IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 1/15 iphe. 17-21
  • Lisebenzise Kakuhle Ixesha Onalo Njengomntu Ongatshatanga

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Lisebenzise Kakuhle Ixesha Onalo Njengomntu Ongatshatanga
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isiphiwo Esingaqhelekanga
  • Ulutsha Olungatshatanga
  • Abantu Abadala Abangatshatanga
  • Ukuhlala Ungatshatanga Ubomi Bakho Bonke
  • Yisebenzise Kakuhle Imeko Yakho
  • ‘Kuvulele Ithuba’
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • Xa Ukungatshati Kusisiphiwo
    Vukani!—1995
  • Ukungatshati Kuyindlela Yobomi Enomvuzo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Indlela Onokulufumana Ngayo Uvuyo Xa Ungatshatanga
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 1/15 iphe. 17-21

Lisebenzise Kakuhle Ixesha Onalo Njengomntu Ongatshatanga

“Lowo unako ukukuvulela ithuba makakuvulele ithuba.”—MAT. 19:12.

1, 2. (a) UYesu, uPawulos nabanye abantu babekujonga njani ukungatshati? (b) Kutheni abanye abantu besenokungakujongi njengesiphiwo ukungatshati?

ALITHANDABUZEKI elokuba umtshato usesinye sezipho ezibalulekileyo uThixo aziphe abantu. (IMize. 19:14) Sekunjalo, amaKristu amaninzi angatshatanga aphila ubomi obanelisayo. UHarold, umzalwana oneminyaka engama-95 ubudala nongazange atshate, uthi: “Nangona ndikuthanda ukuhlala nabantu nokubuk’ iindwendwe, xa ndihleli ndedwa andikhe ndibe lilolo. Ngokwenene ukungatshati kusisiphiwo kum.”

2 Eneneni, uYesu Kristu nompostile uPawulos bachaza ukungatshati njengesiphiwo esivela kuThixo, kanye njengokutshata. (Funda uMateyu 19:11, 12; neyoku-1 kwabaseKorinte 7:7.) Ewe kona, asinguye wonke umntu ozikhethelayo ukungatshati. Ngamanye amaxesha iimeko zenza kube nzima ukufumana iqabane elifanelekayo. Okanye emva kweminyaka yomtshato, abanye basenokuzibona sebengenaqabane ngenxa yoqhawulo-mtshato okanye ukufa. Ngoko ke, sinokutsho njani ukuba ukungatshati sisiphiwo? Yaye amaKristu angatshatanga anokulisebenzisa kakuhle njani ixesha lokungatshati?

Isiphiwo Esingaqhelekanga

3. Ziziphi iingenelo anazo amaKristu angatshatanga?

3 Umntu ongatshatanga udla ngokuba nexesha nenkululeko engakumbi kunomntu otshatileyo. (1 Kor. 7:32-35) Loo nto inokumnceda andise ubulungiseleli bakhe, aphangalale ekuthandeni abantu, aze asondele ngakumbi kuYehova. Ngenxa yoko, amaKristu amaninzi aye azibona iingenelo zokungatshati aza agqiba ekubeni ‘avule ithuba’ lokungatshati, ubuncinane okwethutyana. Kusenokwenzeka ukuba abanye bebengakhange bakucebe ukungatshati, kodwa zithe zakutshintsha iimeko zabo, bacinga nzulu ngazo baza baqonda ukuba uYehova uya kubanceda bazimisele ezintliziyweni zabo. Ngenxa yoko, baye bayamkela imeko yabo baza bakuvulela ithuba ukungatshati.—1 Kor. 7:37, 38.

4. Kutheni amaKristu angatshatanga enokuziva engabakhonzi bakaThixo ngokupheleleyo?

4 AmaKristu angatshatanga ayazi ukuba akunyanzelekanga ukuba atshate ukuze amkelwe yaye axatyiswe nguYehova nentlangano yakhe. UThixo usithanda sonke. (Mat. 10:29-31) Akukho mntu nanto inokusahlula eluthandweni lukaThixo. (Roma 8:38, 39) Enoba sitshatile okanye asitshatanga, sinezizathu ezivakalayo zokuziva singabakhonzi bakaThixo ngokupheleleyo.

