IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
YINTONI eyanceda ibhinqa eliselula nelakhula kabuhlungu lafumana intsingiselo ebomini? Yintoni eyanceda umvukeli wezopolitiko onogonyamelo waba ngumshumayeli othanda uxolo? Funda ezi ngxelo ukuze ufumane iimpendulo.
“Ndandikufuna Gqitha Ukuthandwa Nokuba Kwikhaya Elifudumeleyo.”—INNA LEZHNINA
UNYAKA WOKUZALWA: 1981
ILIZWE: ERASHIYA
UBOMI BANGAPHAMBILI: UKUKHULA KABUHLUNGU
INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Ndazalwa ndisisithulu ngabazali abazizithulu. Iminyaka emithandathu yokuqala yobomi bam yayimnandi. Emva koko abazali bam baqhawula umtshato. Nangona ndandisemncinane, ndandiqonda ukuba kuthetha ukuthini ukuqhawula umtshato, yaye yandivisa ubuhlungu gqitha loo nto. Emva kokuba utata nobhuti wam baya kuhlala eTroitsk, mna nomama saya kuhlala eChelyabinsk. Ekuhambeni kwexesha umama waphinda watshata. Utata wam wesibini wayenxila, yaye wayedla ngokusibetha nomama.
Ngowe-1993, ubhuti warhaxwa ngamanzi. Ukufa kwakhe kwasiqubula. Umama waqalisa ukusela, waza naye waqalisa ukundiphatha kakubi njengotata wam wesibini. Ndaqalisa ukufuna ukuphila ubomi obungcono. Ndandikufuna gqitha ukuthandwa nokuba kwikhaya elifudumeleyo. Ndaqalisa ukuya kwiicawa ezahlukahlukeneyo ukuze ndifumane intuthuzelo, kodwa ndabuya nemband’ esikhova.
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHIYE: Xa ndandineminyaka eli-13 ubudala, omnye umfundi eklasini, owayeliNgqina likaYehova, wandibalisela amabali aseBhayibhileni. Ndandikuthanda ukufunda ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni abanjengoNowa noYobhi, abakhonza uThixo naphantsi kweemeko ezazinzima. Akuzange kubekudala ndaqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina ndaza ndaya nakwiintlanganiso zawo.
Ukufunda iBhayibhile kwandivul’ amehlo ndatsho ndazazi iinyaniso ezininzi. Kwandichukumisa gqitha ukwazi ukuba uThixo unegama. (INdumiso 83:18) Kwandivuyisa gqitha ukubona indlela echane ngayo iBhayibhile ekuxeleni kwangaphambili iimeko ezaziya kubakho “ngemihla yokugqibela.” (2 Timoti 3:1-5) Ndavuya gqitha ndakufunda ngethemba lovuko. Khawufane ucinge—ndiza kuphinda ndimbone umntakwethu!—Yohane 5:28, 29.
Noko ke, asinguye wonke umntu owayevuyisana nam. Umama notata wam wesibini babengawathandi amaNgqina kaYehova. Bazama ukundinyanzela ukuba ndiyeke ukufunda iBhayibhile. Kodwa ndandizithanda izinto endandizifunda yaye ndandingazimiselanga kuziyeka.
Kwakungelulanga ukuyixhathisa loo nkcaso. Esinye isishiqi esandehlelayo, yaba kukurhaxwa komntakwethu oz’ emva kwam owayedla ngokundikhapha xa ndisiya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Sekunjalo, amaNgqina ayesoloko endixhasa. Phakathi kwawo ndafumana uthando endandisoloko ndilunqwenela ubomi bam bonke. Ndandisazi ukuba olu imele ukuba lunqulo lokwenyaniso. Ngowe-1996, ndabhaptizwa njengelinye lamaNgqina kaYehova.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Kule minyaka mithandathu, idlulileyo benditshate nendoda enothando ebizwa ngokuba nguDmitry. Sobabini sikhonza kwiofisi yamaNgqina kaYehova eSt. Petersburg. Ekuhambeni kwexesha inkcaso yabazali bam yetha.
Ndinombulelo ngokumazi uYehova! Ukumkhonza kubenza banentsingiselo ubomi bam.
“Ndandikhathazwa Yimibuzo Emininzi”—RAUDEL RODRÍGUEZ RODRÍGUEZ
UNYAKA WOKUZALWA: 1959
ILIZWE: ECUBA
UBOMI BANGAPHAMBILI: UMVUKELI WEZOPOLITIKO
INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Ndazalelwa eHavana, eCuba, yaye ndakhulela kwindawo yabantu abangathathi ntweni apho kuxhaphake imilo. Njengoko ndandikhula, ndaba nomdla kwijudo nakweminye imidlalo ekhuthaza umlo.
