MKristu Ngamnye Uxhomekeke Komnye
“Singamalungu omnye elomnye.”—EFESE 4:25.
1. Ithini enye intyilalwazi ngomzimba womntu?
UMZIMBA womntu udalwe ngokumangalisayo! IThe World Book Encyclopedia ithi: “Maxa wambi abantu bafanisa umzimba nomatshini—owona matshini ungummangaliso kweyakha yakho. Kakade ke, umzimba womntu awungomatshini. Kodwa unokufaniswa nawo ngeendlela ezininzi. Njengomatshini, umzimba uyilwe ngamalungu aliqela. Lungu ngalinye lomzimba linomsebenzi okhethekileyo njengoko kunjalo ngomatshini. Kodwa onke loo malungu ayasebenzisana ukuze umzimba okanye umatshini usebenze kakuhle.”
2. Umzimba womntu ufana njani nebandla lamaKristu?
2 Ewe, umzimba womntu unamalungu amaninzi yaye lungu ngalinye linomsebenzi walo. Awukho namnye umthambo, isihlunu okanye ilungu lomzimba elingenamsebenzi. Ngokufanayo ke, lungu ngalinye lebandla lamaKristu linokuba negalelo kwinkqubela yokomoya yebandla. (1 Korinte 12:14-26) Nangona kungekho lungu lebandla lifanele lizive libalasele kwamanye, akukho mntu ufanele azive engabalulekanga.—Roma 12:3.
3. Eyabase-Efese 4:25 ibonisa njani ukuba umKristu ngamnye uxhomekeke komnye?
3 Njengokuba amalungu omzimba womntu exhomekeke elinye kwelinye, kunjalo nangamaKristu. Umpostile uPawulos wayexelela amanye amakholwa athanjiswe ngomoya esithi: “Ngoko ke, ekubeni nikulahlile ukuxoka, ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane wakhe, ngenxa yokuba singamalungu omnye elomnye.” (Efese 4:25) Ekubeni ‘engamalungu omnye elomnye,’ amalungu oSirayeli wokomoya—“umzimba kaKristu”—anxibelelana ngokukhululekileyo yaye ayasebenzisana. Ewe, lungu ngalinye lixhomekeke kwamanye. (Efese 4:11-13) AmaKristu anyanisekileyo nanethemba lokuphila emhlabeni amanyene yaye asebenzisana nawo.
4. Banokuncedwa njani abasebatsha?
4 Nyaka ngamnye, kubhaptizwa amawaka abantu abanethemba lokuphila kwiparadesi esemhlabeni. Amanye amalungu ebandla ayakuvuyela ukubanceda aba ukuba ‘baxhinele ekuqoleni.’ (Hebhere 6:1-3) Olo ncedo luquka ukuphendula imibuzo esekelwe kwiZibhalo abayibuzayo okanye babancede entsimini. Sinokunceda abasebatsha ngokumisela umzekelo omhle ngokuba nenxaxheba rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu. Sinokubakhuthaza okanye sibathuthuzele xa besengxakini. (1 Tesalonika 5:14, 15) Sifanele sincede abanye ‘bahambe enyanisweni.’ (3 Yohane 4) Enoba siselula okanye sele sibadala, sisandul’ ukungena enyanisweni okanye sesineminyaka, sinokuhambisela phambili impilo-ntle yokomoya yamanye amakholwa—yaye axhomekeke kuthi.
Banikela Uncedo Olufunekayo
5. UAkwila noPrisila bamnceda njani uPawulos?
5 Abanye abakuvuyelayo ukunceda amanye amakholwa zizibini ezitshatileyo ezingamaKristu. Ngokomzekelo, uAkwila nenkosikazi yakhe uPrisila (uPriska), banceda uPawulos. Bamamkela ekhayeni labo, basebenza naye ekwenzeni iintente, baza bamncedisa nasekwakheni ibandla elitsha laseKorinte. (IZenzo 18:1-4) Babeka nobomi babo esichengeni ngendlela engachazwanga ngenxa kaPawulos. Babehlala eRoma xa uPawulos waxelela amaKristu esithi: “Dluliselani imibuliso yam kuPriska noAkwila abasebenzi abangamadlelane kunye nam kuKristu Yesu, ababeke esichengeni iintamo zabo ngenxa yomphefumlo wam, ingendim kuphela owenza imibulelo kubo kodwa kwanawo onke amabandla eentlanga.” (Roma 16:3, 4) NjengoAkwila noPrisila, nanamhlanje kukho amaKristu akha amabandla aze ancede amanye amakholwa ngeendlela ezahlukeneyo, maxa wambi ade abeke ubomi bawo esichengeni ephepha ukufaka abanye abakhonzi bakaThixo engozini yokubulawa ngenkohlakalo ngabo babatshutshisayo.