5. Yintoni efunekayo ukuze siyifumane yonke imivuzo yokungatshati?

5 Ukanti, kanye njengokuba isiphiwo esifana nomculo okanye ukuba yimbaleki zifuna ukuphuculwa, nesiphiwo sokungatshati sifuna umgudu ukuze sisebenze kakuhle. Ngoko amaKristu angatshatanga namhlanje—enoba ngabazalwana okanye ngoodade, aselula okanye akhulile, akatshatanga ngokuzikhethela okanye anyanzelwa ziimeko—anokuyisebenzisa kakuhle njani imeko yawo? Makhe sihlole imizekelo ekhuthazayo yabantu ababengatshatanga kwibandla lamaKristu lamandulo size sibone esinokukufunda kubo.

Ulutsha Olungatshatanga

6, 7. (a) Liliphi ilungelo lenkonzo elafunyanwa ziintombi zikaFilipu? (b) UTimoti wakusebenzisa kakuhle njani ukungatshati kwakhe, yaye wasikelelwa njani ngokulungela kwakhe ukukhonza uThixo eselula?

6 Umthunywa wevangeli uFilipu wayeneentombi ezine ezinyulu ezazifana noyise ngokukhuthalela umsebenzi wokushumayela. (IZe. 21:8, 9) Ukuprofeta kwakuphakathi kweziphiwo ezingummangaliso zomoya oyingcwele, yaye ezi ntombi zasisebenzisa esi siphiwo ukuze kuzaliseke uYoweli 2:28, 29.

7 UTimoti owayeselula wakusebenzisa kakuhle ukungatshati. Kwasebusaneni wafundiswa “imibhalo engcwele” ngunina, uYunike, noninakhulu, uLoyisi. (2 Tim. 1:5; 3:14, 15) Kodwa ke kumele ukuba baba ngamaKristu ebudeni botyelelo lukaPawulos eListra, idolophu yakowabo, malunga nowama-47 C.E. Kwiminyaka emibini kamva, xa uPawulos watyelela okwesihlandlo sesibini, mhlawumbi uTimoti wayekwishumi elivisayo okanye engaphezulwana kwiminyaka engama-20 ubudala. Nangona wayeselula ngeminyaka yaye emtsha nasenyanisweni, abadala baseListra nabaseIkoniyo ‘babenikela ingxelo entle ngaye.’ (IZe. 16:1, 2) Ngoko uPawulos wacela uTimoti ukuba ahambe naye xa esenza umsebenzi wobuvangeli. (1 Tim. 1:18; 4:14) Asinakuqiniseka ukuba uTimoti akazange atshate. Kodwa siyazi ukuba esengumfana, wasamkela isimemo sikaPawulos, yaye kangangeminyaka emininzi kamva, wakuvuyela ukukhonza njengomthunywa wevangeli nomveleli ongatshatanga.—Fil. 2:20-22.

8. Yintoni eyanceda uYohane Marko ukuba asukele izinto zokomoya, yaye wasikelelwa njani ngokwenza oko?

8 UYohane Marko wakusebenzisa kakuhle ukungatshati kwakhe xa wayeselula. Yena nonina, uMariya, kunye nomza wakhe uBharnabhas, babengamalungu okuqala ebandla laseYerusalem. Intsapho kaMarko kumele ukuba yayiphila ubomi obutofotofo, ekubeni yayinendlu yayo esixekweni yaye inesicaka. (IZe. 12:12, 13) Nakuba kwakunjalo, uMarko oselula, akazange aphile ubomi bokuzifica okanye bokuzanelisa; akazange kananjalo aneliswe kukutshata aze abe nabantwana yaye aphile ubomi obutofotofo. Ukunxulumana kwakhe nabapostile kwamenza wanomdla kwinkonzo yobuvangeli. Ngoko wakuvuyela ukuhamba noPawulos noBharnabhas kuhambo lwabo lokuqala lokushumayela waza waba ngumlindi wabo. (IZe. 13:5) Kamva, wahamba noBharnabhas waza waphinda wasebenza noPetros eBhabhiloni. (IZe. 15:39; 1 Pet. 5:13) Asazi ukuba uMarko wahlala ixesha elingakanani na engatshatanga. Kodwa wayedume njengomntu owayekulungele ukukhonza abantu nowayesenza okungakumbi enkonzweni kaThixo.

