Imibuzo Yabafundi . . .
Kwakutheni Ukuze UThixo Acele UAbraham Ukuba Enze Idini Ngonyana Wakhe?
▪ Njengoko kubhalwe kwincwadi yeBhayibhile yeGenesis, uYehova uThixo wacela uAbraham ukuba enze idini ngonyana wakhe uIsake. (Genesis 22:2) Abanye abafundi beBhayibhile iyabaphazamisa le ngxelo. UNjingalwazi uCarol uthi: “Ukuqala kwam ukufunda eli bali ndisengumntwana, ndacaphuka gqitha. NguThixo onjani lo unokucela into enje?” Nangona ziqondakala izizathu zokuvakalelwa ngalo ndlela, kuya kuba kuhle ukukhumbula iingongoma ezimbalwa engqondweni.
Okokuqala, khumbula oko uYehova angazange akwenze. Akazange amvumele uAbraham ukuba aqhubeke nelo dini, nangona yena wayekulungele ukwenjenjalo, engazange uThixo aphinde acele ukuba kubekho umntu owenza loo nto. UYehova ufuna bonke abanquli bakhe, kuquka nabantwana, ukuba baqhubeke bephila—banandiphe ubomi obumnandi nobanelisayo.
Okwesibini, iBhayibhile ibonisa ukuba uYehova wayenesizathu esibalulekileyo sokucela uAbraham ukuba enze idini ngoIsake. UThixo wayesazi ukuba kwiinkulungwane ezininzi ezizayo, Wayeza kuvumela uNyana wakhe,a uYesu, ukuba asifele. (Mateyu 20:28) UYehova wayefuna sibone iindleko awayeza kungena kuzo xa esenza eli dini. Wenza umboniso ochukumisayo ngokucela uAbraham. Njani?
Khawuve amazwi uYehova awathetha kuAbraham: “Nceda, uthabathe unyana wakho, unyana wakho okuphela kwakhe, omthanda kunene, uIsake, uze . . . umnikele njengomnikelo otshiswayo.” (Genesis 22:2) Phawula ukuba uYehova ubhekisela kuIsake njengonyana ‘amthanda kunene.’ UYehova wayeyazi indlela uAbraham awayemthanda ngayo uIsake. Kwakhona uThixo wayeyazi indlela avakalelwa ngayo ngoNyana wakhe, uYesu. UYehova wayemthanda kakhulu uYesu kangangokuba wathetha naye izihlandlo ezibini esezulwini, embiza ngokuba “nguNyana wam, oyintanda.”—Marko 1:11; 9:7.
Uqaphele nokuba xa uYehova wayecela uAbraham wasebenzisa igama elithi “nceda.” Omnye umphengululi weBhayibhile uthi ukusebenzisa kukaThixo eli gama kubonisa ukuba “INKOSI iyaziqonda iindleko aza kungena kuzo uAbraham ngenxa yesi sicelo asenza kuye.” Njengoko sinokubona, esi sicelo simele ukuba samenza buhlungu gqitha uAbraham; ngendlela efanayo, asinakuyithelekelela intlungu awayivayo uYehova njengoko wayebukele uNyana wakhe oyintanda ebandezeleka aze afe. Ngaphandle kwamathandabuzo yayiyeyona ntlungu inkulu uYehova awakhe wayinyamezela okanye aya kuze ayinyamezele.
Nangona isenokuba ngamasikizi kuthi into yokuba uYehova wacela uAbraham ukuba enze idini ngonyana wakhe, kuya kuba kuhle ukukhumbula ukuba uYehova akazange amvumele lo solusapho uthembekileyo ukuba aqhubeke nelo dini. Ngokungavumeli uIsake afe, uThixo wayengafuni uAbraham eve eyona ntlungu yokufelwa inokuviwa ngumzali. Kodwa uYehova akazange ambandeze “uNyana wakhe kodwa wamnikela ngenxa yethu sonke.” (Roma 8:32) Kwakutheni ukuze uYehova azivumele eve loo ntlungu? Kungenxa yokuba wayefuna “sizuze ubomi ngaye.”(1 Yohane 4:9) Esinjani isikhumbuzo ngothando uThixo analo ngathi! Ngaba asimele simthande nathi?b
[Imibhalo esemazantsi]
a IBhayibhile ayifundisi ukuba uThixo wazala uYesu ngebhinqa. Kunoko, uYehova wadala isidalwa somoya esathi kamva sathunyelwa emhlabeni ukuze sizalwe yintombi enyulu uMariya. NjengoMdali kaYesu, kufanelekile, ukuba uThixo kuthiwe unguYise.
b Ukuze ufunde okungakumbi ngesizathu sokuba kufuneke ukuba uYesu makafe nendlela esinokubonisa ngayo uxabiso lwethu ngako, funda isahluko 5 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?