IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w13 6/1 iphe. 3-4
  • Ucalucalulo—Ingxaki Egquba Kulo Lonke Elimiweyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ucalucalulo—Ingxaki Egquba Kulo Lonke Elimiweyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UMBANDELA ONZIMA
  • Luza Kuphela Nini Ucalucalulo Emhlabeni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Umkhethe​—⁠Ngaba Wena Unawo?
    Vukani!—2020
  • Ngaba Ulixhoba Lekhethe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ukuphela Kwekhethe
    Vukani!—2004
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
w13 6/1 iphe. 3-4

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ucalucalulo Ingxaki Egquba Kulo Lonke Elimiweyo

XA WAYESEMNCINCI, uJonathan oyinzalelwane yaseKorea kodwa ohlala eMerika wayecalulwa ngobuhlanga. Wathi akukhula, wakhangela indawo apho awayengazukucalulwa kuyo ngenxa yebala okanye uhlanga lwakhe. Waya kuba ngugqirha kwidolophu ekumntla weAlaska, enabantu abaninzi abafana naye. Apho wayecinga ukuba ukhuselekile kucalucalulo.

Noko ke, atshabalala onke loo mathemba xa wayenyanga enye inkosikazi eyayineminyaka engama-25. Kaloku le nkosikazi yathi isakuphaphama yaza yabona ubuso bukaJonathan, yasithi bhutyu isithuko esasiyichaza kakuhle indlela engabathandi ngayo abantu baseKorea. Le nto yamenza wabona uJonathan ukuba wayengenako ukulubaleka ucalucalulo.

Le nto yehlela uJonathan isifundisa isifundo esibalulekileyo. Ucalucalulo lukho mbombo zone zomhlaba. Kubonakala ngathi ucalucalulo lukho naphi na apho kukho abantu.

Nangona ucalucalulo lusasazeke kuyo yonke indawo, abantu abaninzi abafuni nokulubona. Nantsi eyona nto imangalisayo. Kwenzeka njani ukuba isasazeke kangaka into engafunwa kangaka ngabantu? Kuyacaca ukuba abantu abaninzi abangaluthandiyo ucalucalulo abakwazi kuzibona xa benalo. Ngaba nawe unjalo?

YINTONI UCALUCALULO?

Abaphandi abakwazi kuluchaza ukuba luyintoni kanye kanye ucalucalulo. Abanye bathi kukungathandi umntu othile kuba nje engoweqela elithile. Abanye bathi oku kubangelwa kukungabi nalwazi lwaneleyo, nto leyo ekhokelela ekukrokreleni abantu beqela elithile. Enoba yintoni unobangela, abantu basenokucalucalulwa ngenxa yobuhlanga, ubukhulu okanye ubuncinane bomzimba wabo, isini, ulwimi, unqulo okanye nantoni na enye ebenza bohluke.

UMBANDELA ONZIMA

Kunzima kuthi ukuzibona xa sinocalucalulo ezintliziyweni zethu, enoba loo nto siyayiqonda okanye akunjalo. IBhayibhile ichaza isizathu soku xa isithi: “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na.” (Yeremiya 17:9) Ngoko ke, sisenokuzikhohlisa sisithi sithanda abantu bazo zonke iintlanga. Okanye sizithethelele sisithi sinezizathu ezivakalayo zokungabathembi abantu bohlanga oluthile.

Uthini Xa Ukule Meko?

Makhe senze umzekelo wento enokukunceda ubone enoba unocalucalulo kusini na: Masithi uhamba ebusuku kwisitrato esithe nkcwe. Kusenjalo kuthi gqi abafana ababini ongabaziyo. Babonakala besoyikeka yaye omnye ubonakala ngathi kukho into ayiphetheyo.

Ngaba ubuya kugqiba kwelokuba aba bafana baxway’ impazamo? Kuyinyaniso ukuba izinto ezakha zakwehlela bezinokukwenza ubalumkele aba bafana, kodwa ngaba nyhani ezo zinto zifanele zikwenze ugqibe kwelokuba naba bafana babini bayingozi? Umbuzo obaluleke nangakumbi ngowokuba, Ucinga ukuba ngaboluphi uhlanga? Indlela owuphendula ngayo lo mbuzo ikuchaza kakuhle oko kusentliziyweni yakho. Isenokubonisa ukuba sele utyhefiwe lucalucalulo.

Xa sithetha inyani, sonke sifanele sivume ukuba sinalo ucalucalulo. NeBhayibhile iyavuma ukuba kukho uhlobo oluxhaphakileyo localucalulo xa isithi: “Abantu bagweba abanye ngokwenkangeleko yabo.” (1 Samuweli 16:7, IContemporary English Version) Ekubeni sonke sinale ngxaki edla ngokuba nemiphumo eyingozi, ngaba likho ithemba lokuba siya kuze silusiphule neengcambu ucalucalulo kubomi bethu? Ngaba ucalucalulo luya kuze luphele emhlabeni?

UCALUCALULO LUKHO KUYO YONKE INDAWO

EKhanada: “Nangona liye lamkelwa elokuba eli lizwe lineentlanga ezahlukahlukeneyo kwaza kwabekwa nemithetho yokukhusela ezo ntlanga, ubuhlanga busaqhubeka buyingxaki kwelo.”—Ingxelo Eyenziwa yi-Amnesty International NgeKhanada, Ngowama-2012.

EYurophu: “Abantu abaninzi baseYurophu bakholelwa ukuba incinane gqitha into eyenziwayo ukuze kuliwe nocalucalulo kumazwe abo.”—I-Intolerance, Prejudice and Discrimination: A European Report, 2011.

E-Afrika: “Ubundlobongela nokucalulwa kwabafazi kusagquba kumazwe amaninzi.”—I-Amnesty International Report 2012.

ENepal: “AmaNdiya amnyama asacalucalulwa, ingakumbi kwezoqoqosho, ezentlalo nenkcubeko.”—IHuman Rights Watch World Report, 2012.

KwiMpuma YeYurophu: “IRoma ekwimpuma yeYurophu ineengxwaba-ngxwaba ezinkulu, ibe azingenwa nangabezopolitiko.”—IThe Economist, Septemba 4, 2010.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share