9, 10. Ngawaphi amathuba okwandisa inkonzo anawo amaKristu aselula angatshatanga? Yenza umzekelo.

9 Namhlanje abaselula abaninzi ebandleni basebenzisa ukungatshati kwabo ukuze bandise inkonzo yabo kuThixo. NjengoMarko noTimoti, bayaqonda ukuba ukungatshati kubanika ithuba ‘lokukhonza iNkosi rhoqo ngaphandle kwesiphazamiso.’ (1 Kor. 7:35) Lithuba elihle ngokwenene eli. Zininzi iindlela abantu abaselula abanokumkhonza ngazo uYehova—njengenkonzo yobuvulindlela, ukukhonza apho kufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi, ukufunda ulwimi olutsha, ukuncedisa kumsebenzi wokwakha iiHolo zoBukumkani okanye amasebe, ukuya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli kunye nokukhonza eBheteli. Ukuba uselula yaye akukatshati, ngaba uwasebenzisa kakuhle amathuba onawo?

10 Umzalwana ogama linguMark waqalisa ubuvulindlela esekwishumi elivisayo, waya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli, waza wakhonza kwizabelo ezahlukeneyo ehlabathini jikelele. Xa ecinga ngeminyaka engama-25 ekwinkonzo yexesha elizeleyo, uthi: “Ndiye ndazama ukusebenza nabantu bonke ebandleni, ndisebenza kunye nabo entsimini, ndisenza amatyelelo okwalusa kubo, ndibamemela isidlo ekhayeni lam, yaye ndilungiselela neembutho ezakhayo ngokomoya. Zonke ezo zinto ziye zandivuyisa.” Njengoko amazwi kaMark ebonisa, ukuze uvuye ebomini kufuneka uphe, ibe xa uzinikele ngokupheleleyo kwinkonzo engcwele ufumana amathuba amaninzi okupha. (IZe. 20:35) Abantu abaselula namhlanje ‘banokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi’ kungakhathaliseki ukuba banomdla kwiziphi izinto, banabuphi ubuchule okanye amava ebomini.—1 Kor. 15:58.

11. Ziziphi ezinye zeengenelo zokungawungxameli umtshato?

11 Nangona uninzi lwabantu abaselula lunomdla wokutshata ngeny’ imini, kukho izizathu ezivakalayo zokuba lungawungxameli umtshato. UPawulos ukhuthaza ulutsha ukuba lulinde lude ludlule “entlahleni yobutsha” apho inkanuko yesini inamandla khona. (1 Kor. 7:36) Kuthatha ixesha ukuzazi nokuba namava afunekayo ukuze ukhethe iqabane elifanelekayo. Ukwenza isifungo somtshato sisigqibo esibalulekileyo, esiya kuhlala ubomi bonke.—INtshu. 5:2-5.

Abantu Abadala Abangatshatanga

12. (a) Umhlolokazi uAna wajamelana njani nokutshintsha kweemeko zakhe? (b) Wajizekwa ngaliphi ilungelo?

12 UAna, ochazwe kwincwadi yeVangeli kaLuka, umele ukuba wakhathazeka kakhulu xa umyeni wakhe wafa ngesiquphe kwiminyaka nje esixhenxe betshatile. Asazi enoba babenabo na abantwana okanye enoba waphinda wafuna ukutshata kusini na. Kodwa iBhayibhile ithi uAna wayesengumhlolokazi xa wayeneminyaka engama-84 ubudala. Ngenxa yoko sikufunda eBhayibhileni, sinokugqiba kwelokuba xa iimeko zika-Ana zatshintshayo wasebenzisa elo thuba ukuze asondele ngakumbi kuYehova. “Wayengazange aphoswe kukuba setempileni, enikela inkonzo engcwele ubusuku nemini ngokuzila ukutya nezikhungo.” (Luka 2:36, 37) Ngoko izinto zokomoya zazisiza kuqala ebomini bakhe. Oko kwakufuna umgudu nokuzimisela ngokwenene, kodwa wavuzwa ngentabalala. Wajizekwa ngelungelo lokubona uYesu eselula waza wanikela ubungqina kwabanye ngentlangulo eyayiza kuziswa nguMesiya kungekudala.—Luka 2:38.

13. (a) Yintoni ebonisa ukuba uDorkas wayenenxaxheba ebandleni? (b) Wavuzwa njani uDorkas ngobubele nenceba yakhe?