6. Wancedwa njani uApolo?
6 UAkwila noPrisila banceda nomKristu owayeliciko uApolo, owayefundisa abantu base-Efese ngoYesu Kristu. Ngelo xesha, uApolo wayesazi kuphela ubhaptizo lukaYohane olwalufuzisela ukuguquka kwizono zomnqophiso woMthetho. Beqonda ukuba uApolo ufuna uncedo, uAkwila noPrisila ‘bamcacisela ngokuchane ngakumbi indlela kaThixo.’ Mhlawumbi bamcacisela ukuba ubhaptizo lwamaKristu lwaluquka ukuntywiliselwa emanzini nokuthululwa komoya oyingcwele. UApolo wakusebenzisa oko akufundileyo. Kamva eAkaya “wabanceda kakhulu abo babekholiwe ngenxa yobubele obungasifanelanga bukaThixo; kuba ngokucokiseke kakhulu wawangqina esidlangalaleni amaYuda ukuba aphosisile, ngoxa wayebonakalisa ngeZibhalo ukuba uYesu unguKristu.” (IZenzo 18:24-28) Amagqabaza amanye amakholwa adla ngokusinceda siliqonde ngakumbi iLizwi likaThixo. Nakule nkalo, ngamnye wethu uxhomekeke komnye.
Ukunceda Ngezinto Eziphathekayo
7. Benza ntoni abantu baseFilipi xa amanye amaKristu ayeswele izinto eziphathekayo?
7 Amalungu ebandla lamaKristu eFilipi ayemthanda ngokwenene uPawulos yaye xa wayeseTesalonika amthumelela izinto eziphathekayo eziyimfuneko. (Filipi 4:15, 16) Xa abazalwana baseYerusalem babefuna ukuncedwa ngezinto eziphathekayo, abantu baseFilipi banikela ngaphezu koko babenako. UPawulos akazange awuvale umlomo ngenxa yomoya omhle ababenawo abazalwana noodade baseFilipi kangangokuba wabachaza njengomzekelo wamanye amakholwa.—2 Korinte 8:1-6.
8. Sisiphi isimo sengqondo awayenaso uEpafrodito?
8 Xa uPawulos wayesentolongweni, amaFilipi akazange nje athumele izipho zezinto eziphathekayo kuphela, kodwa athumela nomthunywa wawo uEpafrodito. UPawulos wathi: “Ngenxa yomsebenzi weNkosi [uEpafrodito] wajika ekufeni, ewubeka esichengeni umphefumlo wakhe, khon’ ukuze akwenzelele ngokupheleleyo ukungabikho kwenu apha ukuze ninikele inkonzo yobuqu kum.” (Filipi 2:25-30; 4:18) Asazi enoba uEpafrodito wayengumdala okanye isicaka solungiselelo kusini na. Noko ke, wayengumKristu ozincamayo nothanda ukunceda, yaye uPawulos wayexhomekeke kuye ngokwenene. Ngaba kukho nabani na ofana noEpafrodito ebandleni lakho?
‘Babesomeleza’
9. Nguwuphi umzekelo esiwumiselwa nguAristarko?
9 Abazalwana noodade abanothando njengoAkwila noPrisila noEpafrodito, baxatyiswa kakhulu kulo naliphi na ibandla. Abanye babazalwana bethu banokufana nomKristu wenkulungwane yokuqala uAristarko. Yena kunye nabanye ‘babesomeleza,’ mhlawumbi bethuthuzela okanye bexhasa abanye ngeendlela eziqhelekileyo. (Kolose 4:10, 11) UAristarko waba ngumhlobo wokwenene xa wanceda uPawulos owayeswele. Wayeluhlobo lomntu okhankanywe kwiMizekeliso 17:17 ethi: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” Ngaba asifanele sonke sizame ‘ukomeleza’ amanye amaKristu? Sifanele siwancede ngokukodwa lawo asengxakini.
