Funda KwiLizwi LikaThixo
Ngaba IBhayibhile Iyalichaza Ikamva?
Eli nqaku libuza imibuzo ekunokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize likubonise iimpendulo zayo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukuthetha nawe ngeempendulo zale mibuzo.
1. Ngaba iziprofeto zeBhayibhile zingqalile?
NguThixo uSomandla kuphela olazi ngokweenkcukacha ikamva. (Amosi 3:7) Ngokomzekelo, ukususela kumaxesha amandulo waprofeta ngokuza kukaMesiya, okanye uKristu. UMesiya wayeza kuphuma kumnombo wendoda ethembekileyo uAbraham. Wayeza kuba yinkokeli eyayiza kuqiniseka ukuba uluntu oluthembekileyo luza kufumana ubomi obugqibeleleyo kwakhona. (Genesis 22:18; Isaya 53:4, 5) Lo Kristu Othenjisiweyo wayeza kuzalelwa eBhetelehem.—Funda uMika 5:2.
Kwathi kanti lo Yesu ekuthethwa ngaye nguMesiya. Ngaphezu kweenkulungwane ezisixhenxe ngaphambili, iBhayibhile yachaza ukuba uMesiya wayeza kuzalwa yintombi enyulu nokuba uya kudelwa ngabantu. Wayeza kunikela ngobomi bakhe ngenxa yezono zabantu abaninzi, nokuba ingcwaba lakhe laliza kuba phakathi kwelezityebi. (Isaya 7:14; 53:3, 9, 12) Kwiinkulungwane ezintlanu ngaphambili, iBhayibhile yachaza ukuba uYesu wayeza kungena eYerusalem ekhwele iesile nokuba wayeza kungcatshwa ngamaqhosha esilivere angama-30. Kwenzeka kanye ngaloo ndlela.—Funda uZekariya 9:9; 11:12.
2. Ngaba uThixo uyichaza kusengaphambili imihla?
Kusasele iinkulungwane ezintlanu ngaphambi kokuba avele uMesiya iBhayibhile yaprofeta ngonyaka awayeza kuvela ngawo. Ixesha lokufika kwakhe lalinganiswa ngeeveki zonyaka, oko kuthetha ukuba “iveki” enye yiminyaka esixhenxe. Kwakuza kubakho iiveki ezisi-7 nezingama-62, xa zidityaniswa zenza isimbuku seeveki ezingama-69 eziyiminyaka. Leyo yiminyaka engama-483. Yaqala nini ukubalwa le minyaka? Ngokwengxelo yeBhayibhile, eli xesha laqalisa xa umkhonzi kaThixo uNehemiya wabuyela eYerusalem ezokwakha isixeko kwakhona. Imbali yamaPersi iwuchaza lo nyaka njengowama-455 B.C.E. (Nehemiya 2:1-5) UYesu wabhaptizwa njengoMesiya kwiminyaka engama-483 kamva, ngonyaka wama-29 C.E., kanye ngexesha.—Funda uDaniyeli 9:25.
3. Ngaba iziprofeto zeBhayibhile ziyazaliseka ngoku?
UYesu waprofeta ngeziganeko ezimangalisayo zexesha lethu. Iziprofeto zakhe zikhankanya iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, obuya kuzisa isiqabu kubo bonke abantu abamthandayo. UBukumkani buya kuphelisa le nkqubo yezinto ingendawo esiphila kuyo.—Funda uMateyu 24:14, 21, 22.
Iziprofeto zeBhayibhile zisichazela ngokweenkcukacha ngesiphelo sale nkqubo yezinto. IBhayibhile ityhila ukuba nangona ubulumko babantu obuhambela phambili, abantu babeza kuwonakalisa umhlaba. Iingxaki ezibangelwa ziimfazwe, ukunqongophala kokutya, iinyikima, nezifo ezibulalayo zaziza kuthath’ unyawo. (Luka 21:11; ISityhilelo 11:8) Imilinganiselo yokuziphatha yayiya kuwohloka. Kula maxesha obunzima, abalandeli bakaYesu babeza kushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kuzo zonke iintlanga.—Funda uMateyu 24:3, 7, 8; 2 Timoti 3:1-5.
4. Liza kuba yintoni ikamva loluntu?
UThixo uSomandla uza kulusikelela ngezinto ezintle lonke uluntu oluhlala luthembekile. UYesu Kristu, uMesiya, ekunye nabanyuliweyo bakhe, baza kulawula umhlaba besezulwini. BabuBukumkani obungurhulumente oza kulawula iminyaka eliwaka. Abafileyo baza kuvuswa baze babe nethuba lokuphila ubomi obungunaphakade. Okunye kukuba, uBukumkani buza kubaphilisa bonke abagulayo. Ukugula nokufa kuya kube kungasekho.—Funda iSityhilelo 5:10; 20:6, 12; 21:4, 5.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda iphepha 23-25 nele 197-201 lencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?