13 Umfazi ogama linguDorkas, okanye uTabhitha, wayehlala eYopa, izibuko lamandulo elikumntla-ntshona weYerusalem. Ekubeni iBhayibhile ingathethi ngandoda, kumele ukuba wayengatshatanga ngelo xesha. UDorkas “wayephuphuma zizenzo ezilungileyo nezipho zenceba.” Kuyabonakala ukuba wayesenzela abahlolokazi abasweleyo nabanye abantu izambatho ezininzi, yaye babemthanda kakhulu ngenxa yaloo nto. Ngoko xa wagula waza wafa ngesiquphe, ibandla lonke lathumela kuPetros ukuze limbongoze ukuba avuse lo dade uthandekayo. Zathi zakunwenwa iindaba zokuvuswa kwakhe eYopa, abaninzi baba ngamakholwa. (IZe. 9:36-42) Kusenokwenzeka ukuba uDorkas waba nenxaxheba ekuncedeni abanye babo ngezenzo zakhe zobubele.

14. Yintoni eshukumisela amaKristu angatshatanga ukuba asondele kuYehova?

14 NjengoAna noDorkas, abantu abaninzi ebandleni bazifumana bengatshatanga ebudaleni. Abanye kusenokwenzeka ukuba abazange balifumane iqabane lomtshato elifanelekayo. Abanye baqhawule umtshato okanye bafelwe ngamaqabane. Ekubeni engenaqabane lomtshato lakuzityand’ igila, amaKristu angatshatanga adla ngokufunda ukuthembela kuYehova ngakumbi. (IMize. 16:3) USilvia, udade ongatshatanga obekhonza eBheteli kangangeminyaka engaphezu kwama-38, uyigqala le nto njengentsikelelo. Uthi, “Ngamanye amaxesha ndiyadinwa kukusoloko indim owomeleleyo. Ndiye ndizibuze ukuba ngubani oza kundikhuthaza?” Kodwa uphinde athi: “Ukukholosa ngento yokuba uYehova uzazi ngaphezu kokuba ndizazi izinto endizisweleyo kundinceda ndisondele kuye. Yaye maxa wambi ndiye ndikhuthazwe nazizinto ebendingazilindelanga kwaphela ukuba zingandikhuthaza.” Nanini na sisondela kuYehova, usoloko esabela ngendlela ethantamisayo neqinisekisayo.

15. AmaKristu angatshatanga ‘anokuphangalala’ njani kuthando lwawo?

15 Ukungatshati kusinika ithuba elikhethekileyo ‘lokuphangalala’ eluthandweni. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 6:11-13.) UJolene, udade ongatshatanga ochithe iminyaka engama-34 edlulileyo ekwinkonzo yexesha elizeleyo, uthi: “Ndiye ndazama ukwakha ubuhlobo, kungekuphela nabantu abalingana nam ngeminyaka, kodwa nabantu bonke. Xa ungatshatanga unethuba elihle lokupha uYehova, intsapho yakho, abazalwana noodade wenu kunye nabamelwane. Njengoko ndikhula, ndiyivuyela ngakumbi into yokuba ndingatshatanga.” Ngokuqinisekileyo abantu abakhulileyo, ababuthathaka, abazali abangenamaqabane, ulutsha nabanye abasebandleni bayayixabisa inkxaso eqhutywa kukungazicingeli evela kubantu abangatshatanga. Eneneni, xa sisenza into ebonisa ukuba siyabathanda abantu, sonwaba nangakumbi. Ngaba wena ‘akungephangalali’ ekuthandeni abantu?

Ukuhlala Ungatshatanga Ubomi Bakho Bonke

16. (a) Kwakutheni ukuze uYesu ahlale engatshatanga ubomi bakhe bonke? (b) UPawulos wakusebenzisa ngobulumko njani ukungatshati kwakhe?