10. UPetros wabamisela wuphi umzekelo abadala abangamaKristu?
10 Ngokukodwa abadala abangamaKristu, bamele bomeleze abazalwana noodade babo bokomoya. UKristu wathi kumpostile uPetros: “Bomeleze abazalwana bakho.” (Luka 22:32) UPetros wayenokukwenza oku kuba wabonisa iimpawu zokomelela, ngokukodwa emva kokuvuka kukaYesu. Badala, zabalazelani ukwenza okufanayo ngokuzithandela nangothantamiso kuba abazalwana benu baxhomekeke kuni.—IZenzo 20:28-30; 1 Petros 5:2, 3.
11. Sinokuzuza njani ngokuqwalasela isimo sengqondo sikaTimoti?
11 UTimoti owayehamba noPawulos wayengumdala owayewaxhalabele kakhulu amanye amaKristu. Nangona wayeneengxaki ezithile zempilo, uTimoti wayenokholo olungagungqiyo yaye ‘wayelikhoboka kunye noPawulos ekuhambiseleni phambili iindaba ezilungileyo.’ Ngaloo ndlela lo mpostile wathi kwabaseFilipi: “Kuba andinamntu wumbi onokuninyamekela ngokwenene njengaye.” (Filipi 2:20, 22; 1 Timoti 5:23; 2 Timoti 1:5) Sinokuba yintsikelelo kwabanye abakhonzi bakaYehova ngokuba nomoya onjengokaTimoti. Liyinyaniso elokuba, sisamele sinyamezele ubuthathaka bethu nezilingo ezahlukahlukeneyo, kodwa nathi sifanele sibe nokholo olomeleleyo nenkxalabo yothando ngabazalwana noodade bethu bokomoya. Sifanele sihlale sikhumbula ukuba baxhomekeke kuthi.
Abafazi Ababebakhathalele Abanye
12. Yintoni esinokuyifunda kumzekelo kaDorkas?
12 Omnye umfazi owayesoyika uThixo yayinguDorkas. Ekufeni kwakhe, abafundi babiza uPetros baza bamthumela kwigumbi eliphezulu. Apho “bonke abahlolokazi beza kuye belila kwaye bembonisa izambatho zangaphantsi nezangaphezulu ezo uDorkas wayefudula ezenza ngoxa wayenabo.” UDorkas wavuswa yaye ngokuqinisekileyo waqhubeka ‘ephuphuma zizenzo ezilungileyo nezipho zenceba.’ Kwibandla lamaKristu lanamhlanje, kukho abafazi abanjengoDorkas abanokuthunga iimpahla okanye ngothando benzele abanye abasweleyo ezinye izinto. Kakade ke, imisebenzi yabo emihle ngokuyintloko iphathelele ukuhambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani nokuba nesabelo kumsebenzi wokwenza abafundi.—IZenzo 9:36-42; Mateyu 6:33; 28:19, 20.
13. ULidiya wayewaxhalabele njani amanye amaKristu?
13 Omnye umfazi owayesoyika uThixo ogama linguLidiya wayebakhathalele abanye. Wayengummi waseTiyatira owayehlala eFilipi xa uPawulos wayeshumayela apho malunga nowama-50 C.E. Kusenokwenzeka ukuba uLidiya wayeguqukele ebuYudeni, kodwa kusenokwenzeka ukuba amaYuda ayembalwa yaye kwakungekho ndlu yesikhungu eFilipi. Yena nabanye abafazi abathanda unqulo babehlanganisene ngasemlanjeni beye kunqula xa lo mpostile wabashumayeza iindaba ezilungileyo. Ingxelo ithi: “UYehova wayivula yabanzi intliziyo [kaLidiya] ukuze anikele ingqalelo kwizinto ezazithethwa nguPawulos. Ke kaloku xa yena nendlu yakhe babhaptizwayo, wathi ngelibongozayo: ‘Ukuba nindigwebe ndingothembekileyo kuYehova, ngenani endlwini yam nize nihlale.’ Yaye wasicenga ukuba siye.” (IZenzo 16:12-15) Ngenxa yokuba uLidiya wayefuna ukwenzela abanye okuhle, weyisela uPawulos nabo wayekunye nabo ukuba bahlale naye. Hayi indlela esikuxabisa ngayo ukuba amaKristu anamhlanje anobubele nanothando abuk’ iindwendwe ngendlela efanayo!—Roma 12:13; 1 Peter 4:9.
Nani Baselula Nibalulekile
14. UYesu Kristu wayebaphatha njani abantwana?
14 Ibandla lamaKristu lasungulwa nguNyana kaThixo owayenobubele, uYesu Kristu. Abantu babeziva bekhululekile xa bekunye naye kuba wayebathanda yaye enemfesane. Ngesinye isihlandlo xa abanye bazisa abantwana babo kuYesu, abafundi bakhe bazama ukubagxotha. Kodwa uYesu wathi: “Bayekeni abantwana abaselula beze kum; ningabaleli, kuba ubukumkani bukaThixo bobabo banjalo. Inene ndithi kuni, Nabani na ongabamkeliyo ubukumkani bukaThixo njengomntwana oselula akasayi kuze angene kubo.” (Marko 10:13-15) Ukuze sifumane iintsikelelo zoBukumkani, simele sithobeke yaye sifundiseke njengabantwana. UYesu wabonisa ukuba wayebathanda abantwana ngokubawola waza wabasikelela. (Marko 10:16) Kuthekani ngani baselula namhlanje? Qinisekani ukuba niyathandwa yaye nibalulekile ebandleni.
15. Uthini uLuka 2:40-52 ngobomi bukaYesu, yaye wabamisela wuphi umzekelo abaselula?
15 Ngoxa uYesu wayesengumntwana, wayemthanda uThixo neZibhalo. Xa wayeneminyaka eli-12 ubudala, wahamba nabazali bakhe uYosefu noMariya, besuka kowabo eNazarete besiya eYerusalem beye kubhiyozela iPasika. Ekubuyeni kwabo, abazali bakaYesu bafumanisa ukuba uYesu wayengekho kwiqela awayehamba nalo. Ekugqibeleni bamfumana ehleli etempileni, ephulaphule abafundisi bamaYuda yaye ebabuza imibuzo. Emangaliswe kukuva ukuba uYosefu noMariya babemfuna bengazi apho baza kumfumana khona, uYesu wathi: “Beningazi na ukuba ndimele ndibe sendlwini kaBawo?” Wagoduka nabazali bakhe, waqhubeka ebathobela, waza waqhubeka esenza inkqubela ebulumkweni nasekukhuleni ngomzimba. (Luka 2:40-52) Onjani umzekelo uYesu awawumisela abaselula abaphakathi kwethu! Ngokuqinisekileyo bafanele bathobele abazali babo baze babe nomdla wokufunda izinto zokomoya.—Duteronomi 5:16; Efese 6:1-3.
16. (a) Adanduluka athini amakhwenkwe athile xa uYesu wayeshumayela etempileni? (b) Liliphi ilungelo analo amaKristu aselula namhlanje?
16 Njengomntu oselula, unokuthetha ngoYehova esikolweni, ushumayele ngaye nakwindlu ngendlu ukunye nabazali bakho. (Isaya 43:10-12; IZenzo 20:20, 21) Xa uYesu wayeshumayela yaye ephilisa abantu kanye ngaphambi kokufa kwakhe, amakhwenkwe athile adanduluka athi: “Siyathandaza, sindisa uNyana kaDavide!” Becatshukiswa ngaloo mazwi ababingeleli abakhulu nababhali bathi: “Uyakuva na oko kutshiwo ngaba?” UYesu wathi kubo: “Ewe. Anizange nikufunde na oku, ‘Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele indumiso’?” (Mateyu 21:15-17) Ngokufana nabo bantwana, nina baselula abasebandleni ninelungelo elizukileyo lokudumisa uThixo noNyana wakhe. Sifuna ukusebenza nani njengabavakalisi boBukumkani.
Xa Kuvela Iingxaki
17, 18. (a) Kwakutheni ukuze uPawulos alungiselele ukuba kuqokelelelwe amaKristu angamaYuda imali? (b) Iminikelo yokuzithandela eyenzelwa amakholwa angamaYuda namaKristu eeNtlanga yaba nawuphi umphumo?
