakuhle Ixesha Onalo Njengomntu Ongatshatanga
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 8/1 iphe. 14-15

Fundisa Abantwana Bakho

Isizathu Sokuba UDorkas Athandwe

SONKE siyafuna ukuthandwa. Ngaba uvakalelwa ngaloo ndlela?—a IBhayibhile ithetha ngoDorkas owayethandwa kakhulu.

UDorkas wayehlala eYopa, isixeko esikufutshane noLwandle lweMeditera. IYerusalem yayimalunga neekhilomitha ezingama-56 ukusuka eYopa. UDorkas wayengomnye wabafundi bokuqala bakaYesu.

Ucinga ukuba yintoni eyayimenza athandwe kangaka uDorkas?— IBhayibhile ithi wayesenza izinto ezintle esipha. Kubonakala ukuba wayesenzela abahlolokazi impahla entle, umhlolokazi ngumfazi obhujelwe yindoda. Kwakhona njengoYesu, wayethetha nabantu abaninzi ngoThixo oyinyaniso.

Ngaba uyayazi into ebuhlungu eyehlela uDorkas?— Ugula kakhulu aze afe. Bonke abahlobo bakhe babuhlungu. Bathumela abantu apho wayehlala khona umpostile uPetros, malunga neekhilomitha ezili-16. Abo bantu bamcela ukuba afike ngokukhawuleza. Ukufika kwakhe, uPetros unyukela kwigumbi eliphezulu apho akhoyo uDorkas. Bonke abafazi abalapho bayakhala, bambonisa iimpahla awayebenzele zona uDorkas.

Emva koko uPetros ubayalela ukuba baphume kwelo gumbi. UPetros nabanye abapostile bakhe bayenza imimangaliso ngaphambili, kodwa akakho kubo owakhe wavusa umntu ofileyo. Ucinga ukuba wenza ntoni uPetros ngoku?—

UPetros uguqa ecaleni kwesidumbu aze athandaze kuYehova. Emva koko uyalela uDorkas ukuba aphakame. UDorkas uyaphakama! UPetros uyamncedisa aphakame. Ubiza abahlolokazi nabanye aze ababonise. Ngaba unokuyithelekelela indlela avuye ngayo?—

Makhe sicinge izinto onokuzifunda kweli bali lokuvuswa kukaDorkas. Enye yezinto eziboniswayo kukuba, ukuba unceda abanye abantu, uya kuthandwa ngabantu abaninzi. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba uya kukhunjulwa uze uthandwe nguThixo. Akasoze azilibale izinto ezintle ozenzela abanye abantu. Uya kukuvuza ngobomi obungunaphakade nolonwabo kwihlabathi lakhe elitsha.

Funda eBhayibhileni yakho

  • IZenzo 9:36-43

  • ISityhilelo 21:3-5

a Ukuba ufunda nomntwana, isikhewu senzelwe ukuba umvumele aphendule.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share