16 UYesu akazange atshate; kwakufuneka alungiselele aze enze isabelo sakhe. Wayehamba imigama emide, esebenza ukususela kusasa de kube sebusuku, ibe ekugqibeleni wanikela ngobomi bakhe njengedini. Kwamnceda ukungatshati. Umpostile uPawulos wayehamba iikhilomitha ezingamawaka kwaye ejamelana nobunzima kubulungiseleli. (2 Kor. 11:23-27) Nangona kusenokwenzeka ukuba wayekhe watshata ngaphambili, uPawulos wakhetha ukuhlala engatshatanga emva kokuthunywa njengompostile. (1 Kor. 7:7; 9:5) Ngenxa yobulungiseleli, uYesu noPawulos bakhuthaza abantu ukuba baxelise umzekelo wabo xa kunokwenzeka. Sekunjalo, bobabini abazange bathi kufuneka umntu angatshati ukuze abe ngumlungiseleli.—1 Tim. 4:1-3.

17. Abanye abantu namhlanje bawuxelisa njani umzekelo kaYesu noPawulos, yaye kutheni sinokuqiniseka ukuba uYehova uyabaxabisa abo bazincama ngolo hlobo?

17 Abanye namhlanje baye benza isigqibo sokungatshati ukuze babufeze bhetele ubulungiseleli babo. UHarold, ochazwe ngaphambili, ebekwinkonzo yaseBheteli kangangeminyaka engaphezu kwama-56. Uthi, “Ndathi ndigqiba iminyaka elishumi eBheteli, ndabe sele ndibone izibini ezitshatileyo eziliqela ziyishiya iBheteli ngenxa yokugula okanye ngenxa yokuba kufuneka zinyamekele umzali owalupheleyo. Abazali bam bobabini babengasaphili. Kodwa ndandiyithanda kakhulu iBheteli kangangokuba ndandingafuni kulibeka esichengeni ilungelo lam ngokutshata.” Ngokufanayo, kwiminyaka eyadlulayo, omnye umakad’ enetha wovulindlela ogama linguMargaret wathi: “Ebekho wona amathuba okuba nditshate, kodwa ngenxa yokuxakeka andizange ndide nditshate. Kunoko, ndiye ndakwazi ukusebenzisa inkululeko engakumbi endinayo njengomntu ongatshatanga kumsebenzi wobulungiseleli ibe loo nto iye yandonwabisa kakhulu.” Ngokuqinisekileyo, uYehova akayi kubalibala abantu abazincama ngenxa yonqulo lwenene.—Funda uIsaya 56:4, 5.

Yisebenzise Kakuhle Imeko Yakho

18. Abanye abantu banokuwakhuthaza baze bawaxhase njani amaKristu angatshatanga?

18 Siyawancoma yaye siwakhuthaza onke amaKristu angatshatanga azabalazela ukukhonza uYehova. Siwathanda kanye ngale ndlela ayiyo kwaye siwathandela negalelo analo ebandleni. Akayi kuze azive engamalolo ukuba siba ‘ngabantakwawo noodade wawo noonina nabantwana’ ngokwenene.—Funda uMarko 10:28-30.

19. Yintoni onokuyenza ukuze ukusebenzise kakuhle ukungatshati kwakho?

19 Enoba akutshatanga ngokuzikhethela okanye ngenxa yeemeko, ngamana le mizekelo yeZibhalo neyanamhlanje ingakuqinisekisa ukuba unako ukuphila ubomi obonwabileyo nobanelisayo. Ezinye iziphiwo sizilindela ngomdla, kanti ezinye zifika singazilindelanga. Ezinye sizixabisa zisuka, kanti ezinye kuthatha ixesha ukuba sizixabise. Ngoko ubukhulu becala kuxhomekeka kwisimo sengqondo esinaso. Yintoni onokuyenza ukuze ukusebenzise kakuhle ukungatshati kwakho? Sondela ngakumbi kuYehova, yiba nokuninzi kokwenza enkonzweni kaThixo, uze uphangalale ekuthandeni abantu. Njengokutshata, ukungatshati kunokuba nomvuzo xa sikujonga ngendlela uThixo akujonga ngayo naxa sisisebenzisa ngobulumko esi siphiwo.

Ngaba Uyakhumbula?

• Ukungatshati kunokuba sisiphiwo ngaziphi iindlela?

• Ukungatshati kunokuba yintsikelelo njani ebutsheni?

• Ngawaphi amathuba okusondela kuYehova nokuphangalala ekuthandeni abantu avulekele amaKristu angatshatanga?

[Imifanekiso ekwiphepha 18]

Ngaba uwasebenzisa kakuhle amathuba onawo enkonzweni kaThixo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share