17 Enoba zinjani iimeko zethu, uthando lusishukumisela ukuba sincede amanye amaKristu xa esengxakini. (Yohane 13:34, 35; Yakobi 2:14-17) Luthando olwabangela uPawulos alungiselele ukuba kuqokelelwe imali yokunceda abazalwana noodade kwaYuda kwibandla laseAkhaya, eGalati, eMakedoni nakwisithili saseAsiya. Kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayebhekisela kwintshutshiso, izidubedube nendlala eyayithwaxa abafundi eYerusalem xa wayethetha ‘ngembandezelo,’ ‘nokuphangwa kwempahla yabo.’ (Hebhere 10:32-34; IZenzo 11:27–12:1) Ngoko wongamela ingxowa-mali yokunceda amaKristu ahlwempuzekileyo akwaYuda.—1 Korinte 16:1-3; 2 Korinte 8:1-4, 13-15; 9:1, 2, 7.
18 Iminikelo yokuzithandela yokunceda abangcwele bakwaYuda yabonisa ukuba kwakukho umanyano lobuzalwana phakathi kwabanquli bakaYehova abangamaYuda nabeeNtlanga. Ukuthunyelwa kweminikelo kwanika amaKristu eeNtlanga ithuba lokubulela amakholwa angamaYuda ngobuncwane bokomoya awayebufumene kubo. Ngenxa yoko, babesabelana ngezinto eziphathekayo nangokomoya. (Roma 15:26, 27) Nanamhlanje, iminikelo eyenzelwa amanye amakholwa yenziwa ngokuzithandela nangothando. (Marko 12:28-31) Nakule nkalo ngamnye wethu uxhomekeke komnye ukuze silingane nokuze ‘lowo onokuncinane angaze abe nokuncinane gqitha.’—2 Korinte 8: 15.
19, 20. Chaza umzekelo wendlela abantu bakaYehova abanceda ngayo xa kuvela iintlekele.
19 Ekubeni sisazi ukuba mKristu ngamnye uxhomekeke komnye, asilibazisi ekuncedeni abanye abazalwana noodade abangamakholwa. Ngokomzekelo, cinga ngoko kwenzekayo xa kwabakho inyikima nokukhukuliseka komhlaba e-El Salvador ebutsheni bonyaka wama-2001. Enye ingxelo yathi: “Abazalwana abasuka kuyo yonke imimandla yase-El Salvador bazibhokoxa ekunikeleni uncedo. Kwafika amaqela abazalwana abasuka eGuatemala, eUnited States naseKhanada beze kunikela uncedo. . . . Ngokukhawuleza kwakhiwa amakhaya angaphezu kwama-500 neeHolo zoBukumkani ezi-3 ezintle. Ukusebenza nzima kwaba bazalwana bazinikeleyo nentsebenziswano yabo kwanikela ubungqina ngeyona ndlela.”
20 Ingxelo evela eMzantsi Afrika yathi: “Kwizikhukula ezonakalisa imimandla emikhulu yaseMozambiki, abazalwana bethu abaninzi abangamaKristu bachaphazeleka. Isebe laseMozambiki layinyamekela inkoliso yeentswelo zabo. Kodwa lasicela ukuba sithumelele abo bazalwana izinto zokunxiba ezisemgangathweni. Saqokelela iimpahla ezaneleyo ezazalisa ibhokisi enkulu yeempahla eziimitha ezili-12 saza sayithumela kubazalwana bethu eMozambiki.” Ewe, nakwiimeko ezifana nezi, ngamnye wethu uxhomekeke komnye.
21. Yintoni eza kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo?
21 Njengoko kuchaziwe ngaphambili, onke amalungu omzimba womntu abalulekile. Kunjalo nangebandla lamaKristu. Ngalinye ilungu lalo lixhomekeke kwelinye. Kwakhona asebenza kunye ngokumanyeneyo. Inqaku elilandelayo liza kuqwalasela ezinye izibakala ezibangela ukuba oku kwenzeke.
Ubunokuphendula Uthini?
• Umzimba womntu ufana njani nebandla lamaKristu?
• Enza ntoni amaKristu enkulungwane yokuqala xa amanye amakholwa ayeswele izinto eziphathekayo?
• Yiyiphi eminye imizekelo yeZibhalo ebonisa ukuba mKristu ngamnye uxhomekeke komnye yaye ayancedana?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UAkwila noPrisila babebakhathalele abanye
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
Abantu bakaYehova bayancedana yaye benceda nabanye xa kuvela ingxaki