IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w14 1/1 iphe. 4-5
  • Iinzame Zabantu Zokulwa Nokufa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iinzame Zabantu Zokulwa Nokufa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • NGABA UKUFA KUNGAZE KOYISWE?
  • Abantu Banokuphila Ixesha Elide Kangakanani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Indlela Oluza Kupheliswa Ngayo Utshaba Olukukufa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
  • Umntu Unako Ukuphila Ngonaphakade
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • ‘Utshaba Lokugqibela’ Luya Koyiswa!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
w14 1/1 iphe. 4-5
UFaro waseYiputa

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA UKUFA SISIPHELO?

Iinzame Zabantu Zokulwa Nokufa

Chinese Emperor Qin Shi Huang and Spanish explorer Juan Ponce de León

UMLAWULI UQIN SHI HUANG

UMKHENKETHI UPONCE DE LEÓN

Ukufa lutshaba oloyikekayo. Sizama ngako konke esinako ukukulwa. Kuba nzima ukwamkela ukufa komntu esimthandayo. Okanye, kuba sisebatsha, sisenokucinga ukuba ukufa akuyi kusifikela—sibe siziqhatha.

OoFaro bamandulo ngabona babecinga kakhulu ngokuphila ubomi obungenasiphelo. Bachitha ixesha labo elininzi, nelabasebenzi babo abangamawaka bezama ukoyisa ukufa. Iipiramidi abazakhayo zibubungqina boko, nokungaphumeleli kwalo malinge.

Nabo abalawuli baseTshayina babesenza amalinge ukuze baphile ubomi obungenasiphelo. Bona bakwenza ngendlela eyahlukileyo oku—ngokufuna ichiza elenza abantu bangafi. Umlawuli uQin Shi Huang wayalela abenzi bamachiza akhe ukuba benze umxube womlingo owawuza kugxotha ukufa. Kodwa ke, emininzi kule mixube yayinetyhefu, ibe kusenokwenzeka ukuba wabulawa ngomnye wayo.

Kwiminyaka yee-1500, uJuan Ponce de León umkhenkethi waseSpeyin wagugutha unxweme lweCaribbean, kusithiwa ukhangela umthombo wobutsha. Kwelo linge lakhe, wafika eFlorida eUnited States, kodwa wafa emva kweminyaka embalwa kumlo awayenawo namaMerika Omthonyama. Phofu ke awuzange ude ufunyanwe naloo mthombo wobutsha.

OoFaro, abalawuli kunye nabakhenkethi, bonke bazama ukoyisa ukufa. Akekho phakathi kwethu onokujongela phantsi iinjongo zala madoda, nangona ke sisenokungazithandi iindlela ayefuna ngazo ukungafi. Phantse sonke sinomnqweno wokuhlala siphila.

NGABA UKUFA KUNGAZE KOYISWE?

Kutheni nje singafuni ukufa? IBhayibhile iyasichazela isizathu. Xa ithetha ngoMdali wethu, uYehova uThixo,a ithi: “Yonk’ into uyenze yantle ngexesha layo. Kwanexesha elingenammiselo ulibeke ezintliziyweni zabo [abantu].” (INtshumayeli 3:11) Sonke sifuna ukonwaba emhlabeni, kungekhona nje iminyaka emalunga neyi-80. (INdumiso 90:10) Lowo ngumnqweno okwiintliziyo zethu.

Kwakutheni ukuze uThixo abeke ‘ixesha elingenammiselo’ ezintliziyewni zethu? Ngaba wayefuna sinqwenele into esingenakuyifumana? Akunjalo. Kunoko, uThixo usithembisa ukuba kuseza koyiswa ukufa. IBhayibhile ithetha ngokuphindaphindiweyo ngokupheliswa kokufa nangesithembiso sikaThixo sobomi obungunaphakade.—Funda ibhokisi ethi, “Ukoyiswa Kokufa.”

UYesu Kristu wayibeka yacaca xa wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Lilonke, sinalo ithemba lokuba ukufa kuseza koyiswa. Noko ke, uYesu wathi nguThixo kuphela onokoyisa ukufa.

a UYehova ligama likaThixo elichazwe eBhayibhileni.

Ukoyiswa Kokufa

  • “Uya kuginya ukufa ngonaphakade, yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke.”—Isaya 25:8.

  • “Kuko oku ukuthanda kukaBawo, ukuba wonk’ ubani ombonayo uNyana aze abonise ukholo kuye, abe nobomi obungunaphakade.”—Yohane 6:40.

  • “Olokugqibela utshaba oluya kutshitshiswa kukufa.”—1 Korinte 15:26.

  • ‘Sinethemba lobomi obungunaphakade awathi uThixo, ongenakuxoka, wabuthembisa kwantlandlolo.’—Tito 1:2.

  • “Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa.”—ISityhilelo 21:4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share