Ndandizimisele esikolweni, ngenxa yoko abazali bam bandikhuthaza ukuba ndiye eyunivesithi. Ngoxa ndilapho, ndavakalelwa kukuba kufuneka iinguqu kwezopolitiko kwilizwe lethu. Ndagqiba ekubeni ndivukele. Mna nomnye umfundi sahlasela ipolisa sifuna ukuhlutha umpu walo. Olo sukuzwano lwashiya elo polisa lenzakele entloko kanobom. Savalelwa entolongweni saza sagwetyelwa ukubulawa ngokudutyulwa. Ndandineminyaka engama-20 kuphela ubudala, sekunjalo ndandijongene nokufa!
Ndindedwa esiseleni, ndandicamngca ngento endiza kuyenza xa ndiza kubulawa. Ndandingafuni ukubonakala ndisoyika. Kwangaxeshanye ndandinemibuzo emininzi. Ndandizibuza ukuba ‘kutheni kuxhaphake kangaka okungekho sikweni ehlabathini? Ngaba ubomi buphelele apha?’
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Isigwebo sethu sentambo satshintshwa saba yiminyaka engama-30 entolongweni. Kuleli xesha ke apho ndadibana namaNgqina kaYehova awayevalelwe entolongweni ngenxa yeenkolelo zawo zonqulo. Ndandichukunyiswa gqitha yinkalipho yawo nokuthanda kwawo uxolo. Nangona ayevalelwe ngaphandle kwesizathu ayengenawo umsindo okanye inqala.
AmaNgqina andifundisa ukuba uThixo unenjongo ngoluntu. Andibonisa ngokusuka eBhayibhileni ukuba uThixo uza kuwuguqula umhlaba ube yiparadesi engenalwaphulo mthetho nokungekho sikweni. Andifundisa ukuba umhlaba uza kuzaliswa ngabantu abalungileyo, abaya kuphila ngonaphakade kwiimeko ezigqibeleleyo.—INdumiso 37:29.
Ndandizithanda izinto endandizifundiswa ngamaNgqina, kodwa ubuntu bethu babungafani. Ndandicinga ukuba ngundilele kwezopolitiko okanye ukuvuma ukumpakazwa nakwesinye isidlele kwakungenakundilungela mna. Ngoko ndagqiba ekubeni ndizifundele ngokwam iBhayibhile. Ukuyigqiba kwam, ndafumanisa ukuba ngamaNgqina kaYehova kuphela awayeziphethe njengamaKristu enkulungwane yokuqala.
Ekufundeni kwam iBhayibhile, ndafumanisa ukuba kuza kufuneka ndenze iinguqu ezinkulu ebomini bam. Ngokomzekelo kwakuza kufuneka nditshintshe indlela endithetha ngayo kuba ndandithuka. Kwakhona kwakuza kufuneka ndiyeke nokutshaya. Kwakuza kufuneka ndibe ngundilele kwezopolitiko. Kwakungelula ukwenza ezi nguqu, kodwa ngoncedo lukaYehova ndaphumelela.
Enye yezona zinto zazinzima kukulawula umsindo. Kwanangoku ndisawuthandazela lo mba. Ndancedwa ziivesi zeBhayibhile ezinjengeMizekeliso 16:32, ethi: “Ozeka kade umsindo ulunge ngakumbi kunendoda enamandla, yaye owulawulayo umoya wakhe ungaphezu kothimba isixeko.”
Ngowe-1991, ndabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova. Ndabhaptizwa kumphanda wamanzi entolongweni. Kunyaka olandelayo abanye bethu bakhululwa saza sathunyelwa eSpeyin kuba sasinezalamane apho. Ngoko nangoko, ukufika kwam eSpeyin ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova. AmaNgqina alapho andamkela ngokungathi kudala endazi endinceda ukuba ndizinze.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ndiyindoda eyonwabileyo, ndikhonza uThixo kunye nomfazi wam neentombi zethu. Ndinenyhweba ngokuchitha ixesha lam elininzi ndinceda abanye bafunde iBhayibhile. Ngamanye amaxesha ndikhe ndikhumbule emva xa ndandiza kubulawa, ziyandivuyisa izinto endiye ndazifunda ukususela ngoko. Ngoku ndiphila ndinethemba. Ndikhangele phambili kwisithembiso seParadesi—xa kugquba okusesikweni ‘nokufa kungasekho.’—ISityhilelo 21:3, 4.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 19]
“Kwandichukumisa gqitha ukwazi ukuba uThixo unegama”
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Mna nomyeni wam sishumayela kubantu abangevayo