Sondela KuThixo
“Mna Yehova UThixo Wakho, Ndibamba Isandla Sakho Sasekunene”
“BAMBA isandla sam,” utsho utata kunyana wakhe xa beza kunqumla isitrato esixakekileyo. Njengoko, isandla sikayise esomeleleyo sithe khamfu loo minwana, le nkwenkwana iziva ikhuselekile yaye ayoyiki. Ngaba wakha wanqwenela ukuba kubekho umntu obamba isandla sakho aze akukhokele njengoko uqhubeka nobomi? Ukuba kunjalo usenokufumana intuthuzelo kula mazwi abhalwe nguIsaya.—Funda uIsaya 41:10, 13.
UIsaya uwabhekisa kuSirayeli la mazwi. Ngoxa uYehova ejonga eso sizwe ‘njengesiyinqobo kuye’ sasingqongwe ziintshaba. (Eksodus 19:5) Ngaba wayefanele oyike uSirayeli? UYehova wasebenzisa uIsaya ukuba adlulisele esi sigidimi siqinisekisayo. Njengoko sihlalutya loo mazwi, kufuneka sikhumbule ukuba ayasebenza nakubakhonzi bakaThixo namhlanje.—Roma 15:4.
UYehova ubongoza athi: “Musa ukoyika.” (Vesi 10) La asingomazwi alambathayo. UYehova uchaza isizathu sokuba abantu bakhe befanele bangoyiki: “Kuba ndinawe.” Akaloncedo oluthe qelele kubo, ethembisa ukuba uza kufika ngexesha elifanelekileyo ukuze abancede ngamaxesha obunzima. Ufuna bazi abantu bakhe ukuba ukunye nabo—ngokungathi ulapha ecaleni kwabo—elungele ukubaxhasa. Ngaba awathuthuzeli loo mazwi?
UYehova uphinda abaqinisekise abakhonzi bakhe ngokuthi: “Musa ukubhekabheka.” (Vesi 10) Isenzi sesiHebhere esisetyenziswe apha sinokubhekisela kwabo “bakhangela mbombo zonke ukuze babone enoba akukhonto iza kubenzakalisa kusini na.” UYehova uchaza isizathu sokuba kungeyomfuneko ngabantu bakhe ukuba balaqaze kuba besoyika: “Kuba ndinguThixo wakho.” Ngawaphi amazwi anokuqinisekisa ukodlula la? UYehova ‘ngOyena uphakamileyo,’ “Lowo unguSomandla.” (INdumiso 91:1) Ekubeni uYehova onamandla enguThixo wabo, kutheni befanele boyike?
Yintoni ke enokulindelwa ngabakhonzi bakaYehova kuye? Uthembisa athi: “Ndiza kukubamba nkqi ngokwenene ngesandla sam sasekunene sobulungisa.” (Vesi 10) Uphinda athi: “Mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene.” (Vesi 13) Ucinga ntoni xa usiva loo mazwi? Enye imbekiselo ithi: “Xa zidityanisiwe, ezi vesi zibonisa umfanekiso onamandla womzali nomntwana wakhe.” “[Utata] akamelanga qelele ukuze akhusele, kodwa ukunye nomntwana wakhe; ngoko ke,akanakuvuma ukwahlukaniswa naye.” Khawufan’ ucinge—uYehova akasoze avume ukwahlukaniswa nabantu bakhe, nangamaxesha amanzithinzithi ebomini babo.—Hebhere 13:5, 6.
Abanquli bakaYehova banamhlanje banokuthuthuzelwa ngala mazwi kaIsaya. Kula “maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,” maxa wambi sinokuziva sisonganyelwa zinzingo zobomi. (2 Timoti 3:1) Kodwa akuyomfuneko ukuba sizimele ngenkqayi elangeni. UYehova ukulungele ukolula ingalo yakhe aze asibambe asiqinise ngesandla sakhe. Njengabantwana abamthembayo, sinokubambelela kwisandla sakhe esikhulu, siqinisekile ukuba uya kusikhokelela kwicala elilungileyo aze asincede ngamaxesha kaxakeka.—INdumiso 63:7, 8.
Izibhalo onokuzifunda ngoJanuwari: